Yiya kwinkcazelo

Ukunceda Intsapho

La manqaku anamacebiso asekelwe eBhayibhileni enzelwe iintsapho. a Ukuba ungathanda ukubona namanye amanqaku enzelwe iintsapho, yiya kwindawo ethi Umtshato Nentsapho.

a Kula manqaku, amagama abanye abantu atshintshiwe.

Umtshato

Indlela Onokuzijonga Ngayo Izinto Ezikucaphukisayo

Endaweni yokuba uvumele uphawu ongaluthandiyo lukucaphukise, zama ukulujonga ngenye indlela.

Indlela Yokubonisa Umonde

Xa kudibene abantu ababini abangafezekanga, iingxaki ziza kusoloko zikhona. Ukuze umtshato uphumelele, umonde ubalulekile.

Indlela Yokuhloniphana

Ukuhloniphana emtshatweni yinto efanele yenziwe. Yintoni onokuyenza ebonisa ukuba uyamhlonipha umntu otshate naye?

Ukuba Nombulelo

Xa umfazi nendoda bezama ukuziphawula iimpawu zomnye ezintle, umtshato wabo uya uphucuka. Yintoni enokukunceda ube nombulelo?

Yenza Kube Mnandi Emtshatweni: Bonisa Uthando

Umsebenzi, istres, nokuxakeka yimisebenzi yemihla ngemihla kunokwenza abantu abatshatileyo bangabonisani ukuba bayathandana. Ngaba bangakwazi ukuphinda babonisane uthando?

Indlela Yokubonisa Uthando

Abantu abatshatileyo bangabonisana njani ukuba bathandana nyhani? Khawujonge la macebiso mane asekelwe eBhayibhileni.

Indlela Yokuzibophelela Ngokupheleleyo

Ngaba ukuzibophelela kusisigqibo sobuyatha okanye kufana neankile eqinisa umtshato?

Ukubeka Umsebenzi Endaweni Yawo

Amacebiso amahlanu okubeka umsebenzi endaweni yawo.

Indlela Yokulumkela Inkcitho

Sukulinda de uphelelwe yimali ukuze ucinge ngendlela yokulumkela inkcitho. Funda indlela yokulumkela ukudyiwaza ungekade ungene engxakini.

Abantu Basebukhweni

La macebiso mathathu anganinceda nilungise iingxaki zasebukhweni ukuze zingangeni emtshatweni wenu.

Xa Ningaboni Ngendlela Efanayo

Abantu abatshatileyo banokuzilungisa njani iingxaki baza bahlala beseluxolweni?

Xa Ningafani

Ngaba wakha wabona ingathi wena neqabane lakho anifanelani?

Indlela Yokuyeka Ukuba Nenzondo

Ngaba ukuxolela iqabane lakho xa likucaphukisile kuthetha ukuthi yenza ngathi le nto ikucaphukisileyo ayinamsebenzi okanye khange yenzeke?

Indlela Onokuwulawula Ngayo Umsindo

Ukuzivumela ukuba ube nomsindo nokuzifihla ukuba unomsindo kunokukugulisa. Yintoni onokuyenza xa umntu otshate naye esenza into ekucaphukisayo?

Xa Abantwana Bephumile Ekhaya

Kubanzima kwabanye abazali xa abantwana babo bekhulile baze baphume ekhaya. Bangenza ntoni abazali ukuze baqhele ukuhlala bodwa?

Xa Ubuhlobo Bugqith’ Emgceni

Ngaba uzixelela ukuba ‘Singabahlobo nje?’ Ukuba kunjalo, hlola imigaqo yeBhayibhile ukuze ubone ukuba le ndlela yokucinga ichanile kusini na.

Xa Udanile Emtshatweni

Ngaba ukuhlala neqabane lakho kukwenza uzive ngathi usentolongweni? Izinto ezintlanu ezinokunceda umtshato wakho.

Ningakuphepha Njani Ukudivosa Senibadala?

Kutheni abantu abadala bedivosa? Ningenza njani ukuze le nto ingenzeki kowenu umtshato?

