IMizekeliso 8:1-36

  • Ubulumko buyathetha (1-36)

    • ‘Ndingowokuqala kwizinto ezenziwe nguThixo’ (22)

    • ‘Ndandingumsebenzi onobuchule ecaleni kukaThixo’ (30)

    • ‘Ndandibathanda oonyana babantu’ (31)

8  Abumemezi na ubulumko? Akukhwazi na ukuqonda?+   Buma phezulu+ ngasendleleni,Apho zidibana khona iindlela.   Buma ecaleni kweegeyithi zesixeko,Buma ngasemnyango,Bukhwaza busithi:+   “Ndithetha nani nonke;Ndikhwaza ndibhekisa kumntu wonke.*   Nina bangenamava, fundani ubulumko;+Nina zidenge, funani intliziyo eqondayo.*   Mamelani, kuba ibalulekile le nto ndiyithethayo,Imilebe yam ithetha izinto ezilungileyo;   Kuba umlomo wam utsholo phantsi uthetha inyaniso,Nemilebe yam iyayicaphukela into embi.   Onke amazwi omlomo wam alungile. Akukho nalinye kuwo elijijekileyo okanye eligqwethekileyo.   Onke acacile kumntu ocingayo,Yaye alungile kwabo bafumene ulwazi. 10  Thathani ingqeqesho yam endaweni yesilivere,Nolwazi endaweni yegolide yodidi,+ 11  Kuba ubulumko bubhetele kuneekorale;*Zonke ezinye izinto ezithandwayo azinakuthelekiswa nabo. 12  Mna, bulumko, ndihleli nokuqonda;Ndifumene ulwazi namandla okucinga.+ 13  Ukoyika uYehova kuthetha ukucaphukela ububi.+ Ndiyakucaphukela ukuziphakamisa, ikratshi,+ indlela yobubi nokuthetha izinto ezijijekileyo.+ 14  Ndinamacebiso amahle nobulumko;+Ukuqonda+ namandla+ zizinto zam. 15  Ookumkani balawula ngam,Namagosa aphakamileyo, ebeka imithetho yobulungisa nje, ndim.+ 16  Iinkosana zilawula ngam,Nezikhulu, zigweba ngobulungisa nje, ndim lo. 17  Ndiyabathanda abo bandithandayo,Nabo bandikhangelayo baza kundifumana.+ 18  Ubutyebi nozuko zezam,Ubutyebi obungapheliyo* nobulungisa. 19  Isiqhamo sam sibhetele kunegolide, nditsho negolide esulungekisiweyo,Nemveliso yam ibhetele kuneyona silivere yodidi.+ 20  Ndihamba endleleni yobulungisa,Phakathi kwiindlela zokusesikweni;* 21  Ndibanika ilifa elikhulu abo bandithandayo,Ndigcwalise noovimba babo. 22  UYehova wandivelisa ndasisiqalo sendlela yakhe,+Owokuqala kwizinto awazenzayo kwakudala.+ 23  Ndabekwa kwakudala,*+Ukususela ekuqaleni, kumaxesha angaphambi kokubakho komhlaba.+ 24  Ndazalwa* engekabikho amanzi anzulu,+Ingekabikho imithombo empompoza amanzi. 25  Ndazalwa ngaphambi kokubekwa kweentaba,Ngaphambi kokubakho kweenduli, 26  Engekawenzi umhlaba namathafa awoNamagada okuqala omhlaba. 27  Xa wayelungisa amazulu,+ ndandikhona;Xa wayebeka imida* yamanzi,+ 28  Xa wayebeka* amafu phezulu,Xa wayesenza imithombo yamanzi, 29  Xa wayebekela ulwandle imithethoYokuba amanzi alo angadluleli ngaphaya komda awubekileyo,+Xa wayebeka iziseko* zomhlaba, 30  Ndandisecaleni kwakhe ndingumsebenzi onobuchule.+ Wayendithanda ngokukhethekileyo+ yonke imihla;Lonke elo xesha ndonwabile phambi kwakhe;+ 31  Ndavuya xa ndibona umhlaba wakhe ekunokuphilwa kuwo,Ibe ndandibathanda ngokukhethekileyo oonyana babantu.* 32  Ngoku ke bonyana bam, ndimameleni;Bonwabile abo bazigcinayo iindlela zam. 33  Yimameleni ingqeqesho+ nize nibe zizilumko,Yaye ningaze niyishiye. 34  Wonwabile umntu ondimamelayoNgokufika kwangoko* kwiminyango yam yonke imihla,Ngokulinda ngasemigubasini yeminyango yam; 35  Kuba lowo undifumanayo uza kufumana ubomi,+Aze amkelwe nguYehova. 36  Kodwa lowo ungandihoyiyo uyazenzakalisa,Yaye abo bandicaphukelayo bathanda ukufa.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “koonyana babantu.”
Ngokoqobo, “qondani intliziyo.”
Okanye “Ilifa lezinto ezixabisekileyo.”
Okanye “zobulungisa.”
Okanye “ukususela kwixesha elingenakwaziwa.”
Okanye “Ndazalwa ngenimba.”
Ngokoqobo, “imida erawundi.”
Ngokoqobo, “wayeqinisa.”
Okanye “umthetho weziseko.”
Okanye “abantu.”
Okanye “Ngokuhlala ethe qwa.”