Tito 3:1-15

  • Ukuthobela ngendlela efanelekileyo (1-3)

  • Kulungele ukwenza izinto ezilungileyo (4-8)

  • Ziphephe iingxoxo zobudenge nemfundiso eyahlukileyo (9-11)

  • Imiyalelo kaPawulos nemibuliso (12-15)

3  Qhubeka ubakhumbuza ukuba bathobele oorhulumente nabantu abanegunya,+ baze bakulungele ukwenza izinto ezilungileyo,  bangathethi kakubi nangabani na, bangathandi ngxabano, babe bhetyebhetye,*+ bahlale bezolile kuye wonke umntu.+  Kuba nathi sasikhe asayisebenzisa kakuhle ingqondo, singathobeli, silahlekiswa, singamakhoboka azo zonke iintlobo zeminqweno, sithanda ukuzanelisa, sisenza izinto ezimbi, sinomona, sisenyanyeka, sicaphukelana.  Kodwa ke, xa uMsindisi wethu uThixo wasenzela ububele,+ waza wabonisa ukuba uyasithanda  (hayi kuba kukho izinto ezilungileyo esizenzileyo,+ kodwa kuba enenceba),+ wasisindisa ngokusihlamba ukuze sifumane ubomi,+ nangokusenza batsha ngomoya oyingcwele.+  Wawuthulula wamninzi lo moya phezu kwethu esebenzisa uYesu Kristu uMsindisi wethu,+  ukuze emva kokuba kuthiwe singamalungisa ngenxa yokuba esenzele ububele,*+ sibe ziindlalifa+ ezinethemba lobomi obungunaphakade.+  Ezi zinto ndizithethayo ziyinyaniso, yaye ndifuna uqhubeke uzibethelela, ukuze abo bakholwayo kuThixo bahlale becinga ngokwenza izinto ezilungileyo. Ezi zizinto ezintle nezibancedayo abantu.  Wena ke sukungena iingxoxo zobudenge nezeminombo yokuzalwa, nokuphikisana nokulwa ngoMthetho, kuba ezo zinto azincedi nganto.+ 10  Ke yena umntu oza nemfundiso eyahlukileyo+ mnqande* kube kabini,+ emva koko kungabikho nto ikudibanisa naye,+ 11  usazi ukuba umntu onjalo ulushiyile ukholo, uyona, yaye uzigwebe ngokwakhe. 12  Xa ndithumele uArtemas okanye uTikiko+ kuwe, uze uzame kangangoko ukuza kum eNikopoli, kuba ndiza kubuchitha apho ubusika. 13  Uze umlungiselele uApolo noZenas, lo uwazi kakuhle uMthetho, ukuze bangadingi nto kuhambo lwabo.+ 14  Nceda nabantu bethu ukuba bafunde ukuhlala besenza izinto ezilungileyo,+ bakulungele ukukhawuleza bancede xa kukho ingxaki, ukuze bahlale bevelisa isiqhamo.+ 15  Bayabulisa bonke aba bakunye nam. Ndibulisele apho kwamanye amaKristu asithandayo. Kwanga uThixo anganenzela ububele* nonke.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “babe nengqiqo; bayekelele.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “mlumkise.”
Okanye “ububele obunganifanelanga.”