IiNdumiso 41:1-13

  • Umthandazo wasemandlalweni wokugula

    • UThixo uyabaxhasa abagulayo (3)

    • Ukujikelwa ngumhlobo (9)

Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide. 41  Wonwabile nabani na olicingelayo ihlwempu;+UYehova uza kumsindisa ngemini yentlekele.   UYehova uza kumkhusela, aze ahlale ephila. Kuza kuthiwa wonwabile emhlabeni;+Soze uvumele iintshaba zakhe zenze unothanda* kuye.+   UYehova uza kumxhasa xa egula esebhedini;+Ngokuqinisekileyo uza kumonga xa egula.   Kuba ndathi: “Owu yhini Yehova, ndenzele inceba.+ Ndiphilise,+ kuba ndikonile.”+   Kodwa iintshaba zam zindikhohlakalele, zithi: “Uza kufa nini na lo, acinywe igama?”   Xa eze kundibona omnye wazo, intliziyo yakhe ithetha ubuxoki. Uqokelela ulwimi aza kuluthetha,Aze ahambe elusasaza.   Bayandihleba bonke abandenyanyayo;Bandicebela iyelenqe, besithi:   “Wehlelwe yinto embi;Ewile nje, akazukuphinda avuke.”+   Nkqu nendoda ebendihleli ngoxolo nayo, ebendiyithembile,+Ebisitya isonka sam, indiphakamisele isithende.*+ 10  Kodwa ndicela wena Yehova undenzele inceba, undiphakamise,Ukuze ndiziphindezele. 11  Ndiza kwazi ngale nto ukuba uyandithanda: Xa utshaba lwam lungakwazi ukukhwaza luvuyela ukundoyisa.+ 12  Mna undiphakamisile ngenxa yokungasoleki kwam;+Uza kundigcina phambi kwakho ngonaphakade.+ 13  Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli,Makadunyiswe ngonaphakade.+ Amen, Amen.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “into eziyifunayo.”
Okanye “indijikele.”