Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Abantwana Neewebhsayithi Zokuncokola—Inxalenye 2: Ukufundisa Umntwana Wakho Ukusebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola Kakuhle

Abantwana Neewebhsayithi Zokuncokola—Inxalenye 2: Ukufundisa Umntwana Wakho Ukusebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola Kakuhle

 Abanye abazali ababavumeli abantwana babo basebenzise iiwebhsayithi zokuncokola kuba becinga ngeengxaki ezinokuvela. Kodwa ke ukuba awumvumeli umntwana wakho asebenzise iiwebhsayithi zokuncokola, uza kukwazi njani ukuphepha iingozi ezisenokuvela aze asebenzise ne-intanethi kakuhle?

Kweli nqaku

 Izinto ezibalulekileyo emntwaneni wakho

 Into omele uyazi: Kuba umntu esenokuzibona sele engakwazi ukuyeka iiwebhsayithi zokuncokola, kusenokufuneka umncede umntwana wakho ukuze akwazi ukulawula ixesha alisebenzisayo kuzo.

 Umgaqo weBhayibhile: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.”—Filipi 1:10.

 Khawucinge ngale nto: Ngaba umntwana wakho uba kwiiwebhsayithi zokuncokola kunokuba alale, enze umsebenzi wesikolo okanye abekunye nentsapho? Abaphandi bathi, abantwana abaneminyaka ephakathi kwe-13 ukuyokutsho kwi-19 bafanele balale iiyure eziyi-9 ebusuku. Kodwa abo bachitha ixesha elininzi kwiiwebhsayithi zokuncokola balala iiyure ezingaphantsi kwe-7.

 Into onokuyenza: Thetha nomntwana wakho ngezona zinto zibalulekileyo, nithethe nangokuba kutheni efanele abeke ixesha lokusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola. Beka imithetho efanelekileyo enjengokuba angayisebenzisi ifowuni ekamereni ebusuku. Eyona nto uyifunayo kukumnceda ukuba akwazi ukuzibamba. Lo nto izomnceda kakhulu xa sele emdala.—1 Korinte 9:25.

 Indlela aziva ngayo umntwana wakho

 Into omele uyazi: Xa umntu omtsha ebona iifoto zabanye ezenziwe zantle, nezinto ezimnandi abahlobo bakhe abazenzayo, usenokuziva eyedwa, abe nexhala aze akhathazeke.

 Umgaqo weBhayibhile: ‘Yahlukanani nomona.’—1 Petros 2:1.

 Khawucinge ngale nto: Ngaba iiwebhsayithi zokuncokola zimenza umntwana wakho azithelekise nabanye kwindlela ayiyo nomzimba wakhe? Ngaba umntwana wakho uvakalelwa kukuba ubomi babanye abantu bumnandi kunobakhe?

 Into onokuyenza: Thetha nomntwana wakho ngeengxaki ezinokuvela xa ezithelekisa nabanye. Yazi ukuba amantombazana ayihoye kakhulu into edibene nabahlobo , nemizimba yabo kunabafana. Unokude uthi kumntana wakho angamane eyeka ukuzisebenzisa ezi webhsayithi zokuncokola. Omnye umfana ekuthiwa nguJacob uthi: “Ndimane ndizisusa iiapp zeewebhsaythi zokuncokola zam. Le nto indinceda ndijonge ezona zinto zibalulekileyo kum ndize ndiphucule indlela endizijonga ngayo kunye nabanye abantu.”

 Izinto azenzayo umntwana wakho kwi-intanethi

 Into omele uyazi: Ukusebenzisa iiwebhsaythi zokuncokola kufaniswa nokuhlala phambi kwabantu abaninzi. Kuqhelekile ukuba abantu bangavani baze baxabane.

 Umgaqo weBhayibhile: “Susani yonke inkohlakalo, umsindo, ukucaphuka, ukungxolisana, ukuthetha amazwi ahlabayo, . . . kodwa yibani nobubele omnye komnye.”—Efese 4:31, 32.

 Khawucinge ngale nto: Ngaba iiwebhsayithi zokuncokola zenze umntwana wakho wathanda ukuhleba, ukuxabana nabanye okanye ukuthetha kakubi nabanye?

 Into onokuyenza: Nceda umntwana wakho ayazi indlela amele aziphathe ngayo kwi-intanethi. Incwadi ekuthiwa yiDigital Kids ithi: “Ngumsebenzi wethu ukufundisa abantwana bethu ukuba abamele babaphathe kabuhlungu abanye abantu nokuba abo bantu badibana nabo okanye bakwi-intanethi.”

 Ungalibali ukuba akunyanzelekanga ukuba umntwana wakho asebenzise iiwebhsayithi zokuncokola ibe abanye abazali ababavumeli abantwana babo ukuba bazisebenzise. Ukuba owakho uyamvumela, umele uqiniseke ukuba uza kukwazi ukuzibekela amaxesha okuzisebenzisa, abe nabahlobo bamanyhani, aze akwazi ukuphepha izinto ezingafanelekanga.