IiNdumiso 83:1-18

  • Umthandazo waxa ujongene neentshaba

    • “Owu Thixo, sukuthula” (1)

    • Iintshaba mazibe njengesivuthu-vuthu sameva (13)

    • Igama likaThixo nguYehova (18)

Ingoma. Ingoma emnandi ka-Asafu.+ 83  Owu Thixo, sukuthula;+Sukuthi cwaka, ungathethi, yhini Thixo.   Kuba jonga! nazo zingxola iintshaba zakho;+Abo bakucaphukelayo bayakuphakamela.*   Babacingela amaqhinga abantu bakho;Babenzela amayelenqe abo ubathandayo.*   Bathi: “Yizani silucime igama olu hlanga,+Ukuze igama likaSirayeli lingaze likhunjulwe.”   Bamanyene ngeqhinga;*Badibene* ngawe.+   Kudibene iintente zikaEdom namaIshmayeli, uMowabhi+ namaHagri,+   UGebhali noAmoni+ noAmaleki,ElamaFilisti+ kunye nabemi baseTire.+   NeAsiriya+ ikwelo;Ixhasa oonyana* bakaLote.+ (Selah)   Khawubenze laa nto wayenza kwiMidiyan,+Leyo wayenza kuSisera noYabhin kumfula waseKishon.+ 10  Batshatyalaliselwa e-Endore+Bangumgquba womhlaba. 11  Yenza izikhulu zabo zibe njengo-Orebhi noZehebhe,+Neenkosana* zabo zibe njengoZebha noTsalmuna,+ 12  Kuba bathe: “Makhe sizithathele laa mhlaba uThixo ahlala kuwo.” 13  Owu Thixo wam, benze babe njengesivuthu-vuthu sameva,+Njengeendiza eziphetshethwa ngumoya. 14  Njengedangatye elitshisa ihlathi,Njengomlilo otshisa iintaba,+ 15  Akwaba ungabaleqa ngesitshingitshane sakho,+Uboyikise ngesaqhwithi sakho.+ 16  Bogqume* ngehlazo ubuso babo,Ukuze balikhangele igama lakho, Yehova. 17  Akwaba bangahlaziswa baze batyhwatyhwe ngonaphakade;Kwanga bangahlazeka, kuphele kuthi nya ngabo; 18  Kwanga abantu bangazi ukuba wena, ogama linguYehova,+Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “baphakamisa iintloko zabo.”
Ngokoqobo, “ubafihlileyo.”
Ngokoqobo, “Bacebisene ngokumanyeneyo ngentliziyo.”
Okanye “Benze isivumelwano.”
Ngokoqobo, “Iyingalo koonyana.”
Okanye “Neenkokheli.”
Ngokoqobo, “Bugcwalise.”