Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | ABAFIKISAYO

Indlela Yokuxhathisa Izilingo

Indlela Yokuxhathisa Izilingo

INGXAKI

“Amanye amantombazana aye acele inamba yam aze afune ukulala nam. Andiye ndivume, ndisuka ndihambe. Kodwa ke, ndishiyeka ndicinga, ‘Bekuza kwenzeka ntoni ukuba bendimnikile inamba yam?’ Inyaniso kukuba, amanye ala mantombazana mahle kakhulu. Kulula ukuba nengcinga ethi, ‘Kutheni ndingamniki?’”—UCarlos, * oneminyaka eyi-16.

Ngaba nawe, njengoCarlos, unengxaki yokulingwa? Ukuba kunjalo, unako ukuxhathisa.

OKO UMELE UKWAZI

Ukuba awusixhathisi isilingo, uya kwenzakala

Wonke umntu uyazifumana izilingo—nkqu nabantu abadala. Kakade ke, izilingo azifani. Umpostile uPawulos wayesele emdala xa wathi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo . . . , kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono.” (Roma 7:22, 23) Nangona wayelingwa, uPawulos wakwazi ukuxhathisa umnqweno wokunikezela—nawe unako! Awufuni ukuba likhoboka leminqweno yakho! (1 Korinte 9:27) Ukufunda ukuxhathisa izilingo ngoku usemtsha kuya kukunceda ungabi namaxhala, kuze kukunike ubuchule obuya kukunceda xa sele umdala.

Amajelo osasazo akhuthaza izilingo. IBhayibhile ithetha ‘ngeenkanuko zobutsha,’ ezisoloko zinamandla. (2 Timoti 2:22) Iimuvi, iTV, umculo neencwadi ezithengiselwa abantu abasebatsha zidla ngokukhuthaza ezo nkanuko, ngokwenza ngathi ukunikezela kuzo kwamkelekile. Ngokomzekelo, ukuba abantu ababini kwimuvi ‘bayathandana,’ sinokulindela ukuba ekuhambeni kwemuvi baza kulala kunye. Sekunjalo, iBhayibhile ithi amadoda namabhinqa okwenyani anawo amandla ‘okuzikhwebula kwiminqweno yenyama.’ (1 Petros 2:11) Oko kuthetha ukuba unokukhetha ukuxhathisa izilingo. Njani?

 OKO UNOKUKWENZA

Bazi ubuthathaka bakho. Ukuzimisela kwakho ukwenza okulungileyo kuya kuba nzima kwiinkalo obuthathaka kuzo. Ziziphi iinkalo omele uzilumkele kuzo?—Umgaqo weBhayibhile: Yakobi 1:14.

Zilindele izilingo. Cinga ngeemeko onokulingeka kuzo. Cinga ngeendlela oza kuxhathisa ngazo ukuba zinokuvela ezo zilingo.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 22:3.

Qiniseka ngeenkolelo zakho. IBhayibhile ithi xa uYosefu wayelingelwa ekuziphatheni okubi, wathi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?” (Genesis 39:9) Igama elithi “ndingathini” libonisa ukuba uYosefu wayeqinisekile ngendlela akujonga ngayo okulungileyo nokubi. Ngaba nawe unjalo?

Funa abahlobo abanokukunceda. Unokuziphepha izilingo ezininzi ngokukhetha abahlobo abanemilinganiselo yokuziphatha efana neyakho. IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”—IMizekeliso 13:20.

Ziphephe iimeko ezinokukufaka esilingweni. Ngokomzekelo:

  • Musa ukuba wedwa kunye nomntu wesini esahlukileyo.

  • Kuphephe ukusebenzisa i-Intanethi ngexesha nakwindawo enokukulingela ekubukeleni iphonografi.

  • Musa ukuhlala nabantu abathetha nabenza imikhwa emibi ibe ngathi ilungile.

Yiyiphi imigaqo onokuzibekela yona enokukunceda uphephe izilingo?—Umgaqo weBhayibhile: 2 Timoti 2:22.

Thandazela uncedo. UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Nithandaze ngokuqhubekayo, ukuze ningangeni ekuhendweni.” (Mateyu 26:41) Inyaniso kukuba, uYehova uThixo ufuna uzixhathise izilingo ibe unokukunceda ukwenze oko. IBhayibhile ithi, ‘akayi kukuyekela uhendwe ngaphaya koko unokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze ukwazi ukusinyamezela.’—1 Korinte 10:13.

^ isiqe. 4 Igama litshintshiwe.