IMizekeliso 12:1-28
12 Oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi,+Kodwa osicaphukelayo isohlwayo akayisebenzisi ingqondo.*+
2 Umntu olungileyo uyathandwa nguYehova,Kodwa uyamcaphukela umntu oceba inkohlakalo.+
3 Akakho umntu onokukhuselwa bububi,+Kodwa amalungisa awasoze agungqiswe.
4 Umfazi olungileyo usisithsaba endodeni yakhe,+Kodwa umfazi owenza izinto eziziintloni unjengokubola emathanjeni ayo.+
5 Iingcinga zamalungisa zilungile,Kodwa amacebiso abenzi-bubi ayalahlekisa.
6 Amazwi abenzi-bubi alalela ngenjongo yokubulala,*+Kodwa umlomo wamalungisa uyawasindisa.+
7 Xa abenzi-bubi bebhukuqwa, kuphelile ngabo,Kodwa indlu yamalungisa iza kuhlala imile.+
8 Uyadunyiswa umntu ocingayo ngaphambi kokuba athethe,+Kodwa onentliziyo egqwethekileyo ujongelwa phantsi.+
9 Ungcono umntu ojongelwa phantsi kodwa enesicakaKunomntu ozenza bhetele kodwa engenakutya.*+
10 Ilungisa liziphatha kakuhle izilwanyana zalo zasekhaya,+Kodwa bona abenzi-bubi, nkqu nenceba yabo inenkohlakalo.
11 Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela kukutya,+Kodwa oleqa izinto ezingenaxabiso akayisebenzisi ingqondo.*
12 Umenzi-bubi unqwenela ingeniso yabakhohlakeleyo,Kodwa ingcambu yamalungisa ivelisa isiqhamo.
13 Umntu okhohlakeleyo ubanjiswa kwangamazwi akhe esono,+Kodwa ilungisa liyasinda ekukhathazekeni.
14 Ngesiqhamo samazwi akhe* umntu uyanela kokulungileyo,+Ibe uza kufumana umvuzo ngomsebenzi wezandla zakhe.
15 Indlela yesidenge ilungile emehlweni aso,+Kodwa sona isilumko siyalamkela icebiso.*+
16 Isidenge sizibonakalisa kwangoko* xa sicaphukile,+Kodwa umntu osisilumko akasihoyi* isithuko.
17 Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyani,*Kodwa ingqina elixokayo lithetha ubuxoki.
18 Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele,Kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.+
19 Imilebe ethetha inyaniso iza kuhlala ngonaphakade,+Kodwa ulwimi oluxokayo luza kuhlala nje umzuzwana.+
20 Abo baneentliziyo ezinenkohliso baceba ububi,Kodwa abo bakhuthaza uxolo* bonwabile.+
21 Ilungisa alizukwehlelwa yinto embi,+Kodwa abenzi-bubi baza kuthwaxwa ziinkathazo.+
22 UYehova uyayicaphukela imilebe exokayo,+Kodwa uyabathanda abo bathembekileyo.
23 Umntu osisilumko uyayifihla into ayaziyo,Kodwa intliziyo yesidenge ibhenca ubudenge baso.+
24 Isandla sabakhutheleyo siza kulawula,+Kodwa izandla zamavila ziza kuphelela ebukhobokeni.+
25 Amaxhala ayayityhafisa intliziyo yomntu,+Kodwa ilizwi elilungileyo liyayidlamkisa.+
26 Ilungisa liyawahlola amadlelo alo,Kodwa indlela yabenzi-bubi iyabalahlekisa.
27 Umntu owonqenayo akayileqi inyamakazi,+Kodwa ukukhuthala kububutyebi obuxabisekileyo emntwini.
28 Indlela yobulungisa ikhokelela ebomini;+Akukho kufa endleleni yabo.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “akanangqondo.”
^ Ngokoqobo, “alalela igazi.”
^ Ngokoqobo, “engenasonka.”
^ Ngokoqobo, “uswele intliziyo.”
^ Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
^ Okanye “siyasamkela isiluleko.”
^ Okanye “kwangaloo mini.”
^ Ngokoqobo, “uyasogquma.”
^ Ngokoqobo, “ubulungisa.”
^ Ngokoqobo, “bangabacebisi boxolo.”