Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

A1

Imigaqo Yokuguqulelwa KweBhayibhile

Ekuqaleni iBhayibhile yayibhalwe ngesiHebhere sakudala, isiAramiki nesiGrike. Namhlanje ifumaneka yonke okanye ingaphelelanga ngeelwimi ezimalunga neziyi-3 000. Abantu abaninzi abafunda iBhayibhile abazazi ezi lwimi eyayibhalwe ngazo ekuqaleni, ngoko baxhomekeke kweguqulelweyo. Yeyiphi imigaqo elawula indlela emayiguqulelwe ngayo iBhayibhile, yaye le migaqo incede njani kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele?

Abanye basenokucinga ukuba ukuguqulela igama negama kungamnceda umfundi ayiqonde kakuhle into eyayibhalwe ngezaa lwimi zakudala. Kodwa ayisoloko isebenza loo nto. Makhe sibone ezinye izizathu zokuba sitsho:

  • Akwenzeki ukuba iilwimi ezimbini zibe nemigaqo efanayo, amagama afanayo nezivakalisi ezima ngendlela efana twatse. Xa wayebhala ngeelwimi, uprofesa wolwimi lwesiHebhere uS. R. Driver wabhala wathi iilwimi “azahlukanga kwimigaqo yazo nakwiingcambu zazo nje qha, kodwa zahluke . . . nakwindlela ezakhiwa ngayo iingcamango zibe zizivakalisi.” Iilwimi ezahlukahlukeneyo zicinga ngendlela eyahlukeneyo. Lo Profesa uqhubeka athi, “ngoko indlela esibekwa ngayo isivakalisi kulwimi oluthile iyohluka kolunye.”

  • Kwiilwimi zanamhlanje alukho olunamagama nemigaqo efana twatse nesiHebhere, isiAramiki nesiGrike, iilwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile. Ngoko ukuguqulela iBhayibhile igama negama kungayenza ingacaci into ethethwayo okanye ingachani.

  • Eyona nto ithethwa ligama okanye ngamagama ingatshintsha ngenxa yendlela elisetyenziswe ngayo.

Umntu oguqulelayo angakwazi ukuguqulela ezinye iivesi kanye ngalaa ndlela zazibhalwe ngayo ngezaa lwimi zakudala. Kodwa kufuneka alumke xa esenza loo nto.

Nantsi eminye imizekelo ebonisa ukuba ukuguqulela igama negama kungenza ingaqondwa eyona nto ithethwayo:

  • Kwezinye iindawo eZibhalweni kusetyenziswe igama elithi “ukulala” xa kubhekiselwa ekulaleni oku kuqhelekileyo nasekufeni. (Mateyu 28:​13; Yohane 11:​11) Xa eli gama lisetyenziswe kwindawo ebhekisela ekufeni, abaguquleli beBhayibhile banokusebenzisa igama elithi “ukufa” ukuze angabhideki umfundi.​​—1 Korinte 7:​39; 1 Tesalonika 4:​13; 2 Petros 3:4.

  • KumaEfese 4:​14, umpostile uPawulos usebenzise amagama athi xa eguqulelwe ngokoqobo, “xa amadoda edlala amadayisi.” Esi sisaci sakudala esibhekisela ekubeni namaqhinga xa kudlalwa amadayisi. Ukuguqulela esi saci ngokuthi “ngamaqhinga,” kuyenza icace eyona nto ithethwayo.

  • KumaRoma 12:​11 kusetyenziswe igama lesiGrike elithetha “ukubila komoya.” KwisiXhosa eli gama aliyichazi eyona nto ithethwayo, ngoko liguqulelwe ngokuthi “umoya oyingcwele unenze nitshiseke.”

  • MATEYU 5:3

    Ngokoqobo NgesiXhosa: “abangamahlwempu ngomoya”

    Eyona nto ithethwayo: “abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo”

    KwiNtshumayelo edumileyo yaseNtabeni, uYesu wasebenzisa igama eliguqulelwa amaxesha amaninzi ngokuthi “banoyolo abangamahlwempu ngomoya.” (Mateyu 5:​3, iBhayibhile Enomlomo Obomvu) Kodwa kwiilwimi ezininzi, ukuliguqulela ngale ndlela eli gama kuyenza ingavakali eyona nto ithethwayo. Kwezinye iimeko, ukuguqulela igama negama kusenokumenza umntu acinge ukuba abantu “abangamahlwempu ngomoya” ngabantu abangabhadlanga ncam okanye abacubhukileyo. Noko ke, apha uYesu wayefundisa abantu ukuba eyona nto ayidingayo umntu ukuze onwabe ayizozinto, kodwa kukwazi ukuba uyakudinga ukukhokelwa nguThixo. (Luka 6:​20) Ngoko, ukuliguqulela eli gama ngokuthi “abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo” kuyichaza ngokuchanileyo eyona nto ithethwayo kwesi Sibhalo.​​—Mateyu 5:3.

  • Kwimeko ezininzi, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ikhwele” lithetha into enye neli lesiXhosa, ukuba nomsindo ngenxa yokucinga ukuba umntu osondeleyo kuwe uye akathembeka, okanye lithethe ukumonela abanye ngenxa yezinto abanazo. (IMizekeliso 6:​34; Isaya 11:​13) Kodwa ke, kwaeli gama lesiHebhere liyakwazi ukuthetha into entle. Ngokomzekelo, lisenokusetyenziswa xa kuthethwa “ngokuzimisela,” okanye indlela uYehova akufuna ngayo ukukhusela abakhonzi bakhe okanye xa kuthethwa ‘ngokufuna kwakhe ukuba abantu bazinikele ngokupheleleyo kuye.’ (Eksodus 34:​14; 2 Kumkani 19:​31; Hezekile 5:​13; Zekariya 8:2) Kwakhona lisenokusetyenziswa ukuze kuboniswe indlela abathembeke ngayo abakhonzi bakaThixo kuye nakunqulo lwakhe, okanye indlela ‘abangakunyamezeli ngayo ukudelelwa kwakhe.’​​—INdumiso 69:9; 119:​139; Numeri 25:11.

