IiNdumiso 103:1-22

  • “Mandimdumise uYehova”

    • UThixo uzibeka kude izono zethu (12)

    • UThixo unenceba njengotata (13)

    • UThixo uyakhumbula ukuba siluthuli (14)

    • Itrone kaYehova nobukumkani bakhe (19)

    • Iingelosi zithobela ilizwi likaThixo (20)

EkaDavide. 103  Mandimdumise* uYehova;Mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.   Mandimdumise* uYehova;Kwanga ndingangaze ndizilibale zonke izinto azenzileyo.+   Yena uxolela zonke iziphoso zakho+Ibe uphelisa zonke iintlungu onazo;+   Usindisa ubomi bakho emngxunyeni*+Aze akuthi jize ngothando lwakhe olungagungqiyo nenceba.+   Ukwanelisa ngezinto ezintle+ ubomi bakho bonke,Ukuze uhlale umtsha, ungumqaba-qaba okokhozi.+   UYehova ubaphatha ngobulungisa+ nangokusesikweni*Bonke abo bacinezelwayo.+   Wamazisa uMoses iindlela zakhe,+Wabazisa noonyana bakaSirayeli ngezenzo zakhe.+   UYehova unenceba ibe uyabavela abantu,*+Ucaphuka kade ibe uphuphuma luthando olungagungqiyo.+   Akazukusoloko ejonga iimpazamo,+Engazukuhlala ecaphukile ngonaphakade.+ 10  Akenzanga kuthi ngokwezono zethu,+Engasohlwayanga nangokweziphoso zethu.+ 11  Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bamoyikayo,Lukhulu njengokuphakama kwamazulu kunomhlaba.+ 12  Uzibhekelisele kude nathi izono zethu,Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.+ 13  UYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo,Njengoko utata ebenzela inceba oonyana bakhe.+ 14  Kuba yena uyakwazi ukubunjwa kwethu,+Ekhumbula ukuba siluthuli.+ 15  Yena ke umntu, imihla yakhe injengeyengca;+Uyachuma njengentyatyambo yasendle.+ 16  Kodwa xa kuvuthuza umoya, iyabuna,Ithi shwaka ngathi khange ibekho.* 17  Kodwa uthando olungagungqiyo lukaYehova luhlala ngonaphakade*Kwabo bamoyikayo,+Nobulungisa bakhe kubantwana babantwana babo,+ 18  Kwabo bagcina isivumelwano sakhe+Nakwabo bayithobela ngokupheleleyo imiyalelo yakhe. 19  UYehova uyizinzisile itrone yakhe emazulwini;+Nobukumkani bakhe bulawula phezu kwayo yonke into.+ 20  Mdumiseni uYehova, nina zingelosi zakhe+ zinamandla,Ezimthobelayo+ zize zenze ngokwelizwi lakhe.* 21  Mdumiseni uYehova, nonke nina mikhosi yakhe,+Nina nenza ukuthanda kwakhe.+ 22  Mdumiseni uYehova, nonke nina zidalwa zakhe,Kuzo zonke iindawo alawula kuzo.* Mandimdumise uYehova ngentliziyo yam yonke.*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Umphefumlo wam mawumdumise.”
Okanye “Umphefumlo wam mawumdumise.”
Okanye “engcwabeni.”
Okanye “nangobulungisa.”
Okanye “nobubele.”
Ngokoqobo, “Ingasaziwa nayindawo yayo.”
Okanye “ngonaphakade kanaphakade.”
Ngokoqobo, “zize zive ilizwi lakhe.”
Okanye “zolawulo lwakhe.”
Okanye “ngomphefumlo wam wonke.”