Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 2

Yintoni Enokukunceda Ufunde NgoThixo?

“Uze ungayeki ukuthetha ngezinto ezikule ncwadi yoMthetho, yaye umele uyifunde ngelizwi eliphantsi imini nobusuku, ukuze uqinisekise ukuba uyayithobela yonke into ebhalwe kuyo; ngaloo ndlela uza kuphumelela uze wenze ngobulumko.”

Yoshuwa 1:8

“Baqhubeka bebafundela incwadi yoMthetho kaThixo wokwenene, bewucacisa kakuhle yaye bebaxelela ukuba uthetha ukuthini; babanceda abantu batsho bayiqonda le nto ifundwayo.”

Nehemiya 8:8

“Wonwabile umntu ongahambiyo ngecebiso labenzi-bubi . . . , kodwa othanda umthetho kaYehova, nofunda umthetho wakhe ngelizwi eliphantsi imini nobusuku. . . . Yonke into ayenzayo iza kuphumelela.”

INdumiso 1:​1-3

“UFilipu wabaleka ecaleni kwale nqwelo waza wayiva ifunda ngokuvakalayo incwadi kamprofeti uIsaya, wathi kuyo: ‘Uyayiva na le nto uyifundayo?’ Yona yathi: ‘Ndingayiva njani kungekho mntu undifundisayo?’ ”

IZenzo 8:​30, 31

“Iimpawu zakhe ezingenakubonwa ngabantu, oko kukuthi amandla akhe angapheliyo nesikhundla sakhe sokuba nguThixo, zenziwa zabonakala ukususela ekudaleni kwakhe umhlaba ukuya phambili, kuba zibonakala kwizinto azidalileyo, ngoko abanakuthetheleleka.”

Roma 1:​20

“Zicingisise ezi zinto; namathela kuzo, ukuze bonke abantu babone ukuba uhambela phambili.”

1 Timoti 4:​15

“Masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye.”

Hebhere 10:​24, 25

“Nabani na odinga ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, ibe uza kumnika, kuba uThixo ubapha kakhulu bonke ababucelayo, engagxeki mntu.”

Yakobi 1:5