Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 12

Yintoni Esinokuba Nethemba Layo Ngabantu Abafileyo?

“Sanukumangaliswa yile nto, kuba kuza ixesha apho bonke abasemangcwabeni beza kuliva ilizwi lakhe, baze bavuke.”

Yohane 5:​28, 29

“UThixo uza kuvusa abantu abangamalungisa nabangengomalungisa.”

IZenzo 24:​15

“Ndabona nabantu abafileyo, abakhulu nabancinci, bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo, umsongo wobomi. Abo bantu babefile bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo, ngokwezenzo zabo. Ulwandle lwabakhupha kulo abantu ababefile, nako ukufa nengcwaba kwabakhupha abantu ababefile, waza umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.”

ISityhilelo 20:​12, 13