Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 16

Yintoni Onokuyenza Ukuze Umelane Namaxhala?

“Wuphosele kuYehova umthwalo wakho, yena uza kukuxhasa. Soze avumele ilungisa liwe.”

INdumiso 55:​22

“Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo, kodwa bonke abenza ngokungxama, nakanjani na baza kuphelela endlaleni.”

IMizekeliso 21:5

“Sukoyika, kuba ndinawe. Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ngaphandle kwamathandabuzo, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”

Isaya 41:​10

“Ngubani kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze nomzuzu lo omnye kubomi bakhe?”

Mateyu 6:​27

“Ngoko ke, ningaze nixhalele ingomso, kuba ingomso liza kuba namaxhala alo. Usuku ngalunye luneengxaki ezilulingeneyo.”

Mateyu 6:​34

“Niqiniseke ngezona zinto ezibalulekileyo.”

Filipi 1:​10

“Sanukuba naxhala lanto, kodwa zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela; yaye uxolo lukaThixo oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga, luza kuzikhusela iintliziyo neengqondo zenu ngoKristu Yesu.”

Filipi 4:​6, 7