IiNdumiso 31:1-24

  • Ukubalekela kuYehova

    • “Ndiwuyekela esandleni sakho umoya wam” (5)

    • “Yehova, Thixo wenyaniso” (5)

    • UThixo ulunge ngeyona ndlela (19)

Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide. 31  Nguwe, Yehova, endibalekela kuye.+ Kwanga ndingangaze ndihlazeke.+ Ndisindise ngenxa yobulungisa bakho.+   Ndithobele indlebe yakho.* Khawuleza uze kundihlangula.+ Yiba yindawo yam ekhuselekileyo esentabeni,Indawo ekhuselekileyo yokundisindisa.+   Kuba uliliwa lam nekhusi lam;+Uza kundikhokela,+ undikhaphe ngenxa yegama lakho.+   Uza kundikhulula emnatheni abandibekele wona,+Kuba uyinqaba yam.+   Ndiwuyekela esandleni sakho umoya wam.+ Undikhulule Yehova, Thixo wenyaniso.*+   Ndiyabacaphukela abo bazinikele kwizithixo ezingancedi nganto nezililize;Kodwa mna, ndithembele kuYehova.   Ndiza kuvuya kakhulu ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo,Kuba uyibonile inkxwaleko yam;+Uyayibona intlungu yam engathethekiyo.   Khange undinikele esandleni sotshaba,Kodwa undenza ndime kwindawo ekhuselekileyo.*   Ndenzele ububele, owu yhini Yehova, kuba ndisentlungwini. Ilihlo lam nomzimba wam wonke zityhafile ngenxa yentlungu.+ 10  Ubomi bam buyintlungu nje+Neminyaka yam igcwele kukugcuma.+ Ndiphelelwa ngamandla ngenxa yesono sam,Namathambo am aya esiba buthathaka.+ 11  Ndiyintlekisa kwiintshaba zam,+Ingakumbi kubamelwane bam. Ndicatshukelwa nangabantu abandaziyo;Xa bendibona phakathi kwabantu bayandibaleka.+ 12  Bandikhuphile ezintliziyweni* zabo ibe bandilibele, ngokungathi ndifile;Ndifana nengqayi eyaphukileyo. 13  Ndive izinto ezininzi ezoyikisayo;Ndiyangcangcazela kukoyika.+ Bayandipakanyela,Beceba ukundibulala.+ 14  Kodwa ndikuthembile, Yehova.+ Ndithe: “UnguThixo wam.”+ 15  Imihla yam* isesandleni sakho. Ndisindise esandleni seentshaba zam nakwabo banditshutshisayo.+ 16  Bukhanyise ubuso bakho kumkhonzi wakho.+ Ndisindise ngothando lwakho olungagungqiyo. 17  Owu Yehova, kwanga ndingangaze ndihlazeke xa ndikubiza.+ Mabahlazeke abenzi-bubi;+Mabavalwe umlomo engcwabeni.*+ 18  Kwanga ingathuliswa imilebe yobuxoki,+Imilebe ethetha kakubi ngamalungisa, ithetha ngekratshi nangendelelo. 19  Ulunge ngeyona ndlela!+ Unezinto ezininzi ezilungileyo ozigcinele abo bakoyikayo,+Ozenza phambi komntu wonke, uzenzela abo babalekela kuwe.+ 20  Uza kubasithelisa kwindawo yakho efihlakeleyo,+Ubakhusele kumayelenqe abantu.Uza kubafihla ekhusini lakho,Ubakhusele ekuhlaselweni ngenkohlakalo.*+ 21  Makadunyiswe uYehova,Kuba undibonise ngendlela emangalisayo ukuba undithanda ngokungagungqiyo+ kwisixeko esirhangqiweyo.+ 22  Mna ke ndoyika ndathi: “Ndiza kutshabalala phambi kwakho.”+ Kodwa wandiva xa ndandikucenga ndikhalela uncedo.+ 23  Mthandeni uYehova, nonke nina bangagungqiyo ekumkhonzeni!+ UYehova uyabakhusela abathembekileyo,+Kodwa umphindezela ngokugqithiseleyo nabani na onekratshi.+ 24  Yibani nesibindi, zomelele iintliziyo zenu,+Nonke nina balindela kuYehova.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Goba uze undimamele.”
Okanye “Thixo othembekileyo.”
Okanye “enkulu.”
Okanye “ezingqondweni.”
Ngokoqobo, “Amaxesha am.”
Ngokoqobo, “ekuxabaneni kweelwimi.”