Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 10

Ithembisa Ntoni IBhayibhile Ngekamva?

“Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”

INdumiso 37:​29

“Umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.”

INtshumayeli 1:4

“Uza kukuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova iza kuzosula iinyembezi ebusweni babo bonke abantu.”

Isaya 25:8

“Ngelo xesha aza kuvulwa amehlo abantu abangaboniyo, zivulwe neendlebe zabantu abangevayo. Ngelo xesha umntu oqhwalelayo uza kutsiba njengempunzi, nolwimi lomntu ongakwaziyo ukuthetha luza kukhwaza ngovuyo. Kuba nentlango iza kumpompoza amanzi, kubekho imisinga yamanzi entlango.”

Isaya 35:​5, 6

“Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”

ISityhilelo 21:4

“Baza kwakha izindlu, bahlale kuzo, batyale amasimi eediliya, batye iziqhamo zawo. Abazukwakha kuze kuhlale abanye, bengazukutyala izinto eziza kutyiwa ngabanye. Kuba imihla yabantu bam iza kuba njengeyomthi. Abantu bam abakhethiweyo baxhamle ngokupheleleyo kwimisebenzi abayenze ngezandla zabo.”

Isaya 65:​21, 22