IiNdumiso 23:1-6
Ingoma emnandi kaDavide.
23 UYehova nguMalusi wam.+
Andizukudinga nto.+
2 Undilalisa kumadlelo anengca;Undikhokelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi.*+
3 Uyandihlaziya.+
Undikhokelela kwiindlela* zobulungisa ngenxa yegama lakhe.+
4 Nangona ndihamba kwintlambo emnyama kakhulu,+Andoyiki kwenzakala,+Kuba unam wena;+Intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandikhusela.*
5 Undilungiselela itafile phambi kweentshaba zam.+
Uyihlaziya* ngeoli intloko yam;+Indebe yam igcwele.+
6 Ngokuqinisekileyo ukulunga kwakho nothando lwakho olungagungqiyo luza kundilandela yonke imihla yobomi bam,+Ibe ndiza kuhlala endlini kaYehova yonke imihla yam.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “ezinamanzi acwengileyo.”
^ Ngokoqobo, “kwiindledlana.”
^ Okanye “ziyandithuthuzela.”
^ Okanye “Uyithambisa.”