Kubalisa uLuka 6:1-49

  • UYesu “uyiNkosi yeSabatha” (1-5)

  • Indoda efe isandla iyaphiliswa (6-11)

  • Abapostile abayi-12 (12-16)

  • UYesu uyafundisa aze aphilise (17-19)

  • Abantu abonwabileyo nabantu abaza kuthi shu (20-26)

  • Ukuthanda iintshaba (27-36)

  • Yekani ukugweba (37-42)

  • Waziwa ngeziqhamo zawo (43-45)

  • Indlu eyakhiwe kakuhle; indlu enesiseko esingomelelanga (46-49)

6  UYesu wayedlula nabafundi bakhe emasimini ngeSabatha, baza abafundi bakhe bakha izikhwebu,+ bazichuba batya.+  Bakuyibona loo nto abaFarisi, bathi: “Kutheni nisenza into engekho mthethweni ngeSabatha?”+  UYesu wathi kubo: “Anizange nifunde na ngento eyenziwa nguDavide, xa yena namadoda akhe babelambile?+  Akazange na angene endlini kaThixo, wanikwa izonka ezibekwa phambi kukaThixo,* watya waza wanika nabantu ababekunye naye, zonka ezo ekungekho mthethweni ukuba zityiwe nangubani na ngaphandle kwababingeleli?”+  Emva koko wathi kubo: “UNyana womntu uyiNkosi yeSabatha.”+  Ngenye isabatha,+ uYesu wangena kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda,* waza wafundisa. Apho kwakukho indoda efe isandla sasekunene.+  Ngoko ababhali nabaFarisi babemgadile, befuna ukubona ukuba uza kuyiphilisa na le ndoda ngeSabatha, ukuze bafumane indlela yokummangalela.  Kodwa eyazi indlela abacinga ngayo,+ wathi kule ndoda ife isandla: “Phakama uze ngaphambili.” Yaphakama yaya.  Emva koko, wathi kubo: “Khanitsho madoda, zeziphi izinto ekusemthethweni ukuzenza ngeSabatha: kokulungileyo okanye kokubi, kukusindisa ubomi okanye kukubulala?”+ 10  Wabajonga bonke, waza wathi kule ndoda: “Yolula isandla sakho.” Yasolula ke, saza saphila. 11  Kodwa baba nomsindo kakhulu, baza babuzana ukuba bamthini uYesu. 12  Ngenye imini wahamba waya entabeni, wafika wathandaza+ kuThixo ubusuku bonke.+ 13  Kwathi kwakusa, wabiza abafundi bakhe, waza wakhetha abayi-12, wababiza ngokuba ngabapostile:+ 14  YayinguSimon, awamthiya ngokuba nguPetros, umntakwabo uAndreya, uYakobi, uYohane, uFilipu,+ uBhartolomeyu, 15  uMateyu, uTomas,+ uYakobi unyana ka-Alfeyu, uSimon obizwa ngokuthi “okhutheleyo,” 16  uYudas unyana kaYakobi, noYudas Skariyoti owamjikelayo. 17  Wehla kunye nabo waza wema kwindawo ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nabantu abaninzi ababevela kwaYuda, eYerusalem nakummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon, ababeze kummamela nababeze kuphiliswa kwizifo zabo. 18  Kwanabo babehlutshwa ziidemon baphiliswa. 19  Wonke umntu wayefuna ukumbamba, kuba amandla awayephuma kuye+ ayephilisa. 20  Wajonga kubafundi bakhe, wathi: “Nonwabile nina mahlwempu, kuba bobenu uBukumkani bukaThixo.+ 21  “Nonwabile nina nilambayo ngoku, kuba niza kuhlutha.+ “Nonwabile nina nililayo ngoku, kuba niza kuhleka.+ 22  “Nonwabile xa abantu benicaphukela,+ benigxotha,+ benithuka, yaye benityhola besithi ningabenzi-bubi, ngenxa yoNyana womntu. 23  Ze nivuye kakhulu xa isenzeka loo nto, kuba jongani! umvuzo wenu mkhulu ezulwini, kuba nabaprofeti babephathwa ngolo hlobo ngookhokho babo bantu.+ 24  “Niza kuthi shu nina zityebi,+ kuba ayikho enye into eniza kuphinda niyifumane.+ 25  “Niza kuthi shu nina nihluthayo ngoku, kuba niza kulamba. “Niza kuthi shu nina nihlekayo ngoku, kuba niza kulila, nizile.+ 26  “Niza kuthi shu xa abantu bethetha kakuhle ngani,+ kuba nookhokho babo babaphatha ngolo hlobo abaprofeti bobuxoki. 