KwabaseGalati 6:1-18

  • Ncedisanani kubunzima (1-10)

    • Uvuna into oyihlwayeleyo (7, 8)

  • Ukoluka akubalulekanga (11-16)

    • Isidalwa esitsha (15)

  • Umqukumbelo (17, 18)

6  Bazalwana, nokuba umntu wenza into engalunganga engaqondi, nina enikhokelwa ngumoya nimele nimlungise ngomoya omhle.*+ Kodwa nani nizigade+ ningalingeki.+  Qhubekani nincedisana kubunzima enijongene nabo,+ ngaloo ndlela niza kube niyawuthobela umthetho kaKristu.+  Kuba ukuba umntu ucinga ukuba ubalulekile abe engeyonto,+ uyaziqhatha.  Kodwa mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye,+ angazithelekisi namntu. Uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.+  Kuba mntu ngamnye uza kuthwala owakhe umthwalo.+  Ngaphezu koko, umntu ofundiswa ilizwi likaThixo umele abelane nalowo umfundisayo ngazo zonke izinto ezintle.+  Ningalahlekiswa: UThixo akayonto yokuhlekisa. Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona;+  kuba otyala iminqweno yomzimba onesono uza kuvuna izinto ezimbi ezibangelwe yiloo minqweno, kodwa umntu owenza izinto ekhokelwa ngumoya kaThixo, uza kuvuna ubomi obungunaphakade ngenxa yomoya kaThixo.+  Ngoko masingayeki ukwenza izinto ezilungileyo, kuba siza kuvuna ngexesha elifanelekileyo ukuba asidinwa.*+ 10  Ngoko lisekhona nje ithuba, masibenzele izinto ezintle bonke abantu, ngokukodwa abo sikhonza nabo. 11  Jongani indlela abakhulu ngayo aba nobumba ndinibhalele ngabo ngesandla sam. 12  Aba bantu baninyanzela ukuba noluke, ngabo bafuna ukuzithandisa ebantwini. Loo nto bayenza nje ukuze baphephe ukutshutshiswa ngenxa yesibonda sokungcungcutheka* sikaKristu. 13  Kuba kwanabo bolukayo abawugcini uMthetho,+ kodwa bafuna nje noluke ­ukuze baqhayise ngani. 14  Kwanga ndingangaze ndiqhayise, ngaphandle kokuba ndiqhayisa ngesibonda sokungcungcutheka* seNkosi yethu uYesu Kristu.+ Mna ndilibona ihlabathi ligwetyelwe ukufa* ngenxa yakhe, nalo lindibona ndigwetyelwe ukufa ngenxa yakhe. 15  Kuba ukoluka nokungoluki akubalulekanga,+ kodwa into ebalulekileyo kukuba sisidalwa esitsha.+ 16  Kwanga banganoxolo baze benzelwe inceba bonke abo bahamba ngalo mgaqo, uSirayeli kaThixo.+ 17  Ukususela ngoku makungabikho mntu undisokolisayo, kuba ndiphawulwe emzimbeni ukuze kucace ukuba ndilikhoboka likaYesu.+ 18  Kwanga ningafumana ububele* beNkosi yethu uYesu Kristu ngenxa yomoya omhle eniwubonisayo bazalwana. Amen.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wobulali.”
Okanye “asinikezeli.”
Okanye “yesibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ngesibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “libethelelwe esibondeni labulawa.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”