IiNdumiso 146:1-10

  • Thembela kuThixo, ungathembeli ebantwini

    • Xa umntu esifa, ziyatshabalala iingcinga zakhe (4)

    • UThixo uyabaphakamisa abo baqubudileyo (8)

146  Dumisani uYa!*+ Mandimdumise ngentliziyo yam yonke* uYehova.+   Ndiza kumdumisa ubomi bam bonke uYehova. Ndisaphila nje, ndiza kumdumisa ngengoma* uThixo wam.   Sanukuthembela kwiinkosana,Nakunyana womntu, ongenakukwazi ukunisindisa.+   Uyaphuma umoya wakhe,* aze abuyele emhlabeni;+Ngaloo mini ziyatshabalala iingcinga zakhe.+   Wonwabile lowo uncedwa nguThixo kaYakobi,+Othembela ngoYehova uThixo wakhe,+   UMenzi wezulu nomhlaba,Ulwandle, nazo zonke izinto ezikuzo,+Lowo uhlala ethembekile,+   Lowo uthethelela abo baqhathwayo,Lowo upha abalambileyo isonka.+ UYehova ukhulula amabanjwa.*+   UYehova uvula amehlo eemfama;+UYehova uphakamisa abaqubudileyo;+UYehova uthanda amalungisa.   UYehova ukhusela abasemzini;Wondla umntwana ongenatata nomhlolokazi,+Kodwa uyawaphelisa amacebo abenzi-bubi.*+ 10  UYehova uza kuba nguKumkani ngonaphakade,+UThixo wakho Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana. Dumisani uYa!*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Okanye “ngomphefumlo wam wonke.”
Okanye “kumqambela ingoma.”
Okanye “Buyaphela ubomi bakhe.”
Ngokoqobo, “ababotshiweyo.”
Okanye “uyenza goso indlela yabenzi-bubi.”
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.