Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 15

Ungenza Njani Ukuze Wonwabe?

“Kubhetele ukutya imifuno apho kukho uthando kunokutya inkomo etyetyisiweyo apho kukho inzondo.”

IMizekeliso 15:​17

“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo, lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.”

Isaya 48:​17

“Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo.”

Mateyu 5:3

“Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”

Mateyu 22:​39

“Baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”

Luka 6:​31

“Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”

Luka 11:​28

“Nokuba umntu unezinto ezininzi, ubomi bakhe abuxhomekekanga kwizinto anazo.”

Luka 12:​15

“Ukuba sinokutya nento yokunxiba, masaneliswe zezo zinto.”

1 Timoti 6:8

“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”

IZenzo 20:​35