27  “Kodwa mna ndithi kuni: Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibenzela izinto ezintle abo banicaphukelayo,+ 28  nibanqwenelela izinto ezintle abo baniqalekisayo, nibathandazela nabo banithukayo.+ 29  Nabani na okuqhwaba ngempama esidleleni, mnike nesinye; nabani na ohlutha isambatho sakho sangaphezulu, mnike nesangaphantsi.+ 30  Mphe lowo ucelayo,+ nomntu othatha izinto zakho, sukuthi makazibuyise. 31  “Kwakhona, baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.+ 32  “Ukuba nithanda abo banithandayo, inceda ngantoni loo nto? Kuba naboni bathanda abo babathandayo.+ 33  Ibe ukuba ninceda kuphela abanincedayo, inceda ngantoni loo nto? Kwanaboni benza loo nto. 34  Ukuba ubolekisa kwabo ulindele ukuba bakubhatale, inceda ngantoni loo nto?+ Naboni baboleka aboni, kuba belindele ukubhatalwa. 35  Kodwa ke nina, qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nisenza izinto ezintle, nibolekise ningalindelanga kufumana nto;+ niza kuvuzwa kakhulu, nize nibe ngoonyana Boyena Uphakamileyo, kuba yena unobubele kwabo bangenambulelo nabenzi-bubi.+ 36  Hlalani ninenceba, njengokuba noTata wenu enenceba.+ 37  “Yekani ukugweba ukuze nani ningagwetywa;+ yekani ukugxeka ukuze nani ningagxekwa. Hlalani nixolela, nani niza kuxolelwa.+ 38  Hlalani nisipha, ibe nabantu baza kunipha.+ Xa benipha, baza kunigalelela kakhulu empahleni yenu,* bahlohle, bahlukuhle de kuphuphume. Indlela enibaphatha ngayo abanye, baza kuniphatha ngayo nani.”* 39  Emva koko wabenzela lo mzekelo: “Ukuba umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni, andithi?+ 40  Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, kodwa nabani na ofundiswe kakuhle uza kufana nomfundisi wakhe. 41  Kutheni ke ujonga udiza olukwilihlo lomzalwana wakho, ube ungaliboni iplanga elikwelakho ilihlo?+ 42  Okanye ungatsho njani kumzalwana wakho ukuthi, ‘Mzalwana, yiza ndikhuphe udiza elihlweni lakho,’ ube wena ungaliboni iplanga kwelakho ilihlo? Mhanahanisindini!* Khawuqale ukhuphe elo planga likwelakho ilihlo ukuze ubone kakuhle, ngaphambi kokuba ukhuphe udiza olukwilihlo lomzalwana wakho. 43  “Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibolileyo, kungekho namthi ubolileyo uvelisa isiqhamo esihle.+ 44  Kaloku umthi waziwa ngeziqhamo zawo.+ Ngokomzekelo, abantu abakhi iidiliya okanye amafiya* emithini yameva, andithi? 45  Umntu olungileyo ukhupha izinto ezintle kwizinto ezintle ebezigcine entliziyweni yakhe, kanti umenzi-bubi ukhupha izinto ezimbi kwizinto ezimbi ebezigcine entliziyweni yakhe; kuba umntu uthetha into esentliziyweni yakhe.+ 46  “Kutheni nina nisithi ‘Nkosi! Nkosi!’ xa nindibiza, kodwa ningazenzi izinto endizithethayo?+ 47  Mandinixelele ukuba unjani umntu ova ezi zinto ndizithethayo aze azenze:+ 48  Unjengomntu othi xa esakha indlu, embe ayokutsho ezantsi, abeke isiseko sayo phezu kolwalwa. Ayigungqi xa kufika isikhukula, kuba yakhiwe kakuhle.+ 49  Kwelinye icala, nabani ova ezi zinto ndizithethayo aze angazenzi,+ ufana nomntu owakha indlu engayombelanga siseko. Idilika ngoko nangoko xa kufika isikhukula, ize iwe yonke.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “izonka zokubonisa.”
Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Okanye “Isikali enisisebenzisa kwabanye siza kusetyenziswa nakuni.”
Okanye “epokothweni yenu.” Kudala, impahla yayisiba nepokotho esifubeni.
Oko kukuthi, umntu ozenza ilungisa engelilo.
Okanye “amakhiwane.”