Eyesibini KuTimoti 2:1-26

  • Lo myalezo wudlulisele kumadoda afanelekayo (1-7)

  • Ukunyamezela ubunzima ngenxa yeendaba ezilungileyo (8-13)

  • Liphathe kakuhle ilizwi likaThixo (14-19)

  • Sukunqwenela izinto zobutsha (20-22)

  • Baphephe abantu abaphikisayo (23-26)

2  Wena ke nyana,+ qhubeka ufumana amandla kububele* uThixo abenzela abo bamanyene noKristu Yesu;  yaye izinto owazivayo kum phambi kwamangqina amaninzi,+ zidlulisele kubantu abathembekileyo, ukuze nabo bafaneleke ukuba bafundise abanye.  Njengejoni lokwenene+ likaKristu Yesu, nawe kulungele ukutsala nzima.+  Ijoni alibi nanto yakwenza nokuba neshishini,* kuba lifuna ukuvuyisa umphathi walo.  Nditsho nakwezemidlalo, akukho mntu usifumanayo isithsaba engakhange alandele imithetho.+  Ngumlimi osebenza nzima omele atye kuqala kwiziqhamo ezivuniweyo.  Hlala ucinga ngezi zinto ndizithethayo; iNkosi iza kukunceda uqonde yonke into.  Khumbula ukuba uYesu Kristu wavuswa ekufeni,+ ibe wayeyinzala* kaDavide,+ njengokuba zisitsho iindaba ezilungileyo endizishumayelayo,+  ezibangele ukuba nditsale nzima nendibanjwe ngenxa yazo ngokungathi ndisisaphuli-mthetho.+ Kodwa ke lona ilizwi likaThixo alivalelekanga.+ 10  Loo nto indenza ndiqhubeke ndinyamezela yonke into ngenxa yabo bakhethiweyo,+ ukuze nabo basindiswe ngenxa yokuba bemanyene noKristu, baze bazukiswe ngonaphakade. 11  Ayinyani amazwi athi: Ukuba sife kunye, ngokuqinisekileyo siza kuphila kunye;+ 12  ukuba siyaqhubeka sinyamezela siza kuba ngookumkani kunye naye;+ ukuba siyamphika naye uza kusiphika;+ 13  nokuba thina asithembekanga, yena uhlala ethembekile, kuba akakwazi kuziphika. 14  Qhubeka ubakhumbuza ngezi zinto, ubayalele phambi koThixo ukuba bangalwi ngamagama, nto leyo engancedi nganto kuba iyabenzakalisa abo bamameleyo. 15  Zama ngamandla akho onke ukuba uhlale uthandwa nguThixo, ube ngumsebenzi ongenazintloni nganto, uliphathe kakuhle ilizwi lenyaniso.+ 16  Kodwa hambela kude kwiintetho ezingakhiyo, eziphikisana noThixo;+ kuba iintetho ezinjalo zenza umntu aye esenza izinto ezingafunwayo nguThixo, 17  ibe zisasazeka njengesilonda esibhidlayo. UHimenayo noFileto ngabanye babantu abathetha izinto ezinjalo.+ 18  La madoda aye ayijika inyaniso esithi uvuko selufikile,+ esonakalisa ukholo lwabanye. 19  Sekunjalo, isiseko sikaThixo sizinzile, sinombhalo othi: “UYehova* uyabazi abangabakhe,”+ nothi: “Wonke umntu obiza egameni likaYehova*+ makazilahle izinto ezingalunganga.” 20  Endlini enkulu akubikho zitya zagolide nezesilivere zodwa, kodwa kubakho nezenziwe ngeplanga nezodongwe, yaye ezinye zixabisekile, kanti ezinye azixabisekanga. 21  Ukuba umntu uhambela kude kwezi zingaxabisekanga, uza kuba sisitya esixabisekileyo, esenziwe ngcwele, esimncedayo umnikazi waso, esilungiselelwe wonke umsebenzi olungileyo. 22  Ngoko, sukunqwenela* izinto zobutsha, kunoko funa ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo, kunye nabo bathembela eNkosini kuba benentliziyo ecocekileyo. 23  Ngaphezu koko, sukuzingena iingxoxo zobudenge nezingahambeli ndawo,+ kuba ziyaxabanisa. 24  Kaloku akufuneki ukuba ikhoboka leNkosi lilwe, kodwa kufuneka liphathe wonke umntu ngobubele,*+ likwazi ukuzibamba xa lenziwe into embi,+ 25  libayalele lizolile abo baphumayo endleleni.+ Mhlawumbi uThixo angabanika ithuba lokuba baguquke ukuze bayazi ngokuchanileyo inyaniso,+ 26  babuyele ezingqondweni, baze baphuncule kumgibe kaMtyholi, ekucacayo ukuba ­ubabambise kuwo ­bephila, ­efuna benze ukuthanda kwakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kububele obungasifanelanga.”
Okanye kusenokwenzeka, “nezinto eziqhelekileyo zemihla ngemihla.”
Okanye “wayeyimbewu.”
Okanye “kubaleke ukunqwenela.”
Okanye “lithethe kakuhle.”