Ungasiphepha Njani Isikhwele Emtshatweni Wakho?

Akunokuba mnandi emtshatweni xa omnye engaziqondi izinto ezenziwa ngomnye ibe kungathenjwana. Ngoko ungakuphepha njani ukuba nesikhwele ngaphandle kwesizathu esibambekayo?

Iphonografi Inokuwuphelisa Umtshato Wakho

La macebiso anokukunceda ukwazi ukuyeka ukubukela iphongrafi uze ulungise umtshato wakho.

Ngaba Simele Sihlalisane Ngaphambi Kokuba Sitshate?

Abanye abantu abathandanayo bacinga ukuba ukuhlalisana kuza kubanceda bawulungiselele kakuhle umtshato. Ngaba ingenzeka loo nto, okanye ikhona enye into ebhetele onokuyikhetha?

Ukuthetha-thethana

Zipheni Ixesha Lokuba Kunye

Kunokuba nzima ukuncokola nokuba umyeni nenkosikazi sebesegumbini elinye. Abantu abatshatileyo banokwenza njani ukuze balonwabele ixesha lokuba kunye?

Ukuyisebenzisa Kakuhle Iteknoloji

Ukusebenzisa izixhobo zeteknoloji kunokuba luncedo okanye kubangele iingxaki emtshatweni. Ziwuchaphazela njani umtshato wenui?

Indlela Yokuthetha Ngeengxaki

Amadoda nabafazi baneendlela ezahlukeneyo zokuthetha. Ukukwazi oku kunokukunceda ungakhathazeki.

Indlela Yokuphulaphula Kakuhle

Ukuphulaphula kakuhle ayibobuchule nje, kodwa yindlela yokubonisa uthando. Funda ngendlela onokuphucula indlela ophulaphula ngayo.

Indlela Yokuyekelela

Amacebiso amane anokunceda wena neqabane lakho nikhuphephe ukuxambulisana nize nilungise iingxaki kunye.

Indlela Yokuyeka Ukuqumbelana

Yenzeka njani into yokuba ezinye izibini zide zingathethisani?

Indlela Yokuyeka Ukuxambulisana

Ngaba wena neqabane lakho nisoloko nixambulisana? Funda ngendlela imigaqo yeBhayibhile enokuwunceda ngayo umtshato wenu.

Indlela Yokuzinqanda Ungathethi Amazwi Ahlabayo

Yintoni onokuyenza xa wena nomfazi okanye umyeni wakho niye navumela amazwi ahlabayo awonakalisa umtshato wenu?

Indlela Yokucela Uxolo

Sithini ke ukuba andenzanga nto?

Indlela Yokuxolela

Yintoni eyenza kube nzima ukuxolela? Funda indlela amacebiso eBhayibhile anokunceda ngayo.

Ukukhulisa Abantwana

Indlela Onokuba Ngutata Olungileyo Ngayo

Uhlobo lomyeni olulo xa umfazi wakho ekhulelwe, lubonisa uhlobo lotata oza lulo xa sele umntwana ezelwe.

Into Abamele Bayazi Abazali Ngokusa Abantwana Ekhrishi

Zibuze le mibuzo mine ukuze ubone ukuba umntwana wakho ungamsa na ekhrishi.

Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle Ifowuni

Nabantwana abakwaziyo ukuzisebenzisa iifowuni kufuneka bancedwe ngabazali.

Khusela Umntwana Wakho Kwiphonografi

Umntwana wakho usenokuyibona lula iphonografi, ngaphezu kokuba ucinga. Into omele uyazi nendlela onokumkhusela ngayo.

Kutheni Kubalulekile Ukuba Abantwana Bafunde—Inxalenye 1: Ukufunda Okanye Ukubukela?

Abantwana abaninzi bakhetha ukubukela iividiyo. Abazali banokubanceda njani bakuthande ukufunda?

Nceda Abantwana Bakho Bamelane Neendaba Ezoyikisayo

Abazali bangabanceda njani abantwana babo ukuba bangakhathazwa ziindaba Ezoyikisayo?

