UMBUZO 14
Ungaziphatha Njani Izinto Zakho?
“Othanda ubumnandi uza kubhuqwa yindlala; othanda iwayini neoli akazukuba sisityebi.”
“Nalowo ubolekayo sisicaka salowo ubolekisayo.”
“Ngubani kuni othi xa efuna ukwakha inqaba angaqali ahlale phantsi abale iindleko, ukuze abone ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Ukuba akayenzi loo nto, usenokusibeka sona isiseko kodwa angakwazi ukuyigqiba, baze bonke abantu ababukeleyo bahlekise ngaye, besithi: ‘Lo mntu waqalisa ukwakha kodwa akakwazi ukugqiba.’ ”
“Emva kokuba betyile bahlutha, wathi kubafundi bakhe: ‘Qokelelani ukutya okuseleyo, kungabikho nentwana elahlwayo.’ ”