IiNdumiso 72:1-20

  • Ukumkani kaThixo ulawula ngoxolo

    • “Amalungisa aza kutyatyamba” (7)

    • Ulawula abantu ukususela elwandle ukuyokutsho elwandle (8)

    • Usindisa abantu kubundlobongela (14)

    • Intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni (16)

    • Igama likaThixo liza kudunyiswa ngonaphakade (19)

Ethetha ngoSolomon. 72  Owu Thixo, nika ukumkani izigwebo zakho,Mwonge ngobulungisa bakho unyana wokumkani.+   Kwanga angabathethelela abantu bakho,Awagwebe ngobulungisa namahlwempu.+   Kwanga iintaba zingabaphathela uxolo abantu,Neenduli zibaphathele ubulungisa.   Makawalwele* amahlwempu aphakathi kwabantu,Makasindise oonyana babo bangathathi ntweni,Abatshabalalise abantu abanamaqhinga.+   Baza kukoyika lisekhona nje ilanga,Isekhona nje nenyanga,Kwisizukulwana emva kwesizukulwana.+   Yena uza kuba njengemvula ena phezu kwengca echetyiweyo,Njengemvula enkcenkceshela umhlaba.+   Xa elawula, amalungisa aza kutyatyamba,+Isekhona nje inyanga, kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo.+   Uza kulawula abantu ukususela elwandle ukuyokutsho elwandle.Nokusuka eMlanjeni* ukuya kwezona ndawo zikude emhlabeni.+   Abantu abahlala entlango baza kuqubuda kuye,Neentshaba zakhe ziza kukhotha uthuli.+ 10  Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baza kuzisa umrhumo kuye.+ Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baza kuzisa izipho.+ 11  Bonke ookumkani baza kuqubuda kuye,Neentlanga ziza kuba zizicaka zakhe. 12  Kuba uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo,Abangathathi ntweni nabangenamncedi. 13  Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu,Uza kusindisa ubomi bamahlwempu. 14  Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela,Negazi labo liza kuxabiseka emehlweni akhe. 15  Makaphile ixesha elide, aze anikwe negolide yakwaShebha.+ Makahlale ethandazelwa,Makasikelelwe imini yonke. 16  Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni;+Kuphuphume ezincochoyini zeentaba. Iziqhamo zakhe ziza kuqhama ngathi zezaseLebhanon,+Nabantu ezixekweni baza kutyatyamba njengotyani.+ 17  Kwanga igama lakhe lingahlala ngonaphakade,+Lihlale likho njengelanga. Kwanga abantu bangasikelelwa ngenxa yakhe;+Kwanga zonke iintlanga zingambona ukuba wonwabile. 18  Kwanga angadunyiswa uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli,+Ekuphela kwakhe owenza izinto ezimangalisayo.+ 19  Kwanga igama lakhe elizukileyo lingadunyiswa ngonaphakade,+Nozuko lwakhe lugcwalise umhlaba wonke.+ Amen, Amen. 20  Iphelela apha ke imithandazo kaDavide, unyana kaYese.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Makawagwebe.”
Oko kukuthi, umEfrate.