Xa Umntwana Wakho Ebuza Ngokufa

Amanyathelo amane anokukunceda uphendule imibuzo yabo, nendlela yokubanceda bamelane nentlungu yokufelwa.

Ukunceda Umntwana Acinge Xa Edlala

Le ndlela yokudlala iluncedo kakhulu kunokulungiselela umntwana izinto aza kudlala ngazo.

Imisebenzi Yasekhaya Ibalulekile

Ngaba niyonqena ukunika abantwana imisebenzi ekhaya? Ukuba niyonqena, khanifunde indlela ukunceda ekhaya okunokubafundisa ngayo ukwazi imisebenzi abamele bayenze kuze kubavuyise.

Indlela Yokunceda Abantwana Bamelane Nokuphoxeka

Ukuphoxeka yinto eyenzekayo ebomini. Nceda abantwana bakho baqonde ukuba banokungaphumeleli uze ubancede bayazi indlela yokumelana noko kungaphumeleli.

Ungamnceda Njani Umntwana Wakho Apase Esikolweni?

Jonga ukuba yintoni ingxaki uze umkhuthaze ukuba afunde.

Ndimele Ndenze Ntoni Xa Umntwana Wam Entlontwa?

Izinto ezine ezinokukunceda ukwazi ukunceda umntwana wakho xa entlontwa.

Ungabancoma Njani Abantwana?

Inye indlela yokuncoma abantwana ebonakale iphumelela.

Indlela Idivosi Ebaphatha Ngayo Abantwana

Nangona abanye abantu becinga ukuba idivosi ibhetele ebantwaneni, uphando lubonisa ukuba idivosi iba nemiphumo ebuhlungu ebantwaneni.

Ukunceda Umntwana Wakho Amelane Nokufikisa

Amacebiso amahlanu asekelwe eBhayibhileni anokulenza libe lula eli xesha.

Fundisa Umntwana Wakho Ngesondo

Abasebatsha bachanabeke kwimiyalezo yesondo besebancinane kakhulu. Oko umele ukwazi? Yintoni onokuyenza ukuze ukhusele abantwana bakho?

Ukuthetha Nabantwana Ngendlela Yokusebenzisa Utywala

Abazali banokuthetha njani okanye nini nabantwana ngalo mxholo?

Ncokola Nabantwana Bakho Ngocalucalulo

Amacebiso axhomekeke kwiminyaka yomntwana wakho anokukunceda ukwazi ukumnceda angabi nocalucalulo ngenxa yokuba ebona abanye.

Fundisa Abantwana Bakho Ukuzibamba

Ukusoloko unika abantwana yonke into abayifunayo kunokubenza bangakwazi ukufunda izinto ezibalulekileyo.

Fundisa Abantwana Ukuthobeka

Fundisa umntwana wakho ukuthobeka kodwa kwangaxeshanye angazijongeli phantsi.

Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Babonise Umbulelo

Nabantwana abancinci banokufunda ukuthi enkosi xa kukho umntu obapha into okanye onobubele kubo.

Ukufundisa Abantwana Ukuba Bathobele

Ngaba wena nomntwana wakho nisoloko nisedabini, kwaye kubonakala ngathi nguye osoloko ephumelela? Amacebiso amahlanu anokuba luncedo.

Indlela Yokuthi “Hayi”

Kuthekani ukuba umntwana wakho ukuqhatha ngokukhwina okanye ngokukucenga?

Oko Unokukwenza Xa Umntwana Wakho Enomsindo

Yintoni onokuyenza xa umntwana wakho enomsindo? IBhayibhile inokukunceda kule ngxaki.

Xa Umntwana Wakho Exoka

Ufanele wenze ntoni xa umntwana wakho exoka? Eli nqaku lithetha ngamacebiso aseBhayibhileni anokukuncenda ufundise umntwana wakho ukubaluleka kokuthetha inyani.

Ukukhulisa Abantwana Abafikisayo

Indlela Yokuthetha Nomntwana Wakho Ofikisayo

Ngaba uyacaphuka xa uthetha nomntwana wakho ofikisayo? Ziintoni ezibangela loo nto?

