IiNdumiso 23:1-6

  • “UYehova nguMalusi wam”

    • “Andizukudinga nto” (1)

    • “Uyandihlaziya” (3)

    • “Indebe yam igcwele” (5)

Ingoma emnandi kaDavide. 23  UYehova nguMalusi wam.+ Andizukudinga nto.+   Undilalisa kumadlelo anengca;Undikhokelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi.*+   Uyandihlaziya.+ Undikhokelela kwiindlela* zobulungisa ngenxa yegama lakhe.+   Nangona ndihamba kwintlambo emnyama kakhulu,+Andoyiki kwenzakala,+Kuba unam wena;+Intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandikhusela.*   Undilungiselela itafile phambi kweentshaba zam.+ Uyihlaziya* ngeoli intloko yam;+Indebe yam igcwele.+   Ngokuqinisekileyo ukulunga kwakho nothando lwakho olungagungqiyo luza kundilandela yonke imihla yobomi bam,+Ibe ndiza kuhlala endlini kaYehova yonke imihla yam.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “ezinamanzi acwengileyo.”
Ngokoqobo, “kwiindledlana.”
Okanye “ziyandithuthuzela.”
Okanye “Uyithambisa.”