IiNdumiso 115:1-18

  • NguThixo yedwa omakanikwe uzuko

    • Izithixo ezingaphiliyo (4-8)

    • Umhlaba unikwe abantu (16)

    • “Abafileyo abamdumisi uYa” (17)

115  Mayingabi sithi Yehova, mayingabi sithi,*Kodwa mayibe ligama lakho elizukiswayo+Ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo nokuthembeka kwakho.+   Kutheni iintlanga zimele zide zithi: “Uphi uThixo wabo?”+   UThixo wethu usemazulwini;Wenza nantoni na ayithandayo.   Izithixo zabo ziyisilivere negolide,Zenziwe ngabantu.+   Zinomlomo, kodwa azithethi;+Zinamehlo, kodwa aziboni;   Zineendlebe, kodwa aziva;Zinempumlo, kodwa azikwazi kunukisa;   Zinezandla, kodwa aziphathi;Zineenyawo, kodwa azihambi;+Akuphumi sandi emiqaleni yazo.+   Abantu abazenzileyo baza kuba njengazo kanye,+Kube njalo nakwabo bathembele ngazo.+   Owu Sirayeli, thembela ngoYehova;+Uluncedo lwakho nekhaka lakho.+ 10  Owu ndlu ka-Aron,+ thembela ngoYehova;Uluncedo lwakho nekhaka lakho. 11  Nina enoyika uYehova, thembelani ngoYehova;+Uluncedo lwenu nekhaka lenu.+ 12  UYehova usikhumbule ibe uza kusisikelela;Uza kuyisikelela indlu kaSirayeli;+Uza kuyisikelela indlu ka-Aron. 13  Uza kubasikelela abo boyika uYehova,Abancinci nabakhulu. 14  UYehova uza kunandisa,Nina nabantwana* benu.+ 15  Wanga anganisikelela uYehova,+UMenzi wezulu nomhlaba.+ 16  Amazulu ngakaYehova,+Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.+ 17  Abafileyo abamdumisi uYa;+Abamdumisi abo bathe cwaka ekufeni.+ 18  Kodwa thina siza kumdumisa uYaNgoku nangonaphakade. Dumisani uYa!*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Akukho nto isifaneleyo Yehova, akukho nto isifaneleyo.”
Ngokoqobo, “noonyana.”
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.