Xa Intombi Yakho Efikisayo Inestres

Amantombazana amaninzi aye akhathazwe lutshintsho olwenzekayo kuwo. Abazali banokuwanceda njani oyise istres?

Xa Umntana Wakho Efuna Ukuzibulala

Bangenza ntoni abazali xa umntana wabo ecinga ngokuzibulala?

Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ebangela Ukuba Ungamthembi

Sukucinga ukuba umntwana wakho uzixelele ukuba akazokumamela. Ninokuphinda nithembane.

Indlela Yokuqeqesha Umntwana Wakho Ofikisayo

Ukuqeqesha kuthetha ukufundisa. Imigaqo yeBhayibhile inganceda abantwana bakho abafikisayo ukuba bathobele.

Indlela Yokumisela Umntwana Wakho Ofikisayo Imithetho

Yintoni onokuyenza xa umntwana wakho esoloko engayithandi imithetho oyibekayo?

Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle I-Intanethi

Kunokuba ube ngqongqo kwimithetho oyimisela umntwana wakho, menze akuqonde ukubaluleka kokuba aziphathe kakuhle.

Ngaba Umntwana Wam Angazisebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola?

Imibuzo emine enokunceda wenze isigqibo sobulumnko.

Ukuthetha Nomntwana Wakho Ngamanyala Athunyelwa Ngefowuni

Sukulinda kwenzeke into kumntwana wakho. Thetha nomntwana wakho ngeengozi zokuthumelelana imiyalezo nemifanekiso yamanyala ngefowuni.

Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ezenzakalisa Emzimbeni Ngabom

Abanye abantwana abafikisayo bazenzakalisa emzimbeni ngabom. Bayenziswa yintoni le nto? Unokumnceda njani umntwana wakho?

Ulutsha

Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga

Ingcinezelo yoontanga inokwenza abantu abalungileyo benze izinto ezimbi. Yintoni omele uyazi ngayo, yaye unokumelana nayo njani?

Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?

Icebiso okanye isiluleko esibuhlungu sinokukunceda njani?

Ukuba Nesimilo Xa Usebenzisa Ifowuni

Ngaba kukrwada ukupazamisa incoko kuba nje ufuna ukujonga isms? Okanye kukrwada ukungayihoyi isms kuba uncokola?

Indlela Yokuxhathisa Izilingo

Ukukwazi ukuxhathisa izilingo kuluphawu lwamadoda namabhinqa okwenyani. Amacebiso amathandathu anokukunceda uqhubeke usenza okulungileyo nokumelana nestres esibangelwa kukunikezela.

Indlela Yokulawula Umsindo

Iindlela ezintlanu ezisekelwe eBhayibhileni ezinokukunceda ulawule umsindo.

Xa Unesithukuthezi

Isithukuthezi siyingozi empilweni yakho njengokutshaya iientyi eziyi-15 ngosuku. Ungasiphepha njani isithukuthezi?

Xa Nisahlukana

Unokuqhubeka njani nobomi emva kwentlungu yokwahlukana?

Xa Kufuneka Ubuyele Ekhaya

Ngaba wakhe wemka ekhaya wazama ukuzihlalela, waza wabethwa yimeko yezoqoqosho? Nanga amacebiso aluncedo anokukunceda.

Indlela Yokwenza Abahlobo Bokwenene

Amacebiso amane anokuqinisa ubuhlobo.

Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha

Asinakulubaleka utshintsho. Khawubone ukuba abanye benze ntoni xa bekuvela utshintsho.

Xa Umzali Esweleka

Ukuswelekelwa ngumzali kubangela intlungu engathethekiyo. Yintoni enokunceda abantu abasebatsha bamelane neemvakalelo ababanazo?

Ukuzonwabisa Ngeendlela Eziyingozi

Ulutsha oluninzi lonwatyiswa kukuzazi ukuba ziintoni olukwaziyo ukuzenza, ezinye zibek’ ubomi balo engozini. Ngaba nawe unjalo?