Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Abantwana NeeWebhsayithi Zokuncokola—Inxalenye 1:Ngaba Umntwana Wam Angazisebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola?

Abantwana NeeWebhsayithi Zokuncokola—Inxalenye 1:Ngaba Umntwana Wam Angazisebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola?

 Kolunye uphando oluye lwenziwa, abantwana abafikisayo abayi-97 pesenti baye bachaza ukuba bayazisebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola. Ngaba umntwana wakho naye uyafuna ukuzisebenzisa? Ukuba kunjalo, nazi izinto ezimbalwa omele ucinge ngazo.

Kweli nqaku

 Indlela umntwana wakho alisebenzisa ngayo ixesha

 Iwebhsayithi iHelpGuide ithi: “Iiwebhsayithi zokuncokola zenzelwe ukukutyel’ ixesha, zikwenze usoloko ukuzo ibe ujonga izinto ezintsha.”

 “Ndiye ndicinge ukuba ndiza kuthatha nje imizuzu embalwa, ndibone sekuphele iiyure ndijonga izinto ezintsha ezifakiweyo. Kuye kube nzima ukuyibeka phantsi ifowuni ndize ndikwazi nokwenza ezinye izinto ezibalulekileyo.”—ULynne, 20.

 Zibuze: Ngaba umntwana wam uza kukwazi ukuthobela aze aligcine ixesha endimbekele lona lokusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola? Ngaba umntwana wam ukhule ngokwaneleyo ukuba aligcine ixesha azibekele lona?

 Umgaqo weBhayibhile: ‘Hlalani nizigadile ukuba ningenzi izinto njengabantu abangezozilumko kodwa ninzenze ngobulumko, nilisebenzise kakuhle ixesha.’—Efese 5:15, 16.

Ukuvumela umntwana wakho asebenzise iiwebhsayithi zokuncokola ungakhange umbonise imigaqo kufana nokumkhwelisa ihashe ungakhe umfundise

 Indlela umntwana wakho azijonga ngayo iitshomi

 Iiwebhsayithi zokuncokola zenza abantu bacinge ukuba baneetshomi ezininzi. Amaxesha amaninzi, ezi ayizotshomi zokwenyani.

 “Ndiye ndabona ukuba abantwana abaninzi baye baphazame bacinge ukuba xa befumana abantu abaninzi ababalandelayo kwi-intanethi, loo nto ithetha ukuba babakhathalele, nokuba ababazi abo bantu.”—UPatricia, 17.

 Zibuze: Ngaba umntwana wam ukhule ngokwaneleyo ukuba ayazi akubalulekanga ukuba kubekho abantu abaninzi abamaziyo kwi-intanethi? Angakwazi ukuzenzela abahlobo ngaphandle kwe-intanethi?

 Umgaqo weBhayibhile: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17.

 Indlela aza kuziva ngayo umntwana wakho

 Abaphandi baye babona ukuba ukusebenzisa kakhulu iiwebhsayithi zokuncokola kubangelwa kukuziva uwedwa, ukuba nexhala, nokuba nedepression.

 “Akukho mnandi ukubona iitshomi zakho zonwabile ezifotweni ungekho.”—USerena, 19.

 Zibuze: Ngaba umntwana wam ukhule ngokwaneleyo ukuba aphephe ukuzicingela kakhulu, ukukhuphisana, okanye azikhathaze ngezinto abona abanye bezenza kwi-intanethi?

 Umgaqo weBhayibhile: “Masingaziphakamisi, singakhuphisani nabanye abantu, singamonelani.”—Galati 5:26.

 Indlela umntwana wakho azenza ngayo izinto kwi-intanethi

 Kwi-intanethi abantu bayaxhatshazwa, kuthunyelwa imifanekiso yamanyala ngefowuni, kubukelwa namanyala. Nokuba umntwana wakho akanamdla kwezi zinto, usenokuzibona.

 “Ndiqaphele ukuba uthi usafunda kwiiwebhsayithi zokuncokola kuvele izinto ezingalunganga. Kuyathukwa kukho nomculo okhuthaza ukuziphatha kakubi.—ULinda, 23.

 Zibuze: Ngaba umntwana wam ukhule ngokwaneleyo ukuze ayisebenzise kakuhle i-intanethi? Ngaba umntwana wam uza kukwazi ukuziphepha izinto ezingalunganga?

 Umgaqo weBhayibhile: ‘Ukuziphatha kakubi ngesondo nako konke ukungcola okanye ukunyoluka makungathethwa nokuthethwa ngako phakathi kwenu, nokuziphatha okulihlazo, ukuncokola ngezinto zobudenge, nokuqhula ngezinto ezingcolileyo.’—Efese 5:3, 4.

 Ngaba kunyanzelekile ukusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola?

 Ukuze umntu onwabe okanye aphile ubomi obumnandi akunyanzelekanga ukuba abekwiiwebhsayithi zokuncokola. Ulutsha oluninzi lanelisekile kuba lungayisebenzisi i-intanethi kuquka olo lukhe lwayisebenzisa lwaza layiyeka.

 “Emva kokubona indlela awaphatheka kabuhlungu ngayo usisi wam ngenxa yokusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, ndayeka ukuyisebenzisa. Oko ndayiyeka, ndonwabe kakhulu ibe ndenza izinto ezibalulekileyo.”—UNathan, 17.

 Inyaniso yile: Ngaphambi kokuba uvumele umntwana wakho asebenzise iiwebhsayithi zokuncokola, qiniseka ukuba ukhulile, uyakwazi ukuligcina ixesha azibekele lona, unetshomi ezilungileyo, ibe uyaziphepha izinto ezingalunganga.

 Umgaqo weBhayibhile: “Olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.