Yiya kwinkcazelo

Kwenzeka Ntoni Xa Sisifa?

Kwenzeka Ntoni Xa Sisifa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 IBhayibhile ithi: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5; INdumiso 146:4) Ngoko xa sisifa, kuyaphela ngathi. Abafileyo abakwazi kucinga, kwenza nto okanye ukuva nantoni na.

“Uya kubuyela kwaseluthulini”

 Ethetha nomntu wokuqala uAdam, uThixo wacacisa into eyenzekayo xa sisifa. Ngenxa yokuba uAdam engathobeli, wamxelela oku: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Ngaphambi kokuba uThixo adale uAdam “ngothuli lomhlaba,” uAdam wayengekho. (Genesis 2:7) Ngokufanayo, wathi akufa uAdam, wabuyela eluthulini waza akabikho.

 Kwenzeka into efanayo kwabo bafayo namhlanje. Xa ithetha ngabantu nangezilwanyana iBhayibhile ithi: “Zonke zavela eluthulini, yaye zonke zibuyela eluthulini.”​—INtshumayeli 3:19, 20.

Ukufa akusosiphelo sento yonke

 IBhayibhile isoloko ifanisa ukufa kunye nokulala. (INdumiso 13:3; Yohane 11:11-14; IZenzo 7:60) Umntu okobunzulu ubuthongo akanakukwazi ukuba benza ntoni aba bangalelanga. Ngokufanayo, nabafileyo abazi nto. IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo unokubavusa abafi ngokungathi ubavusa ebuthongweni baze baphile kwakhona. (Yobhi 14:13-15) Kwabo bavuswa nguThixo, ukufa akusosiphelo sento yonke.