IMizekeliso 21:1-31

  • UYehova ukhokela intliziyo kakumkani (1)

  • Ubulungisa bubhetele kunombingelelo (3)

  • Ukukhuthala kwenza umntu aphumelele (5)

  • Umntu ongammameliyo umntu osweleyo akazukumanyelwa (13)

  • Akubobulumko ukuchasana noYehova (30)

21  Intliziyo kakumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.+ Uyisa apho athanda ukuyisa khona.+   Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kuye,+Kodwa uYehova uhlolisisa iintliziyo.*+   Ukwenza izinto ezilungileyo nobulungisaKumvuyisa kakhulu uYehova kunombingelelo.+   Amehlo anekratshi nentliziyo ezigwagwisayo,Zisisibane esikhokela abenzi-bubi, ibe zisisono.+   Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele* ngokuqinisekileyo,+Kodwa bonke abenza ngokungxama, nakanjani na baza kuphelela endlaleni.+   Ukufumana ubutyebi ngolwimi oluxokayoKufana nomphunga osuka uthi shwaka, umgibe obulalayo.*+   Ubundlobongela babenzi-bubi buza kubatshayela,+Kuba abafuni kwenza bulungisa.   Indlela yomntu onetyala igqwethekile,Kodwa izenzo zomntu omsulwa zilungile.+   Kungcono ukuhlala ekoneni yophahlaKunokuhlala endlini enye nomfazi onochuku.*+ 10  Umenzi-bubi urhalela izinto ezimbi;+Uyamkhohlakalela ummelwane wakhe.+ 11  Xa umntu othetha ukusa esohlwaywa, ongenamava uba nobulumko,Ibe xa isilumko siye saphanda, sifumana ulwazi.*+ 12  UThixo olilungisa uyazibukela izinto ezenzeka endlini yomenzi-bubi;Uyabatshabalalisa abenzi-bubi.+ 13  Nabani na ozivalayo iindlebe zakhe xa kukhala umntu osweleyoNaye uza kuthi ekhala, angaphendulwa.+ 14  Isipho esenziwa emfihlekweni sehlisa umsindo,+Nesinyobo emfihlekweni* sehlisa umsindo okrakra. 15  Kuyalivuyisa ilungisa ukwenza ubulungisa,+Kodwa kuyinto embi kubenzi-bubi. 16  Umntu oyishiyayo indlela yengqiqoUza kuphelela phakathi kwabo bafileyo, bengenamandla.+ 17  Othanda ubumnandi uza kubhuqwa yindlala;+Othanda iwayini neoli akazukuba sisityebi. 18  Ilungisa lihlawulelwa ngomenzi-bubi,Ibe kuza kuthathwa umntu onamaqhinga endaweni yelungisa.+ 19  Kungcono ukuhlala entlangoKunokuhlala nomfazi othanda ingxabano* nochuku.+ 20  Kukho ubutyebi obuxabisekileyo neoli endlini yesilumko,+Kodwa umntu osisidenge ubhuqa* kwanto anayo.+ 21  Umntu oleqa ubulungisa nothando olungagungqiyoUza kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.+ 22  Isilumko singasoyisa isixeko* samadoda anamandla,Siwajongele phantsi amandla athembele ngawo.+ 23  Owugadayo umlomo nolwimi lwakheUzikhusela engxakini.+ 24  Umntu ongugqada-mbekweni, nokhukhumele likratshiUyindoda esisityhuthu-tyhuthu nezigqatsayo.+ 25  Ivila linqwenela izinto ezilikhokelela ekufeni,Kuba izandla zalo azifuni kusebenza.+ 26  Lithi lihleli nje libe libawa imini le yonke,Kodwa ilungisa liyapha, alivimbi.+ 27  Umbingelelo womenzi-bubi uyenyanyeka.+Kobekisela phi ke xa ewunikela eneenjongo ezimbi!* 28  Ingqina elixokayo liza kutshabalala,+Kodwa umntu omamelayo uza kuphumelela xa enikela ubungqina.* 29  Umntu ongalunganga uzenza onesibindi,+Kodwa olungileyo uneendlela ezinokuthenjwa.+ 30  Akukho bulumko, kungekho kuqonda nacebo lilungayo xa lichasene noYehova.+ 31  Ihashe liqeqeshelwa imini yedabi,+Kodwa nguYehova osindisayo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iinjongo.”
Okanye “alungelwe.”
Okanye kusenokwenzeka, “kwabo bazingela ukufa.”
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Okanye “siyazi ukuba masenzeni.”
Ngokoqobo, “Nesinyobo esifubeni.”
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Ngokoqobo, “ubimbiliza.”
Okanye “singenyuka size singene kwisixeko.”
Okanye “esenza nezinto eziziintloni!”
Ngokoqobo, “uza kuthetha ngonaphakade.”