IiNdumiso 98:1-9

  • UYehova, uMsindisi noMgwebi olilungisa

    • UYehova ukwenze kwaziwa ukusindisa kwakhe (2, 3)

Ingoma emnandi. 98  Mculeleni ingoma entsha uYehova,+Kuba wenze izinto ezimangalisayo.+ Isandla sakhe sasekunene, ingalo yakhe engcwele isisindisile.*+   UYehova uyenze yaziwa indlela asindisa ngayo;+Ubutyhilile ubulungisa bakhe ezintlangeni.+   Ulukhumbule uthando lwakhe olungagungqiyo nokuthembeka kwakhe kwindlu kaSirayeli.+ Ezona ndawo zikude zomhlaba ziyibonile indlela asindisa* ngayo uThixo wethu.+   Umhlaba wonke mawukhwaze kuYehova kuba woyisile. Chwayitani, nikhwaze nivuya nize nimdumise ngengoma.*+   Mdumiseni* uYehova ngohadi,Ngohadi nangengoma emnandi.   Khwazani phambi koKumkani uYehova kuba noyisile,+Nivuthele amaxilongo nophondo.   Malugqume ulwandle nazo zonke izinto ezikulo,Umhlaba nabo bahlala kuwo.   Imilambo mayiqhwabe izandla,Neentaba zikhwaze zonke zivuya+   Phambi koYehova, kuba uyeza* ukuze agwebe umhlaba. Uza kuwugweba ngobulungisa umhlaba,+Azigwebe ngokomthetho nezizwana.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yoyisile.”
Okanye “oyisa.”
Okanye “nimqambele ingoma.”
Okanye “Mqambeleni ingoma.”
Okanye “uzile.”