Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ezenzakalisa Emzimbeni Ngabom

Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ezenzakalisa Emzimbeni Ngabom

INGXAKI

Uye waqaphela ukuba umntwana wakho uzenzakalisa ngabom. Umangele, uyazibuza, ‘Kutheni esenza le nto? Intombi yam izama ukuzibulala bethu?’

Amaxesha amaninzi sukube kungenjalo. Kodwa ukuba umntwana wakho uyazenzakalisa, * kufuneka encediwe. Unokumnceda njani? Okokuqala, fumana isizathu sokuba enze oku. *

ISIZATHU SOKUBA OKU KUSENZEKA

Ngaba kukulandela nje isininzi? Liyinyaniso elokuba ulutsha oluninzi luye luzenzakalise kuba lubona abanye. Nakuba kunjalo, lo asingomkhwa uqhelekileyo. Wahluke ngantoni? Lowo uzenzakalisayo udla ngokuzifihla ibe uba neentloni. UCelia, * oneminyaka eyi-20 uthi: “Ndandingafuni abantu bazi ukuba ndiyazenzakalisa. Ndandidla ngokuwafihla amanxeba am.”

Ngaba ukuzenzakalisa yindlela yokucel’ injezu? Abanye banokukwenza ngeso sizathu. Kodwa abantu esithetha ngabo kweli nqaku badla ngokuwafihla amanxeba abo, ibe abazami kucel’ injezu mntwini. Sekunjalo, enye intombazana eyayikade izenzakalisa ithi akwaba kwakukho umntu owayibonayo kuba yayiza kufumana uncedo ngokukhawuleza.

Kutheni abantu bezenzakalisa? Kunzima ukuziqonda ngokupheleleyo izizathu, kodwa ngokuqhelekileyo ulutsha oluninzi luye luzenzakalise kuba lusiva intlungu ngaphakathi ekunzima ukuyichaza. Kwincwadi yakhe ethi Cutting, uSteven Levenkron oyingcali yezigulo zengqondo, uthi umntu ozenzakalisayo “ngulowo ofumanise ukuba intlungu esenyameni ikwenza ulibale ngeyangaphakathi.”

Umntu ozenzakalisayo ukwenza oku kuba esiva intlungu ngaphakathi ­ekunzima ukuyichaza

Kuthekani ukuba uziva unetyala? Kunokuba ube ucinga ukuba ukuzenzakalisa komntwana wakho kubangelwa kukusilela kwakho njengomzali, cinga ngendlela onokumnceda ngayo ayeke.

 OKO UNOKUKWENZA

Mkhuthaze umntwana wakho ukuba akuxelele izinto ezimkhathazayo. La macebiso ambalwa anokukunceda.

Mthuthuzele. Ukuba umntwana wakho ukuxelela ukuba uyazenzakalisa, musa ukothuka. Kunoko, thetha naye kakuhle uze umthuthuzele.Umgaqo weBhayibhile: 1 Tesalonika 5:14.

Buza imibuzo eza kumenza azive ekhululekile. Ngokomzekelo, usenokuthi: “Ndiyazi ukuba akusoloko uziva mnandi. Ukhathazwa yintoni?” okanye “Ndingakunceda njani xa udandathekile?” okanye “Ndingenza ntoni ukuze sisondelelane?” Ungambeth’ emlonyeni xa ephendula.Umgaqo weBhayibhile: Yakobi 1:19.

Nceda umntwana wakho angazijongeli phantsi. Ekubeni abantu abazenzakalisayo emzimbeni bedla ngokucinga kakhulu ngeempazamo zabo, mhlawumbi unokumcela ukuba acinge ngezinto azenza kakuhle. Unokude umcebise ukuba abhale izinto ezintathu azithandayo ngaye. Enye intwazana enguBriana ithi: “Ukubhala izinto endizenza kakuhle kwandinceda ndabona ukuba ndinazo iimpawu ezintle.” *

Khuthaza umntwana wakho ukuba athandaze kuYehova uThixo. IBhayibhile ithi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) ULorena oneminyaka eyi-17 uthi: “Ndazama ukuzityand’ igila kuYehova uThixo, ngakumbi xa ndilingeka ukuba ndizenzakalise. Oku kwandinceda ndakwazi ukuzibamba.”Umgaqo weBhayibhile: 1 Tesalonika 5:17.

^ isiqe. 5 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 5 Ngokuqhelekileyo, ukuzenzakalisa kwabantu kudla ngokuthetha ukuba baxinezelekile okanye banesigulo esithile. Kwiimeko ezinjalo, kusenokufuneka ugqirha. UVukani! akancomeli ndlela ithile yonyango. Noko ke, amaKristu amele aqinisekise ukuba akasebenzisi mayeza angqubana nemigaqo yeBhayibhile.

^ isiqe. 7 Abantu abazenzakalisayo badla ­ngokuzisika, bazibethe okanye bazivise intlungu ngezinye iindlela ngabom.

^ isiqe. 15 Nangona kweli nqaku sisoloko sibhekisa kumabhinqa njengabantu abazenzakalisayo, izinto ekuthethwa ngazo apha zisebenza macala.