Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Iyakwalela Ukuba Neentlobano Zesini?

Ngaba IBhayibhile Iyakwalela Ukuba Neentlobano Zesini?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Kunokuba ikwalele ukuba neentlobano zesini, iBhayibhile ibonisa ukuba zisisipho esivela kuThixo kubantu abatshatileyo. UThixo wadala “indoda nebhinqa” waza wabona ukuba konke akwenzileyo ‘kulunge gqitha.’ (Genesis 1:27, 31) Xa wadibanisa indoda nebhinqa ngeqhina lomtshato, wathi ‘mababe nyama-nye.’ (Genesis 2:24) Eli qhina laliquka ulonwabo lokuba neentlobano zesini nokusondelelana ngokweemvakalelo.

 IBhayibhile ichaza ulonwabo olufunyanwa ngamadoda emtshatweni ngala mazwi: ‘Yiba nemihlali ngumfazi wobutsha bakho . . . Amabele akhe makakuyobe ngamaxesha onke. Uthabatheke rhoqo luthando lwakhe.’ (IMizekeliso 5:18, 19) UThixo ufuna nabafazi basonwabele isini. IBhayibhile ithi: “Amadoda nabafazi bafanele banelisane ngokwesini.”​—1 Korinte 7:3, iGod’s Word Bible.

Iintlobano zesini zezomtshato kuphela

UThixo wazilungiselela abantu abatshatileyo kuphela iintlobano zesini, kuba amaHebhere 13:4 athi: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa, kuba uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.” Amaqabane atshatileyo amele athembeke omnye komnye. Into ewonwabisayo ayikokucingela nje kuphela iziqu zawo, kodwa asebenzisa lo mgaqo weBhayibhile uthi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.