ISityhilelo Esiya KuYohane 21:1-27

  • Izulu elitsha nomhlaba omtsha (1-8)

    • Ukufa akuzukubakho (4)

    • Zonke izinto zenziwa ntsha (5)

  • Kuchazwa iYerusalem entsha (9-27)

21  Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha,+ kuba izulu langaphambili nomhlaba zazingasekho,+ nolwandle+ lungasekho.  Ndabona nesixeko esingcwele, iYerusalem Entsha, sisihla siphuma ezulwini kuThixo+ yaye silungisiwe njengomtshakazi ehombele umyeni wakhe.+  Ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: “Jonga! Intente kaThixo iphakathi kwabantu. Uza kuhlala nabo, babe ngabantu bakhe, yaye uThixo uza kuba kunye nabo.+  Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo,+ kungabi sabakho kufa,+ kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.+ Izinto zangaphambili azisekho.”  Lowo uhleli etroneni+ wathi: “Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.”+ Uphinde athi: “Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.”  Waphinda wathi kum: “La mazwi aye enzeka! NdinguAlfa no-Omega,* isiqalo nesiphelo.+ Nabani na onxaniweyo ndiza kumnika mahala amanzi obomi avela emthonjeni.+  Nabani na owoyisayo uza kuzifumana ezi zinto zibe lilifa lakhe, yaye ndiza kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.  Kodwa ke wona amagwala, abantu abangenalukholo,+ abantu abenyanyekayo ngenxa yezinto zabo ezinyhukunyhuku, ababulali,+ abantu abaziphatha kakubi ngesondo,*+ abantu abasebenzelana nemimoya, abanquli-zithixo nawo onke amaxoki,+ baza kuphelela kwichibi elivutha umlilo nesalfure.+ Loo nto ithetha ukufa kwesibini.”+  Enye yeengelosi ezisixhenxe ezazinezitya ezisixhenxe ezazinezibetho zokugqibela ezisixhenxe,+ yeza kum yaza yathi: “Yiza apha, ndiza kukubonisa umtshakazi, umfazi weMvana.”*+ 10  Ngoko yandifunqula ngamandla omoya yandisa kwintaba enkulu nephakamileyo, yandibonisa isixeko esingcwele, iYerusalem, sisihla siphuma ezulwini kuThixo+ 11  sinozuko lukaThixo.+ Sasimenyezela okwelona litye lixabisekileyo, njengelitye leyaspisi elimenyezela okwekristale.+ 12  Sasinodonga olukhulu oluphakamileyo, sineegeyithi eziyi-12 neengelosi eziyi-12 kwezo geyithi. Kuzo kwakubhalwe amagama ezizwe eziyi-12 zoonyana bakaSirayeli. 13  Kwicala elisempuma kwakukho iigeyithi ezintathu, kukho iigeyithi ezintathu kwelingasemntla, kukho iigeyithi ezintathu kwelingasemzantsi, nasentshona kukho iigeyithi ezintathu.+ 14  Udonga lwesixeko lwalunamatye esiseko ayi-12, kuwo kubhalwe amagama ayi-12 abapostile beMvana* abayi-12.+ 15  Lowo wayethetha nam wayephethe ingcongolo yegolide yokumeta, ukuze amete ngayo isixeko, iigeyithi zaso nodonga lwaso.+ 16  Esi sixeko sasinamacala amane alinganayo, ubude baso bungangobubanzi baso. Wasimeta isixeko ngengcongolo, saba ziitadiya eziyi-12 000.* Ubude nobubanzi nokuphakama kwaso kwakulingana. 17  Wameta nodonga lwaso, lwaba ziikubhite eziyi-144* ngokomlinganiselo womntu okwangowengelosi. 18  Udonga lwaso lwalwenziwe ngeyaspisi,+ isixeko senziwe ngegolide esulungeke okweglasi. 19  Iziseko zodonga lwesixeko zazihonjiswe ngalo lonke uhlobo lwamatye axabisekileyo: isiseko sokuqala sasiyiyaspisi, esesibini siyisafire, esesithathu siyikalkedoni, esesine siyiemeraldi, 20  esesihlanu siyisardoniksi, esesithandathu siyisardiyo, esesixhenxe siyikrizolite, esesibhozo siyibherilo, esethoba siyitopazi, eseshumi siyikrizoprazi, eseshumi elinanye siyihakinto, eseshumi elinesibini siyiamethiste. 21  Iigeyithi eziyi-12 zaziziiperile eziyi-12, igeyithi nganye yenziwe ngeperile enye. Nesitrato esikhulu sesixeko sasenziwe ngegolide esulungeke okweglasi. 22  Andizange ndibone tempile kuso, kuba uYehova* uThixo uSomandla+ uyitempile yaso, neMvana iyiyo.* 23  Esi sixeko sasingadingi kukhanyiselwa lilanga nenyanga, kuba sasikhanyiselwa luzuko lukaThixo,+ yaye iMvana* yayisisibane saso.+ 24  Iintlanga ziza kukhanyiselwa siso,+ baze ookumkani bomhlaba basizukise. 25  Iigeyithi zaso azizukuvalwa tu emini, kuba akuzukubakho busuku apho.+ 26  Yaye baza kuzisa uzuko nembeko yeentlanga kuso.+ 27  Kodwa nantoni na engcolileyo naye nabani na owenza into eyenyanyekayo okanye owenza amaqhinga akazukungena kuso.+ Ngabo babhaliweyo kumsongo wobomi weMvana* kuphela abaza kungena.+

Umbhalo osemazantsi

UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngunobumba wokugqibela.
Okanye “abahenyuzayo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “weTakane Legusha.”
Okanye “beTakane Legusha.”
Malunga ne-2 220 km. Funda Isihlomelo B14.
Malunga ne-64 m. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “neTakane Legusha liyiyo.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Okanye “weTakane Legusha.”