IMizekeliso 20:1-30

  • Iwayini iyagezisa (1)

  • Amavila awalimi ebusika (4)

  • Iingcinga zomntu zinjengamanzi anzulu (5)

  • Kulumkiswa ngokwenza isivumelwano ngokungxama (25)

  • Uzuko lwabafana ngamandla abo (29)

20  Iwayini iyamgezisa umntu,+ utywala bumenza angalawuleki;+Nabani na obhaduliswa zizo akalumkanga.+   Ukoyikeka kukakumkani kunjengokugquma kwengonyama;*+Nabani na omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe esichengeni.+   Umntu onesidima uyayiphepha ingxabano,+Kodwa sona isidenge singena zwabha kuyo.+   Ivila alilimi ebusika,Ngoko liza kuhamba licela ngexesha lokuvuna kuba lingenanto.*+   Iingcinga* zentliziyo yomntu zinjengamanzi anzulu,Kodwa umntu osisilumko uzitsala zinyuke.   Abantu abaninzi bathi banothando olungagungqiyo,Kodwa ngubani onokumfumana umntu othembekileyo?   Ilungisa lihamba ngokungenasiphoso.+Bayavuya abantwana* balo.+   Xa ukumkani ehleli etroneni yokugweba,+Uhluza bonke ububi ngamehlo akhe.+   Ngubani onokuthi: “Intliziyo yam imhlophe;+Ndimsulwa kwaye andinasono”?+ 10  Amatye okukala aqhathayo nezitya zokukala eziqhathayo,Zombini ziyenyanyeka kuYehova.+ 11  Kwanomntwana* ubonwa ngezenzo zakhe,Ukuba umsulwa okanye ulungile.+ 12  Indlebe evayo nelihlo elibonayo,Zombini zenziwe nguYehova.+ 13  Sukuthanda ubuthongo, kuba uza kuba lihlwempu.+Vula amehlo akho, ibe uza kuba nesonka esaneleyo.+ 14  “Imbi le nto, imbi!” utsho umthengi;Akugqiba ahambe eqhayisa ngokuba ukhuphe imali encinci.+ 15  Kukho igolide, kukwakho neekorale* ezininzi,Kodwa yimilebe enolwazi exabisekileyo.+ 16  Ukuba umntu ubambisele ityala lomntu wasemzini,+ thatha isambatho sakhe;Bambisa ngaso ukuba umele ityala lomfazi* wasemzini.+ 17  Isonka esifunyenwe ngamaqhinga sihla kamnandi emntwini,Kodwa emva koko umlomo wakhe ugcwala uhlalutye.+ 18  Amacebo ayaphumelela* xa kuboniswana;+Fumana amacebiso obulumko ngaphambi kokuya emfazweni.+ 19  Umntu onolwimi udiza amahlebo;+Sukuhlala nomntu okuthandayo ukuhleba. 20  Nabani na othuka utata wakhe nomama wakhe,Isibane sakhe siza kucinywa xa kufika ubumnyama.+ 21  Ilifa elifunyanwa ngokubawa ekuqaleniAlizukuba yintsikelelo ekugqibeleni.+ 22  Sukuthi: “Ndiza kuziphindezela ngobu bubi!”+Thembela kuYehova,+ uza kukusindisa.+ 23  Amatye okulinganisa aqhathayo* ayenyanyeka kuYehova,Nezikali eziqhathayo azilunganga. 24  Ukunyathela komntu kwalathiswa nguYehova;+Angayiqonda njani ke indlela yakhe?* 25  Kungumgibe emntwini ukungxama athi, “Ingcwele!”+ Aze aqale emva koko ukucingisisa ngesivumelwano asenzileyo.+ 26  Ukumkani olumkileyo uyabahluza abenzi-bubi+Aze ahambise ivili lokubhula phezu kwabo.+ 27  Impefumlo yomntu sisibane sikaYehovaSokuhlolisisa konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini. 28  Uthando olungagungqiyo nokuthembeka kuyamkhusela ukumkani;+Itrone yakhe ixhaswa luthando lwakhe olungagungqiyo.+ 29  Uzuko lwabafana ngamandla abo,+Lona iwonga lamadoda amadala zizimvi.+ 30  Ukugruzuka namanxeba kukhucula* ububi,+Nemivumbo ikhucula ububi obungaphakathi emntwini.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwengonyama entsha enesingci.”
Okanye kusenokwenzeka, “Aza kujonga ngexesha lokuvuna kodwa angafumani nto.”
Okanye “Iinjongo.” Ngokoqobo, “Amacebo.”
Ngokoqobo, “oonyana.”
Okanye “Kwanenkwenkwe.”
Okanye “lomntu.”
Okanye “ayazinza.”
Okanye “Iindidi ezimbini zamatye okulinganisa.”
Okanye “indlela amele ahambe ngayo?”
Okanye “kukhuhla.”