Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 14

Ungaziphatha Njani Izinto Zakho?

“Othanda ubumnandi uza kubhuqwa yindlala; othanda iwayini neoli akazukuba sisityebi.”

IMizekeliso 21:​17

“Nalowo ubolekayo sisicaka salowo ubolekisayo.”

IMizekeliso 22:7

“Ngubani kuni othi xa efuna ukwakha inqaba angaqali ahlale phantsi abale iindleko, ukuze abone ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Ukuba akayenzi loo nto, usenokusibeka sona isiseko kodwa angakwazi ukuyigqiba, baze bonke abantu ababukeleyo bahlekise ngaye, besithi: ‘Lo mntu waqalisa ukwakha kodwa akakwazi ukugqiba.’ ”

Luka 14:​28-30

“Emva kokuba betyile bahlutha, wathi kubafundi bakhe: ‘Qokelelani ukutya okuseleyo, kungabikho nentwana elahlwayo.’ ”

Yohane 6:​12