Kubalisa UMateyu 5:1-48

  • INTSHUMAYELO YASENTABENI (1-48)

    • UYesu ufundisa entabeni (1, 2)

    • Izinto ezisithoba ezonwabisayo (3-12)

    • Ityiwa nokukhanya (13-16)

    • UYesu wenza izinto ezibhalwe eMthethweni (17-20)

    • Icebiso ngomsindo (21-26), ukukrexeza (27-30), ukuqhawula umtshato (31, 32), izifungo (33-37), ukuziphindezela (38-42), nokuthanda iintshaba (43-48)

5  Uthe uYesu akubabona aba bantu baninzi, wenyuka waya entabeni; emva kokuba ehleli phantsi, abafundi bakhe beza kuye.  Wabafundisa abo bantu, esithi:  “Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo,+ kuba uBukumkani bamazulu bobabo.  “Bonwabile abo banentliziyo ebuhlungu, kuba baza kuthuthuzelwa.+  “Bonwabile abo balulamileyo,+ kuba umhlaba uza kuba lilifa labo.+  “Bonwabile abo balambele nabanxanelwe ubulungisa,+ kuba baza kwaneliswa.+  “Bonwabile abo banenceba,+ kuba nabo baza kwenzelwa inceba.  “Bonwabile abo banentliziyo emsulwa,+ kuba baza kumbona uThixo.  “Bonwabile abo badala uxolo,*+ kuba baza kubizwa ngokuba ngoonyana bakaThixo. 10  “Bonwabile abo baye batshutshiswa kuba besenza izinto ezilungileyo,+ kuba uBukumkani bamazulu bobabo. 11  “Nonwabile xa abantu benithuka,+ benitshutshisa,+ bethetha yonke into embi ngani, bexoka, ngenxa yokuba ningabalandeli bam.+ 12  Vuyani kakhulu,+ kuba ninomvuzo+ omkhulu emazulwini; kaloku babatshutshisa ngaloo ndlela nabaprofeti ababengaphambi kwenu.+ 13  “Niyityiwa+ yomhlaba, kodwa ukuba ityiwa iphelelwa yincasa, iza kubuyiselwa njani incasa yayo? Akusekho yayo, ngaphandle nje kokuba ilahlwe+ ize inyathelwe ngabantu. 14  “Nisisibane sabantu bonke abasemhlabeni.+ Isixeko esiphezu kwentaba asinakufihleka. 15  Xa abantu belayita isibane abasibeki phantsi kwebhaskithi,* kodwa basixhoma endaweni yaso, size sikhanyisele wonke umntu osendlini.+ 16  Nani ke, makubonakale ukukhanya kwenu phambi kwabantu,+ ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle+ baze bamzukise uTata wenu osemazulwini.+ 17  “Ningacingi ukuba ndize kuchitha uMthetho okanye iimfundiso zabaProfeti. Andizanga kuchitha, kodwa ndize ukuze zenzeke zonke izinto ezibhaliweyo.+ 18  Ndiyaniqinisekisa ukuba kungatshabalala izulu nomhlaba kunokuba kungenzeki neyona nto incinci ebhalwe eMthethweni.+ 19  Nabani na ke owaphula nokuba ngowona mncinci kule mithetho aze afundise nabanye ukwenza loo nto, akazukungena eBukumkanini bamazulu. Kodwa nabani na oyithobelayo aze afundise nabanye, uza kungena eBukumkanini bamazulu. 20  Kuba ndithi kuni, ukuba aningomalungisa ngaphezu kwababhali nabaFarisi,+ anisoze ningene eBukumkanini bamazulu.+ 21  “Niyazi ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali,+ kuba nabani na obulalayo uza kuphenduliswa kwinkundla yamatyala.’+ 22  Kodwa mna ndithi kuni, wonke umntu oqhubeka equmbele+ umzalwana wakhe uza kuphenduliswa kwinkundla yamatyala; nabani na othuka umzalwana wakhe uza kuphenduliswa kwiNkundla Ephakamileyo; kodwa yena othi, ‘Sidengendini esingento yanto!’ ufanelwe ngumlilo weGehena.*+ 23  “Ngoko ke, ukuba uzisa isipho esibingelelweni,+ uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho ukhathazekile ngenxa yakho, 24  sishiye eso sipho apho phambi kwesibingelelo, uhambe. Xolelana nomzalwana wakho kuqala; emva koko ubuye uze unikele isipho sakho.+ 25  “Yilungise ngokukhawuleza ingxaki ephakathi kwakho nalowo ukumangaleleyo, nisesendleleni eya enkundleni, ukuze angakusi kwijaji, ize yona ikudlulisele kunogada wasenkundleni, uphoswe ejele.