IiNdumiso 86:1-17

  • Akekho uThixo onjengoYehova

    • UYehova uyakufuna ukuxolela (5)

    • Zonke iintlanga ziza kukhonza uYehova (9)

    • ‘Ndifundise indlela yakho’ (11)

    • “Ndinike intliziyo emanyeneyo” (11)

Umthandazo kaDavide. 86  Owu Yehova, ndithobele indlebe yakho,* undiphendule,Kuba ndisentlungwini kwaye ndilihlwempu.+   Bukhusele ubomi bam, kuba ndithembekile.+ Msindise umkhonzi wakho othembele ngawe,Kaloku wena unguThixo wam.+   Ndicela undenzele inceba Yehova,+Kuba ndikhalela kuwe imini yonke.+   Menze onwabe umkhonzi wakho,Kuba ndibalekela kuwe, owu Yehova.   Kaloku wena Yehova, ulungile+ futhi usoloko ufuna ukuxolela;+Uthando lwakho olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bakhalela kuwe.+   Owu Yehova, wumamele umthandazo wam;Ndicela undimamele xa ndicela uncedo.+   Ndiza kukhalela kuwe xa ndikhathazekile,+Kuba wena uza kundiphendula.+   Owu Yehova, akukho thixo unjengawe,+Ayikho imisebenzi enjengeyakho.+   Zonke iintlanga ozidalileyoZiza kuza ziqubude phambi kwakho, Yehova,+Zizukise negama lakho.+ 10  Kuba umkhulu yaye wenza izinto ezimangalisayo;+Nguwe wedwa uThixo.+ 11  Ndifundise indlela yakho Yehova.+ Ndiza kuhamba enyanisweni yakho.+ Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho.+ 12  Ndikudumisa ngentliziyo yam yonke Yehova Thixo wam;+Ndiza kulizukisa ngonaphakade igama lakho, 13  Kaloku wena undithanda ngokungagungqiyo ngeyona ndlela,Ubusindise kumazantsi engcwaba* ubomi bam.+ 14  Owu Thixo, ndihlaselwa ngamadoda azigqatsayo;+Iqela lezikhohlakali lifuna ukundibulala,Ibe alikuboneli ntweni.+ 15  Kodwa wena Yehova, unguThixo onenceba nobavelayo abantu,*Ocaphuka kade, ophuphuma luthando olungagungqiyo nokuthembeka.*+ 16  Buyela kum, undenzele inceba.+ Mnike amandla akho umkhonzi wakho,+Uze umsindise unyana wekhobokazana lakho. 17  Ndinike ubungqina bokulunga kwakho,Ukuze ubonwe ngabo bandicaphukelayo baze bahlazeke. Kuba wena Yehova, ungumncedi nomthuthuzeli wam.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “goba undimamele.”
Okanye “nobubele.”
Okanye “nenyani.”