IiNdumiso 104:1-35

  • Ukudumisa uThixo ngenxa yendalo emangalisayo

    • Umhlaba uza kubakho ngonaphakade (5)

    • Iwayini nesonka somntu (15)

    • “Mininzi ngeyona ndlela imisebenzi yakho” (24)

    • ‘Ziyafa xa ususa umoya wazo’ (29)

104  Mandimdumise* uYehova.+ Owu Yehova Thixo wam, umkhulu kakhulu.+ Wambethe uzuko* nobungangamsha.+   Uzisongele ngokukhanya+ ngokungathi sisambatho;Wolula amazulu okwelaphu lentente.+   Ubeka iipali kumagumbi akhe aphezulu emanzini asesibhakabhakeni,*+Esenza amafu abe yinqwelo yakhe,+Ehamba ngamaphiko omoya.+   Iingelosi zakhe uzenza zibe ngumoya,Abasebenzi bakhe babe ngumlilo oqwengayo.+   Uwuzinzisile umhlaba phezu kweziseko zawo;+Awuzukususwa endaweni yawo* ngonaphakade kanaphakade.+   Wawuthi wambu ngamanzi anzulu ngokungathi sisambatho.+Amanzi ema phezu kweentaba.   Wathi usakuwakhalimela, abaleka;+Athi akuva isandi sendudumo yakho, abaleka esoyika,   Iintaba zenyuka,+ neentlambo zehla,Zaya kwindawo owawuzibekele yona.   Wawamisela umda ukuze angadluli kuwo,+Ukuze angaphindi ogqume umhlaba. 10  Uthumela imithombo ezintlanjeni;Iqhubeka ihamba phakathi kweentaba. 11  Iseza onke amarhamncwa asendle;Iidonki zasendle ziqabula unxano lwazo kuyo. 12  Entla kwayo kuhlala iintaka zezulu;Zintyiloza phakathi kwamahlamvu ashinyeneyo. 13  Unkcenkceshela iintaba esemagumbini akhe aphezulu.+ Umhlaba waneliswa sisiqhamo semisebenzi yakho.+ 14  Uhlumisa ingca esenzela iinkomo,Notyani ukuze lusetyenziswe ngabantu,+Kuphume ukutya emhlabeni, 15  Iwayini evuyisa intliziyo yomntu,+Ioli ekhazimlisa ubuso,Nesonka esixhasa intliziyo yomntu.+ 16  Imithi kaYehova yanelisekile,Imisedare yaseLebhanon ayityalileyo, 17  Apho iintaka zizenzela khona iindlwane. Indlu yengwamza+ isemithini yejunipha. 18  Iintaba eziphakamileyo zezeebhokhwe zasezintabeni;+Amawa yindawo ezibalekela kuyo iimbila.+ 19  Inyanga uyenzele ukubala amaxesha;Ilanga lizazi kakuhle ukuba litshona nini.+ 20  Uzisa ubumnyama, kuze kube sebusuku,+Xa zonke izilwanyana zasendle zihambahamba ehlathini. 21  Iingonyama zigqumela ixhoba+Zifuna ukutya kwazo kuThixo.+ 22  Lithi lakuphuma ilanga,Ziye kubuthuma kwiindawo zazo. 23  Umntu uyaphuma aye emsebenzini wakhe,Aze abile esoma de kuhlwe. 24  Mininzi ngeyona ndlela imisebenzi yakho, Yehova!+ Yonke uyenze ngobulumko.+ Umhlaba ugcwele zizinto ozidalileyo. 25  Udale ulwandle, olukhulu nolubanzi,Lunyakazela izinto eziphilayo, ezincinci nezinkulu.+ 26  Zihamba apho iinqanawa,Kunye neLeviyatan,* owayidalela ukuba idlale kulo.+ 27  Zonke zilindela kuweUkuba uzinike ukutya kwazo ngexesha elifanelekileyo.+ 28  Ziqokelela loo nto uzinika yona.+ Xa uvula isandla sakho, zifumana intabalala yezinto ezintle.+ 29  Ziyaphazamiseka xa ubufihla ubuso bakho. Ziyafa xa ususa umoya wazo, zibuyele eluthulini.+ 30  Ziyadalwa xa uthumela umoya wakho,+Ibe wena uyawuhlaziya nomhlaba. 31  Uzuko lukaYehova luza kubakho ngonaphakade. UYehova uza kuvuyiswa yimisebenzi yakhe.+ 32  Uthi xa ejonga umhlaba, usuke ungcangcazele;Uchukumisa iintaba ziqhume.+ 33  Ndiza kumculela uYehova+ ubomi bam bonke;Ndiza kuhlala ndimdumisa ngengoma* uThixo wam ndisaphila nje.+ 34  Ndifuna iingcinga zam zimvuyise.* Ndiza kuvuyiswa nguYehova. 35  Abenzi-bubi baza kuthi shwaka emhlabeni,Nabangalunganga abazukuphinda babekho.+ Mandimdumise* uYehova. Dumisani uYa!

Umbhalo osemazantsi

Okanye “isidima.”
Okanye “Umphefumlo wam mawumdumise.”
Ngokoqobo, “emanzini.”
Okanye “Awuzukugungqa.”
Okanye “kumqambela ingoma.”
Okanye kusenokwenzeka, “Iingcinga zam ngaye mayibe zezivuyisayo.”
Okanye “Umphefumlo wam mawumdumise.”