Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 13

Ithini IBhayibhile Ngokusebenza?

“Ukhe wambona na umntu olichule emsebenzini wakhe? Uza kuma phambi kookumkani; akazukuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.”

IMizekeliso 22:​29

“Lowo ubayo makayeke ukuba, endaweni yoko makasebenze nzima, esenza izinto ezilungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento anokuyipha umntu odingayo.”

Efese 4:​28

“Kwanokuba wonke umntu ufanele atye, asele aze onwabe ngenxa yokusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”

INtshumayeli 3:​13