Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | ABANTU ABASELULA

Ukuzonwabisa Ngeendlela Eziyingozi

Ukuzonwabisa Ngeendlela Eziyingozi

INGXAKI

“Ndema kufutshane kakhulu nololiwe owayedlula ngesantya esiphezulu kakhulu. Iadrenaline yandenza ndalibala yonke into.”—ULeon. *

“Xa nditsibela ezantsi emanzini ndisuka kwinduli ephakamileyo kwakusithi ngco ngaphakathi, kodwa ngamany’ amaxesha ndandisoyika.”​—ULarissa.

Abaselula abaninzi abafana noLeon noLarissa, bonwatyiswa kukuzazi ukuba ziintoni abakwaziyo ukuzenza. Ezinye zibek’ ubomi babo engozini. Ngaba nawe unjalo? Ukuba uthi ewe, eli nqaku lingakunceda.

OKO UMELE UKWAZI

Unokuba likhoboka lokufuna ukuzonwabisa ngendlela eyingozi. Unokonwaba ngelo thutyana kodwa ushiyeke ufuna ukwenza into ezakonwabisa ngakumbi. UMarco, owayethanda ukudlala kwiziporo zikaloliwe njengoLeon uthi: “Le yinto endandiyenza qho nakuba yayingabukeleki. Kwakuba mnandi xa ndiyenza. Kodwa ndandiye ndifune ukwenza enye into efana nayo.”

UJustin, owayebambelela kwiimoto ezibalekayo enxibe izihlangu ezinamavili uthi: “Indlela ekwakuba mnandi ngayo, ndandiye ndifune ukuphinda. Ndandifuna abantu bandithande, kodwa loo nto yandenza ndaphelela esibhedlele.”

Ukwenza into efunwa ngabanye kunokukwenza ungacingi kakuhle. Umfana uMarvin uthi: “Iitshomi zam zazifuna ukuba ndigwencele kwisakhiwo esiphakamileyo, zazisithi: ‘Yiya mfondini. Uzod’ ufike phezulu.’ Ndandicinga ukuba ndiza kuwa. Ndalinyuk’ elo donga ndingcangcazela.” ULarissa ekuthethwe ngaye ngaphambili uthi: “Ndandisenza into eyenziwa ngabanye.”

Kwi-intanethi abantu barhalisa abanye ngokubaqhwabel’ izandla abantu abazonwabisa ngeendlela eziyingozi kodwa benze ngathi aziyongozi kangako. Neevidiyo zabo ezifakwa kwi-intanethi zibukelwa kakhulu, nto leyo ebangela ukuba badume okanye bathandwe kakhulu ngabantu.

Ngokomzekelo, ezinye iividiyo ezithandwayo zibonisa umdlalo ekuthiwa yiparkour, apho kutsitywa, kubalekwe kuze kunyukwe iindawo eziyingozi ezifana neendonga, izindlu nezitepsi kungekho nto yokuzikhusela okanye yokuxhathisa. Ezi vidiyo zinokukwenza ucinge izinto ezimbini ezingeyonyani: (1) Noko awuyongozi kangako. (2) Wonk’ umntu uyawudlala. Loo nto isenokwenza ufune ukudlala imidlalo ebek’ ubomi bakho engozini.

Zikho iindlela ezibhetele nezikhuselekileyo onokuzazi ngazo ukuba ziintoni okwaziyo ukuzenza. IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.” (1 Timoti 4:8) Iphinde ilumkise ngelithi: ‘Phila ngengqondo ephilileyo.’ (Tito 2:12) Unokuyenza njani loo nto?

OKO UNOKUKWENZA

Cinga ngeengozi. IBhayibhile ithi: “Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi, kodwa osisidenge uya kusasaza ngokubanzi ubudenge.” (IMizekeliso 13:16) Ngaphambi kokuba wenze nantoni na, zazi iingozi ezinokubangelwa yiloo nto. Zibuze, ‘Ngaba le nto ingandibulala okanye indonzakalise?’​—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 14:15.

Khetha iitshomi ezibuxabisileyo ubomi. Iitshomi zokwenyani azinakukukhuthaza ukuba wenze into eza kukufak’ engozini okanye zithi yenza into ongayithandiyo. ULarissa uthi: “Iitshomi zokwenyani zandenza ndazikhetha kakuhle izinto endifuna ukuzenza. Zabenza batshintsha ubomi bam.”​—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 13:20.

Zibuze, ‘Ngaba le nto ingandibulala okanye indonzakalise?’

Kuyo yonke into oyenzayo, lumkela ukubeka ubomi bakho engozini. Incwadi ethi Adolescent Risk Behaviors ithi xa ukhula, uye “uzame ukwenza izinto ezintsha nokuzibekela imida.” Unokuzijonga ukuba yintoni okwaziyo ukuyenza kwindawo ekhuselekileyo, ngendlela ekhuselekileyo kwaye usebenzisa izinto zokuzikhusela.

Zithande. Abantu bakuhlonipha ngenxa yokuba ukwazi ukujongana neengxaki ezinzima zobomi, hayi kuba ubeka ubomi bakho engozini ngenxa nje yolonwabo. ULarissa uthi: “Ndaqalisa ukwenza izinto ezazibek’ ubomi bam engozini ngokutsiba kwinduli ephakamileyo. Akwaba ndandifunde ukuthi hayi.”

Eyona nto ibalulekileyo yile: Kunokuba ubeke ubomi bakho engozini, yikhethe kakuhle indlela yokuzonwabisa.​—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 15:24.

^ isiqe. 4 Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.