+ 26  Ndiyakuqinisekisa ukuba, soze uphume apho de ukhuphe neyokugqibela imali onayo.* 27  “Niyazi ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’*+ 28  Kodwa mna ndithi kuni, nabani na ojonga umfazi+ de ambawele, sele egqibile ukukrexeza* naye entliziyweni yakhe.+ 29  Ukuba ilihlo lakho lasekunene likwenza wone, lincothule ulilahle kude.+ Kuba kungcono ukuba ulahlekelwe lilungu elinye kunokuba wonke umzimba wakho uphoswe eGehena.*+ 30  Kwakhona, ukuba isandla sakho sasekunene ­sikwenza wone, sinqumle usilahle kude.+ Kuba kungcono ukuba ulahlekelwe lilungu ­elinye ­kunokuba wonke umzimba wakho uphoswe eGehena.*+ 31  “Kwakhona kwathiwa: ‘Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, makamnike isatifiketi sokuqhawula umtshato.’+ 32  Kodwa ke, mna ndithi kuni, nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange aziphathe kakubi ngesondo,* umenza isisulu sokukrexeza,* ibe nabani na otshata umfazi ekuqhawulwe umtshato naye uyakrexeza.*+ 33  “Niyazi futhi ukuba kwathiwa kudala: ‘Uze ungafungi* wakugqiba ungenzi,+ kodwa umele uzenze izinto ozithembise uYehova.’*+ 34  Kodwa mna ndithi kuni: Ningafungi kwaukufunga,+ ningafungi ngezulu, kuba kulapho uThixo ahlala khona; 35  ningafungi ngomhlaba, kuba usisitulo seenyawo zakhe;+ ningafungi nangeYerusalem, kuba isisixeko soKumkani omkhulu.+ 36  Uze ungafungi nangentloko yakho, kuba akunakujika nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama. 37  Wena xa uthe ‘Ewe,’ mayibe nguewe lowo; xa uthe ‘Hayi,’ ibe nguhayi,+ kuba nantoni na engaphezu kwale ivela kuSathana.*+ 38  “Niyazi ukuba kwathiwa: ‘Ilihlo ngelihlo, nezinyo ngezinyo.’+ 39  Kodwa mna ndithi kuni: Sanukulwa nomntu owenza izinto ezimbi, kodwa nabani na okuqhwaba ngempama kwesinye isidlele, mnike nesinye.+ 40  Naxa umntu efuna ukukusa enkundleni ukuze akuhluthe isambatho sakho sangaphantsi, mnike nesangaphezulu;+ 41  yaye ukuba umntu onegunya ukunyanzela ukuba uhambe ikhilomitha* enye, hamba naye zibe mbini. 42  Mphe lowo ucelayo, yaye ungali xa umntu efuna ukuboleka* kuwe.+ 43  “Niyazi ukuba kwathiwa: ‘Umele umthande ummelwane wakho,+ ulucaphukele utshaba lwakho.’ 44  Kodwa mna ndithi kuni: Qhubekani nizithanda iintshaba zenu,+ nibathandazela nabo banitshutshisayo,+ 45  ukuze kucace ukuba ningoonyana boTata osemazulwini,+ ekubeni elenza ilanga lakhe liphume kubantu abalungileyo nabangalunganga, nemvula eyinika amalungisa nabangengomalungisa.+ 46  Kuba ukuba nithanda abo banithandayo, inceda ngantoni loo nto?+ Abenzi kwaloo nto na nabaqokeleli berhafu? 47  Khona, ukuba nibulisa abazalwana benu kuphela, ningcono ngantoni kunabanye abantu? Abenzi kwaloo nto na nabantu beentlanga? 48  Ngoko ke, nimele nigqibelele,* kuba noTata wenu osemazulwini ugqibelele.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bathanda uxolo.”
Okanye “kwebhaskithi yokukala.”
Indawo ekwakutshiswa kuyo inkunkuma ngaphandle kweYerusalem. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “neyokugqibela ikhwadran.” Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo makangalali nomntu angatshatanga naye.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Okanye “ahenyuze.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ungathembisi.”
Ngokoqobo, “kumenzi-bubi.”
Okanye “imayile.” Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, ngaphandle kwenzala.
Okanye “nimele nithande ngokupheleleyo.”