Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Into Abamele Bayazi Abazali Ngokusa Abantwana Ekhrishi

Into Abamele Bayazi Abazali Ngokusa Abantwana Ekhrishi

 Abanye abazali abasebenzayo bagqiba kwelokuba base abantwana babo ekhrishi. Ngaba nawe uza kumsa owakho?

 Imibuzo onokuzibuza yona

 Ngaba ukusa umntwana wam ekhrishi kungandenza ndingasondelelani naye? Ingenzeka loo nto. Xa umntwana esemncinci ingqondo yakhe isakhula ibe loo nto ichaphazela indlela abajonga ngayo abantu. Umamela yonke into oyithethayo ngoko zama ukuchitha ixesha kunye naye kangangoko unako.—Duteronomi 6:6, 7.

  •    Abazali abacinga ngokusa umntwana wabo ekhrishi bafanele bazibuze ukuba bangasondelelana njani nomntwana wabo.

 Ngaba ukusa umntwana wakho ekhrishi kungamenza angakumameli? Inokwenzeka loo nto. Incwadi ethi Hold On to Your Kids ithi: “Xa abantwana bechitha ixesha kunye, bamamela baze benze izinto ezenziwa ngoontanga babo.”

  •    Abazali abacinga ngokusa umntwana wabo ekhrishi bamele bajonge ukuba uza kuqhubeka ebamamela na.

 Ngaba ukuya ekhrishi kuza kumnceda xa eqala isikolo? Abanye bathi ewe. Abanye bathi ikhrishi ayimncedi kangako umntwana ukuba akhawuleze abambe izinto azifundayo. Enoba abantu bathini, ugqirha wengqondo yabantwana uPenelope Leach uthi: “Sanukucinga ukuba yonke into efundwa ngumntwana esikolweni iza kuba luncedo ebomini bakhe. Ningacingi nokuba xa esiya eselusana yeyona nto ibhetele leyo. Ukuba nicinga njalo anizukuyiqonda indlela eziluncedo ngayo izinto enimfundise zona ukususela oko wazalwa.”

  •   Abazali abacinga ngokusa umntwana ekhrishi bamele bazibuze ukuba kuza kuba luncedo na okanye kuyimfuneko ukumsa.

 Ngaba kunyanzelekile ukuba nobabini nisebenze? Ngamanye amaxesha, abazali baye basebenze kuba befuna ukuba nemali eninzi. Ngaba loo nto iluncedo okanye iyingxaki?

  •   Abazali abacinga ngokusa umntwana wabo ekhrishi bamele bacinge ngokunciphisa iindleko zabo ukuze omnye umzali angaphangeli aze agcine umntwana ekhaya.

 Ngaphambi kokuba use umntwana ekhrishi umele ujonge izinto eziluncedo nezo zingeloncedo. Emva koko, usenokugqiba kwelokuba usafuna na ukumsa umntwana ekhrishi.

 Oko unokukwenza

 IBhayibhile ithi “umntu olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.” (IMizekeliso 14:15) Ucinga ngalo mgaqo, ngaphambi kokuba ukhethe ikhrishi kufuneka ucingisise.

 Phanda ngaphambi kokuba wenze isigqibo

  •   Abanye abazali bakhetha ukugcinisa umntwana kwikhaya eligcina abantwana abambalwa.

  •   Abanye abazali bakhetha ilungu lentsapho, okanye umntu oncedisayo ukuba agcine umntwana wabo.

 Nokuba ukhetha ukwenza ntoni kuza kuhlala kukho ingxaki. Kungaluncedo ukuthetha nabazali abakhe basa abantwana babo ekhrishi. IBhayibhile ithi: “Ubulumko bobantu abafuna amacebiso.”—IMizekeliso 13:10.

 Ukuba ukhetha ukusa umntwana ekhrishi umele wenze ntoni?

 Zinike ithuba lokujonga loo ndawo

  •   Ngaba iyazithobela izinto ezifunwa ngumthetho? Yaziwa njani?

  •   Ngaba iklini ibe ikhuselekile?

  •   Benza ntoni abantwana xa belapho? a

 Zinike ixesha lokwazi ngabantu abasebenza apho

  •   Baqeqeshwe kangakanani? Oku kusenokuba kukufundisa abantwana basekhrishi, nokwenza uncedo lokuqala.

  •   Ngaba abantu abasebenza apho bavumelekile ngokwasemthethweni ukusebenza kwindawo egcina abantwana?

  •   Ngaba kusoloko kuqeshwa abantu abatsha? Loo nto ithetha ukuba umntwana wakho kuza kufuneka esoloko eqhelana nabantu abatsha.

  •   Bangaphi abantwana ekufuneka bahoywe ngumsebenzi omnye? Ukuba baninzi abantwana abahoyayo, loo nto ithetha ukuba umntwana wakho akazuhoywa ngokwaneleyo kodwa oko kuya kuxhomekeka kwiminyaka nakwizinto akwaziyo ukuzenza.

  •   Ngaba abantu abasebenza apho bayafuna ukuthetha nawe ngezinto ezikuxhalabisayo okanye ezibaxhalabisayo?

a Ngokomzekelo, ngaba umntwana wakho uza kuchitha ixesha ebukele iTV okanye bayafundiswa baze badlale?