IiNdumiso 77:1-20

  • Umthandazo ngexesha lobunzima

    • Ukucingisisa ngemisebenzi kaThixo (11, 12)

    • ‘Ngubani omkhulu njengawe, Thixo?’ (13)

Kumalathisi; mayidlalwe ngeYedutun.* Eka-Asafu.+ Ingoma emnandi. 77  Ngelizwi lam ndiza kukhalela kuThixo;Ndiza kukhalela kuye, ibe uza kundiva.+   Xa ndisentlungwini ndikhangela uYehova.+ Izandla zam ndizolulela kuye ubusuku bonke, Ibe andithuthuzeleki.   Ndithi ndakukhumbula uThixo ndincwine;+Ndikhathazekile kwaye ndiphelelwa ngamandla.+ (Selah)   Awuvumi ukuba avaleke amehlo am;Ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.   Ndikhumbula iimini zakudala,+Iminyaka eyadlulayo.   Ebusuku ndihlala ndikhumbula ingoma yam;*+Ndizikisa ukucinga entliziyweni yam,+Ndize ndiphandisise.*   Uza kusilahla ngonaphakade na uYehova?+ Akasoze aphinde asamkele na?+   Luphele tu na uthando lwakhe olungagungqiyo? Azizukusifumana zonke na izizukulwana isithembiso sakhe?   UThixo ulibele na ukuba nenceba,+Okanye umsindo wakhe umenze waphelelwa yinceba? (Selah) 10  Ngaba ndimele ndiqhubeke ndisithi: “Nantsi eyona nto indityayo:*+ Oyena Uphakamileyo usijikele”?* 11  Ndiza kuyikhumbula imisebenzi kaYa;Ndiza kuyikhumbula imimangaliso yakho yakudala. 12  Ndiza kucingisisa ngayo yonke imisebenzi yakho,Ndetyise nangezinto ozenzileyo.+ 13  Owu Thixo, iindlela zakho zingcwele. Nguwuphi na uthixo omkhulu njengawe, wena Thixo?+ 14  UnguThixo wokwenene, owenza izinto ezimangalisayo.+ Uzibonisile izizwana ukuba unamandla.+ 15  Ubasindise* ngamandla akho* abantu bakho,+Oonyana bakaYakobi nabakaYosefu. (Selah) 16  Amanzi akubonile Thixo;Akubonile aza agxobheka.+ Atsho ayaluzela amanzi anzulu. 17  Amafu akhupha izantyalantyala zemvula. Kwasibekela kwaza kwaduduma,Neentolo zakho zaya ngapha nangapha.+ 18  Isandi sendudumo yakho+ sasingathi ngamavili enqwelo;Ukutshawuza kwemibane kwawutsho waqhakraza umhlaba;+Umhlaba wangcangcazela waza wanyikima.+ 19  Wena wanqumla elwandle,+Wanqumla emanzini amaninzi;Kodwa awuzange ushiye mkhondo. 20  Wabakhokela oku komhlambi abantu bakho,+Ngesandla sikaMoses noAron.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ingoma yam yomrhubhe.”
Ngokoqobo, “Uze umoya wam uphande.”
Ngokoqobo, “usiguqule isandla sakhe sasekunene.”
Okanye “indixhelayo.”
Ngokoqobo, “Ubakhulule.”
Ngokoqobo, “ngengalo yakho.”