  • Igama lesiHebhere uyadh lidla ngokuguqulelwa ngokuthi “isandla,” kodwa kuxhomekeka kwimeko, eli gama lisenoguqulelwa ngokuthi “ulawulo,” “ububele,” “amandla” nangezinye iindlela ezininzi

    Igama lesiHebhere elidla ngokubhekisela kwisandla somntu lisenokuthetha izinto ezininzi. Kuxhomekeka kwimeko elisetyenziswe kuyo, eli gama lisenokuguqulelwa ngokuthi “ulawulo,” ukuba nobubele, okanye “amandla.” (2 Samuweli 8:3; 1 Kumkani 10:​13; IMizekeliso 18:​21) Eli gama liguqulelwe ngeendlela ezininzi kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiXhosa.

Ngoko ke, xa ujonga zonke ezi zinto sithethe ngazo, ukuguqulela iBhayibhile akuthethi nje ukubeka igama elithile qho kuvela elinye. Umntu oguqulelayo umele acinge kakuhle ukuze akhethe amagama olwimi aguqulela kulo aza kuyichaza kakuhle into ethethwayo. Ngaphezu koko, kufuneka abeke izivakalisi ngendlela evumelana nemigaqo yolwimi lwakhe ukuze zifundeke lula.

Kodwa ke, kufuneka silumke singazibaxi izinto xa sifuna ukuguqulela ngendlela ecacileyo. Umntu oyishwankathela kakhulu iBhayibhile ngokwendlela acinga ngayo xa eyiguqulela, unokuyitshintsha eyona nto ithethwayo. Njani? Unokufaka imbono yakhe engachananga okanye asuse iinkcukacha ezibalulekileyo. Ngoko nangona ukushwankathela iBhayibhile kunokuyenza ifundeke lula, kunokumenza umfundi angayiva eyona nto ithethwayo.

Iinkolelo zomntu oguqulelayo zinokuba negalelo kumsebenzi wakhe. Ngokomzekelo, uMateyu 7:​13 uthi: “Kuba inkulu igeyithi, iphangalele nendlela esa entshabalalweni.” Abanye abaguquleli abasenokuba baye baphenjelelwa ziinkolelo zabo, baye bafakela igama elithi “isihogo” endaweni yokusebenzisa elithi “intshabalalo,” elilelona gama liyichaza kakuhle into eyayithethwa leliya lesiGrike.

Umntu oguqulela iBhayibhile umele akhumbule nokuba iBhayibhile yabhalwa kusetyenziswa ulwimi oluqhelekileyo, oluthethwa yonke imihla ngabantu abaqhelekileyo, njengabalimi, abelusi nabalobi. (Nehemiya 8:​8, 12; IZenzo 4:​13) Ngoko, xa iBhayibhile iguqulelwe kakuhle, umyalezo okuyo uza kuqondwa ngabantu abanomdla, kungakhathaliseki ukuba ithini imvelaphi yabo. Kubhetele kusetyenziswe amagama aqondwa lula ngabantu naqhelekileyo, kunalawo angafane asetyenziswe.

Abaguquleli beBhayibhile abaninzi baye benza into abangenasizathu sivakalayo sakuyenza, le yokususa igama likaThixo elinguYehova kwiinguqulelo zeBhayibhile zale mihla, nangona eli gama likho kwimibhalo yeBhayibhile yakudala. (Funda Isihlomelo A4.) Ezinye iinguqulelo ziye zafaka isibizo njengeso sithi “Nkosi,” yaye ezinye zide zayenza yangabonakali into yokuba uThixo unalo igama. Nanku umzekelo, kwezinye iinguqulelo, umthandazo kaYesu okuYohane 17:​26 uthi: “Ndibazisile ngawe,” uze uthi kuYohane 17:6, “ndikwazisile kwabo wandinika bona.” Kodwa ke, eyona ndlela ichanileyo yokuguqulela umthandazo kaYesu ithi: “Ndibafundisile ngegama lakho,” ize enye ithi, “ndilazisile igama lakho kubantu ondinike bona.”

Njengoko iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yokuqala yesiNgesi isitsho: “Asizishwankatheli iZibhalo. Kuyo yonke le nguqulelo besizama ukuguqulela igama negama kangangoko kunokwenzeka, xa izaci zesiNgesi ziyivumela loo nto yaye ukuguqulela igama negama kungazukuyiloza kuze kuyifihle eyona nto ithethwayo.” Yiloo nto iKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile Yehlabathi Elitsha iye yazama ukusebenzisa amagama aza kuyiveza kakuhle eyona nto yayithethwa ziilwimi zokuqala eyabhalwa ngazo iBhayibhile, kodwa iwaphepha amagama afundeka nzima okanye angayivezi kakuhle eyona nto ibithethwa. Ngenxa yaloo nto iBhayibhile ifundeka lula yaye umntu oyifundayo unokuqiniseka ukuba umyalezo wayo ophefumlelweyo udluliselwe ngendlela enokuthenjwa.​​—1 Tesalonika 2:13.