Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 7

Yathini IBhayibhile Ngeli Xesha Lethu?

“Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe . . . Zonke ezi zinto zikukuqala kwexesha lobunzima.”

Mateyu 24:​7, 8

“Kuza kuvela abaprofeti bobuxoki abaninzi, balahlekise abantu abaninzi; yaye ngenxa yokwanda kobubi, luza kuphola uthando lwabaninzi.”

Mateyu 24:​11, 12

“Xa nisiva ngeemfazwe kwiindawo ngeendawo, sanukothuka; ezi zinto zimele zenzeke, kodwa sibe singekafiki isiphelo.”

Marko 13:7

“Kuza kubakho iinyikima ezinkulu, kubekho indlala nezifo ezingubhubhani kwiindawo ngeendawo; kuza kubakho izinto ezoyikekayo nemimangaliso emikhulu esibhakabhakeni.”

Luka 21:​11

“Kodwa umele wazi ukuba ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, baqhayise, baziphakamise, bathethe kakubi ngoThixo nangabantu, bangathobeli bazali, bangabi nambulelo, bangathembeki, bangabi naluthando, babe nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo, bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi, bathande ulonwabo kunokuba bathande uThixo, babonakale ngathi bayamkhonza uThixo, kodwa indlela abaphila ngayo ibe ingatsho.”

2 Timoti 3:​1-5