Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Kutheni Kubalulekile Ukuba Abantwana Bafunde—Inxalenye 1: Ukufunda Okanye Ukubukela?

Kutheni Kubalulekile Ukuba Abantwana Bafunde—Inxalenye 1: Ukufunda Okanye Ukubukela?

 Xa abantwana bakho bezipholele, bangakhetha ukwenza ntoni: bangabukela ividiyo okanye bafunde? Yeyiphi abangayitsibela kuqala: yifowuni okanye yincwadi?

 Sele kuyiminyaka emininzi ngoku abantu bephazamiseka ekufundeni, ngenxa yeTV, nezinto ezibukelwayo nezenziwa kwi-intanethi. UJane Healy kwincwadi yakhe yango-1990 ekuthiwa yiEndangered Minds, wathi: “Ekuhambeni kwexesha, abantu baza kuyeka ukufunda.”

 Ngelo xesha, kwakusenokubonakala ngathi uyayibaxa. Kodwa ngoku, emva kweminyaka eyi-30, ootitshala abakumazwe apho isetyenziswa kakhulu iteknoloji bathi, abantu abasebatsha abaninzi abasakwazi ukufunda kakuhle ngendlela ababefunda ngayo abakudala.

Kweli nqaku

 Kutheni kubalulekile ukuba abantwana bafunde?

  •   Ukufunda kukwenza ube nomfanekiso ngqondweni. Ngokomzekelo, xa ufunda ibali, aba bantu kuthethwa ngabo inoba bathetha njani? Ungabona abantu abanjani xa unokudibana nabo? Bakwindawo enjani? Zikhona izinto azichazayo umbhali, kodwa lo ufundayo kufuneka azicingele ezingachazwanga.

     Umama onguLaura uthi: “Xa sibukele iimuvi okanye iividiyo, sibona umfanekiso ngqondweni womnye umntu. Ewe kona, kusenokuba mnandi ukwenza loo nto, kodwa akhonto ibaluleke ngaphezu kokuzenzela owakho umfanekiso ngqondweni xa ufunda.”

  •   Ukufunda kwenza umntu abe neempawu ezintle. Xa abantwana befunda, batsho bakwazi ukucinga kakuhle ngeengxaki, nokucinga indlela yokuzilungisa. Enye into xa befunda, kufuneka bayenze ingaphazamisek’ ingqondo yabo. Xa bezenza ezi zinto, batsho babe neempawu ezifana nomonde, ukuzibamba, novelwano.

     Babe novelwano? Ewe! Abanye abaphandi bathi xa abantwana bethe chu ibe behambisana nale nto bayifundayo, batsho bakwazi ukuqonda indlela abaziva ngayo abantu abafunda ngabo. Le nto, itsho yenze abantwana bakwazi ukuba novelwano kubantu abadibana nabo.

  •   Ukufunda kwenza umntu acinge. Abantu abangenzi njee xa befunda bathi chu, kangangokuba bade baziphinde ezinye iindawo ukuze bayiqonde kakuhle into ethethwa ngumbhali. Xa besenza le nto, kunokuba lula ukuba bayikhumbule into ebebefunda ngayo ize ibancede.—1 Timoti 4:15.

     Utata ekuthiwa nguJoseph uthi: “Xa ufunda, kulula ukuba uzame ukuqonda loo nto ithethwa yinto oyifundayo, uyidibanise nosele uyazi, uze uzame ukucinga ukuba ufunda ntoni kuyo. Izinto ezibukelwayo azisoloko zikwenza ucinge ngolu hlobo.”

 Ingongoma: Nangona iividiyo nezinye izinto ezibukelwayo zinceda, ukuba abantwana bakho abafundi, inkulu into ebaphosayo.

 Ungabenza njani bakuthande ukufunda?

  •   Khawuleza uqalise. UChloe, ongumama oononyana ababini uthi: “Sasibafundela abantwana bethu bengekazalwa, ibe saqhubeka sibafundela nasemva kokuba bezelwe. Siyavuya singazange sincame. Ekuhambeni kwexesha, ukufunda kwaba yinto esegazini kubo, beyenza naxa befuna ukuzonwabisa.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Uzaze uselusana izinto ezingcwele ezibhaliweyo.”—2 Timoti 3:15.

  •   Ikhaya yakho lenze libe yindawo ekwenza bakuthande ukufunda. Yenza kube lula ngomntwana wakho ukuba afunde ngokuba nezinto ezifundwayo endlini. UTamara onabantwana abayi-4 uthi: “Yiba neencwadi umntwana wakho aza kukuthanda ukuzifunda uze uzibeke ecaleni kwebhedi yakhe.”

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Mqeqeshe umntwana ngendlela amele ahambe ngayo; naxa sele emdala soze asuke kuyo.’—IMizekeliso 22:6, umbhalo osemazantsi.

  •   Nciphisa ukusetyenziswa kweintanethi. Utata ekuthiwa nguDaniel ucebisa ukuba kubekho ingokuhlwa apho zingasetyenziswayo izinto ze-eletroniki. Uthi: “Kwakubakho ingokuhlwa apho sizihlalelayo singabukel’ iTV, noba kukanye ngeveki. Yayiba lixesha lokufunda, kunye okanye umntu azifundele.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.”—Filipi 1:10.

  •   Mababone apha kuwe. Nantsi into ecetyiswa nguKarina oneentombi ezimbini: “Amabali wenze aphile ngendlela obafundela ngayo abantwana bakho nangendlela owonwaba ngayo xa ubafundela. Ukuba uyakuthanda ukufunda, nabantwana bakho baza kukuthanda.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Qhubeka uzimisela xa ufunda phambi kwabantu.”—1 Timoti 4:13.

 Ayingabo bonke abantwana abaza kukuthanda ukufunda. Kodwa ke ukubakhuthaza kwakho, kungayilento bayidingayo. UDavid ongutata weentombi ezimbini wenza nenye into. Uthi: “Ndandifunda into efundwa ziintombi zam, le nto yandinceda ndazazi izinto abanomdla kuzo, yasinika nento esinokuncokola ngayo. Sasiliqela elifunda izinto ezifanayo. Kwakumnandi!”