IMizekeliso 12:1-28

  • Osicaphukelayo isohlwayo akayisebenzisi ingqondo (1)

  • “Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele” (18)

  • Ukukhuthaza uxolo kuzisa ulonwabo (20)

  • UYehova uyayicaphukela imilebe exokayo (22)

  • Amaxhala ayayityhafisa intliziyo (25)

12  Oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi,+Kodwa osicaphukelayo isohlwayo akayisebenzisi ingqondo.*+   Umntu olungileyo uyathandwa nguYehova,Kodwa uyamcaphukela umntu oceba inkohlakalo.+   Akakho umntu onokukhuselwa bububi,+Kodwa amalungisa awasoze agungqiswe.   Umfazi olungileyo usisithsaba endodeni yakhe,+Kodwa umfazi owenza izinto eziziintloni unjengokubola emathanjeni ayo.+   Iingcinga zamalungisa zilungile,Kodwa amacebiso abenzi-bubi ayalahlekisa.   Amazwi abenzi-bubi alalela ngenjongo yokubulala,*+Kodwa umlomo wamalungisa uyawasindisa.+   Xa abenzi-bubi bebhukuqwa, kuphelile ngabo,Kodwa indlu yamalungisa iza kuhlala imile.+   Uyadunyiswa umntu ocingayo ngaphambi kokuba athethe,+Kodwa onentliziyo egqwethekileyo ujongelwa phantsi.+   Ungcono umntu ojongelwa phantsi kodwa enesicakaKunomntu ozenza bhetele kodwa engenakutya.*+ 10  Ilungisa liziphatha kakuhle izilwanyana zalo zasekhaya,+Kodwa bona abenzi-bubi, nkqu nenceba yabo inenkohlakalo. 11  Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela kukutya,+Kodwa oleqa izinto ezingenaxabiso akayisebenzisi ingqondo.* 12  Umenzi-bubi unqwenela ingeniso yabakhohlakeleyo,Kodwa ingcambu yamalungisa ivelisa isiqhamo. 13  Umntu okhohlakeleyo ubanjiswa kwangamazwi akhe esono,+Kodwa ilungisa liyasinda ekukhathazekeni. 14  Ngesiqhamo samazwi akhe* umntu uyanela kokulungileyo,+Ibe uza kufumana umvuzo ngomsebenzi wezandla zakhe. 15  Indlela yesidenge ilungile emehlweni aso,+Kodwa sona isilumko siyalamkela icebiso.*+ 16  Isidenge sizibonakalisa kwangoko* xa sicaphukile,+Kodwa umntu osisilumko akasihoyi* isithuko. 17  Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyani,*Kodwa ingqina elixokayo lithetha ubuxoki. 18  Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele,Kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.+ 19  Imilebe ethetha inyaniso iza kuhlala ngonaphakade,+Kodwa ulwimi oluxokayo luza kuhlala nje umzuzwana.+ 20  Abo baneentliziyo ezinenkohliso baceba ububi,Kodwa abo bakhuthaza uxolo* bonwabile.+ 21  Ilungisa alizukwehlelwa yinto embi,+Kodwa abenzi-bubi baza kuthwaxwa ziinkathazo.+ 22  UYehova uyayicaphukela imilebe exokayo,+Kodwa uyabathanda abo bathembekileyo. 23  Umntu osisilumko uyayifihla into ayaziyo,Kodwa intliziyo yesidenge ibhenca ubudenge baso.+ 24  Isandla sabakhutheleyo siza kulawula,+Kodwa izandla zamavila ziza kuphelela ebukhobokeni.+ 25  Amaxhala ayayityhafisa intliziyo yomntu,+Kodwa ilizwi elilungileyo liyayidlamkisa.+ 26  Ilungisa liyawahlola amadlelo alo,Kodwa indlela yabenzi-bubi iyabalahlekisa. 27  Umntu owonqenayo akayileqi inyamakazi,+Kodwa ukukhuthala kububutyebi obuxabisekileyo emntwini. 28  Indlela yobulungisa ikhokelela ebomini;+Akukho kufa endleleni yabo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “akanangqondo.”
Ngokoqobo, “alalela igazi.”
Ngokoqobo, “engenasonka.”
Ngokoqobo, “uswele intliziyo.”
Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
Okanye “siyasamkela isiluleko.”
Okanye “kwangaloo mini.”
Ngokoqobo, “uyasogquma.”
Ngokoqobo, “ubulungisa.”
Ngokoqobo, “bangabacebisi boxolo.”