Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO

Ndimele Ndenze Ntoni Xa Umntwana Wam Entlontwa?

Ndimele Ndenze Ntoni Xa Umntwana Wam Entlontwa?

 Ungathini xa unyana wakho esithi uyantlontwa esikolweni? Ungafuna ukuba abethwe esikolweni lo untlontayo? Okanye ungathi: ‘Nyana, zilwele’? Ngaphambi kokuba ugqibe ukuba ungathini, cinga ngale mibuzo mibini. a

 Yintoni endimele ndiyazi ngentlonti?

 Yintoni intlonti? Intlonti kukuqhubeka ugezelwa esikolweni nasekuhlaleni, mhlawumbi kuthethwe amagama abuhlungu ngawe, kuhlekiswe ngawe, ngamanye amaxesha ubethwe nokubethwa.

 Isizathu sokuba umele wazi ngayo: Abantu abaninzi xa bethetha “ngentlonti” bathi yiyo nantoni na ecaphukisayo, nokuba incinci kangakanani. Xa usoloko ubaxa izinto ezincinci, usenokwenza umntwana wakho angakhuli ngokwaneleyo, angakwazi ukuzilungisa ezinye izinto ngoku, naxa sele emdala.

 Umgaqo weBhayibhile: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka.”​—INtshumayeli 7:9.

 Khumbula: Ezinye iimeko zisenokufuna wena mzali, kodwa ngamanye amaxesha kusenokufuneka ukuba umntwana wakho afunde ukusebenzisana nabantu.​Kolose 3:13.

 Ungathini xa umntwana wakho ekuxelela ukuba yena untlontwa qho?

 Mzali, ungamnceda njani umntwana wakho xa entlontwa?

  •   Mmamelisise umntwana wakho. Zama ukwazi (1) Ukuba bekutheni ukuze antlontwe ibe (2) kutheni kuntlontwa yena. Lumkela ukwenza isigqibo okanye ukhawuleze ugxeke ngaphambi kokuba uve yonke into. Ukuze wazi ukuba kwenzeke ntoni kanye kanye, mhlawumbi kungafuneka uthethe nootitshala bomntwana wakho, nabazali balo untlontayo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.”​—IMizekeliso 18:13.

  •   Ukuba umntwana wakho uyantlontwa, mncede ayiqonde into yokuba indlela enza ngayo xa entlontwa isenokwenza izinto zibe bhetele okanye zibe mbi kakhulu. IBhayibhile ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Akuncedi nganto ukuzama ukuzilwela, kuba loo nto isenokwenza angayeki ukuntlontwa.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ningabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa.”​—1 Petros 3:9.

  •   Mcacisele umntwana wakho ukuba ukungalwi akuthethi kuba uligwala. Loo nto ithetha ukuba akavumeli loo mntu umntlontayo atshintshe indlela aziphethe ngayo. Ngaloo ndlela uza kumoyisa engakhange azenze umntu ombi.

     Kubalulekile kakhulu ukuba ayazi le nto umntwana wakho, ukuba untlontwa qho nakwi-intanethi. Xa umntwana wakho ephendulana nomntu omntlontayo kwi-intanethi, loo nto yenza loo untlontayo aqhubeke entlonta, umntwana wakho de azibone sele kuthwa uyantlonta naye. Ngenxa yaloo nto, ngamanye amaxesha ukungaphenduli tu kunokunceda, kuba lo untlontayo usenokudikwa kuba ebona ngathi akahoywanga, aze ayeke.

     Umgaqo weBhayibhile: “Apho kungekho nkuni uyacima umlilo.”​—IMizekeliso 26:20.

  •   Mcebise umntwana wakho ukuba azame ukuziphepha iindawo ezinabantu abathanda ukuntlonta. Kaloku umntwana wakho nguye osenokuba uyazazi iindawo abathanda ukuba kuzo abantu abantlontayo, ngoko makazame ukungahambi ngakuzo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”​—IMizekeliso 22:3.

Mhlawumbi kungafuneka uthethe nootitshala bomntwana wakho, nabazali balo untlontayo.

 ZAMA OKU: Nceda umntwana wakho acingisise ukuba kwizinto anokuzenza xa entlontwa, zeziphi ezinokumnceda kule meko, izeziphi ezinokwenza le meko iye isiba mbi kakhulu. Ngokomzekelo:

  •  Kunokwenzeka ntoni xa enokuvele angamhoyi lo unentlonti?

  •  Xa ngesibindi, enokuxelela lo unentlonti ukuba makayeke?

  •  Xa emxela esikolweni kuza kwenzeka ntoni?

  •  Xa enokuba nobubele kulo untlontayo akanukuyeka ukumntlonta?

 Ukuntlontwa kuyohluka, noba kwenzeka kwi-intanethi okanye kwenye indawo. Ngoko thetha nomntwana wakho uzame indlela onokumnceda ngayo. Mqinisekise ukuba uyamthanda ibe usoloko ukulungele ukummamela xa edinga umntu wokuthetha kuyo yonke le nto.

 Umgaqo weBhayibhile: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”​—IMizekeliso 17:17.

a Apha, siza kuthetha sibhekisa kwinkwenkwe, nangona le migaqo isebenza nakumantombazana.