Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngeetshomi?

Ithini IBhayibhile Ngeetshomi?

Impendulo Esuka EBhayibhileni

 Iitshomi zingasinceda sonwabe size siphumelele ebomini. Iitshomi ziyasinceda size sibe ngabantu ababhetele.—IMizekeliso 27:17.

 Nangona kunjalo, iBhayibhile isixelela ngokubaluleka kokuzikhetha kakuhle iitshomi. Iyasilumkisa ngezinto ezinokwenzeka kuthi xa sikhetha iitshomi ezingalunganga. (IMizekeliso 13:20;1 Korinte 15:33) Iitshomi ezinjalo zinokubangela ukuba senze izigqibo zobudenge okanye zimoshe iimpawu ezintle esinazo.

Kweli nqaku

 Injani itshomi elungileyo?

 IBhayibhile ifundisa ukuba akunyanzelekanga ukuba iitshomi ezilungileyo zithande okanye zenze izinto ezifanayo. Ngokomzekelo, iNdumiso 119:63 ithi:“Ndingumhlobo wabo bonke abo bakoyikayo a nowabo bagcina imiyalelo yakho.” Qaphela ukuba umbhali weBhayibhile uthi wakhetha iitshomi ezikoyikayo ukungathembeki kuThixo nezifuna ukuphila ngendlela ayifunayo.

 IBhayibhile isichazela iimpawu ekufuneka itshomi elungileyo ibe nazo. Ngokomzekelo:

  •   “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.” —IMizekeliso 17:17.

  •   “Kukho abantu abakulungeleyo ukutyumzana, kodwa kukho umhlobo osondela ngaphezu komntakwenu.”—IMizekeliso 18:24.

 Ezi vesi zeBhayibhile zisifundisa ukuba itshomi elungileyo inothando yaye inobubele. Itshomi elungileyo singayithemba ukuba inako ukusinceda xa sineengxaki. Itshomi elungileyo inokuba nesibindi sokusixelela xa sisenza isigqibo esingalunganga. —IMizekeliso 27:6, 9

 Yeyiphi Eminye imizekelo yeetshomi ezilungileyo eseBhayibhileni?

 IBhayibhile inemizekelo yabantu abaneminyaka eyahlukileyo, abaneemvelaphi ezahlukeneyo nabanamagunya awahlukeneyo. Jonga le mizekelo mithathu ilandelayo

  •   URute noNahomi. URute wayengumolokazana kaNahomi yaye babeshiyana kakhulu ngeminyaka. Ukongezelela, uRute noNahomi babeneemvelaphi ezingafaniyo. Nangona kukho lo mahluko babesondelelene bengabahlobo abathandanayo.—Rute 1:16.

  •   UDavide noYonatan. Nangona uYonatan wayemshiya ngeminyaka eyi-30, iBhayibhile ithi ‘babengabahlobo abasenyongweni.’—1 Samuweli 18:1.

  •   UYesu nabapostile bakhe. UYesu wayemkhulu kubapostile bakhe. (Yohane 13:13) Akazange acinge ukuba abanokuba ngabahlobo bakhe. Kodwa, uYesu wayesondelelene nabo babemamela iimfundiso zakhe. Wathi: “Ndinibiza abahlobo bam kuba ndinixelele yonke into endiyixelelwe nguTata.”— Yohane 15:14, 15

 Ngaba umntu angaba ngumhlobo kaThixo?

 Ewe, abantu bangangabo abahlobo bakaThixo. IBhayibhile ithi: “Ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.” (IMizekeliso 3:32) Ngamanye amazwi, uThixo uba yitshomi yabantu abathembekileyo abazimisela ukuphila ngendlela ayifunayo. Ngokomzekelo, indoda eyayithembekile uAbraham ibizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo eBhayibhileni. —2 Kronike 20:7; Isaya 41:8; Yakobi 2:23.

a Amazwi akule vesi abhekiswa kuThixo.