Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Abantwana kunye Neefowuni—Inxalenye 2: Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle Ifowuni

Abantwana kunye Neefowuni—Inxalenye 2: Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle Ifowuni

 owuni ifana nemoto, ingaluncedo okanye ibe yingozi kuxhomekeka kwindlela eqhutywa ngayo. Ungabanceda njani abantwana bakho basisebenzise kakuhle esi sixhobo? Ngokomzekelo lingakanani ixesha abalichithayo kwiifowuni zabo? a

 Into omele uyazi

  •   Ifowuni ingayingozi kumntu oyisebenzisayo. Inqaku elithi Abantwana kunye Neefowuni—Inxalenye 1: Ngaba Umntwana Wam Umele Abe Nefowuni? liye lathi umntu onefowuni ukwazi ukubona yonke into ekwi-intanethi enoba intle okanye imbi.

     “Kulula ukulibala ukuba xa abantwana bethu besebenzisa ifowuni bangadibana nabantu kunye nezinto ezithethwayo eziyingozi.”—UBrenda

  •   Abantwana bafuna ukuncedwa. Abantwana bethu bazalwe sele kusetyenziswa izinto zeteknoloji ngoxa abanye abazali besanda kuzisebenzisa. Noko ke, loo nto ayithethi kuthi abazali abazi nto ngeteknoloji ibe abantwana bamele bazigqibele ngendlela abazisebenzisa ngayo iifowuni zabo.

     Iyinyaniso into yokuba abantwana bakho basenokuba bayakwazi ukuyisebenzisa bhetele kunawe ifowuni, kodwa loo nto ayithethi kuthi bayakwazi ukuyisebenzisa kakuhle. Enoba bakwazi kakuhle kangakanani ukuyicofa ifowuni, bayakudinga ukufundiswa ukuyisebenzisa ngendlela efanelekileyo.

     “Xa unika umntwana wakho ifowuni ungakhange umfundise indlela yokuyisebenzisa kakuhle, oko kufana nokuthi makaqhube imoto ungakhange uqale umfundise ukuqhuba.”—USeth

 Oko unokukwenza

  •   Yazi indlela esebenza ngayo ifowuni yomntwana wakho. Zazi ii-app ezinokunceda umntwana wakho ayisebenzise ngendlela efanelekileyo ifowuni yakhe. Ngokomzekelo:

     Zeziphi iisethingi ezikwifowuni yomntwana wakho onokuzisebenzisa ukuze ulawule ukuba uyisebenzisa kangakanani ifowuni yakhe kunye neewebhsayithi anokuzisebenzisa?

     Ngaba uyayiqonda into yokuba iisethingi ezivala izinto ezingafanelekanga azisoloko zisebenza?

     Xa uyazi ifowuni yomntwana wakho, kuza kuba lula ukuba umncede ayisebenzise kakuhle.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Umntu osisilumko unamandla xa esebenzisa ulwazi lwakhe.’—IMizekeliso 24:5.

  •   Beka Imithetho: Gqiba ngezinto ezivumelekileyo nezingavumelekanga. Ngokomzekelo:

     Ngaba uza kumvumela umntwana wakho asebenzise ifowuni yakhe xa nisitya okanye xa niyokubona izihlobo?

     Ngaba ufanele uvumele abantwana bakho balale neefowuni zabo?

     Baza kusebenzisa eziphi ii-app?

     Baza kuzisebenzisa kangakanani iifowuni zabo?

     Ngaba uza kubaxelela ukuba bamele bayisebenzise kangakanani ngemini?

     Mabayazi imithetho oyibekileyo nokuba iza kuba yintoni imiphumo xa bengayithobeli.

     Umgaqo weBhayibhile: “Sukungayiqeqeshi inkwenkwe.”—IMizekeliso 23:13, umbhalo osemazantsi.

  •   Yijonge qho ifowuni yomntwana wakho. Ufanele uyazi iphaswedi yomntwana wakho uze ujonge izinto ezikwifowuni yakhe njengemiyalezo, iifoto, ii-app kunye neewebhsayithi angena kuzo.

     “Sayixelela intombi yethu ukuba siza kumane siyijonga ifowuni yakhe singayixelelanga, satsho nokuba xa engayisebenzisi kakuhle siza kulinciphisa ixesha ayisebenzisa ngalo.” ULorraine.

     Abazali banelungelo lokwazi ukuba abantwana babo bayisebenzisa njani ifowuni.

     Umgaqo weBhayibhile: “Kwanomntwana ubonwa ngezenzo zakhe ukuba umsulwa okanye ulungile.”—IMizekeliso 20:11.

  •   Bafundise indlela efanelekileyo yokwenza izinto. Fundisa umntwana wakho ukuba afune ukwenza into elungileyo. Kutheni ibalulekile loo nto? Isizathu kukuba xa abantwana bezimisele ukufihla into kubazali babo bayakwazi ukuyifumana indlela ibe akukho nto banokuyenza abazali ngaloo nto. b

     Ngoko ke mfundise umntwana wakho ukuba abe neempawu ezintle ezinjengokunyaniseka ukuzibamba aze ayazi ukuba izinto azenzayo ziba nemiphumo. Umntwana oyaziyo indlela yokuziphatha angakwazi ukuyisebenzisa kakuhle ifowuni.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Abantu abaqolileyo basebenzisa ingqondo kakuhle, itsho iqeqesheke, ikwazi ukwahlula into elungileyo nembi.’—Hebhere 5:14.

a Kweli nqaku igama elithi ifowuni lithetha iselfowuni ekwaziyo ukungena kwi-intanethi.

b Ngokomzekelo abanye abantwana basebenzisa i-app efihla into abayisebenzisayo nabangafuniyo ukuba ibonwe ngabazali babo.