Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Indlela Yokuqeqesha Umntwana Wakho Ofikisayo

Indlela Yokuqeqesha Umntwana Wakho Ofikisayo

INGXAKI

Umthetho wasekhaya uthi iiselfowuni zifanele zicinywe ngentsimbi yesi-9:00 ebusuku, kodwa intombi yakho uyibhaqe kabini kule veki icofana nefowuni ezinzulwini zobusuku. Unyana wakho ufanele abe sele esekhaya ngentsimbi ye-10:00 ebusuku—kodwa nakweli tyeli uphinde wafika emva kweye-11.

Umntwana wakho ufanele afunde ukumamela. Kodwa ke ufanele uqale uqonde isizathu sokuba engeva. Zikho ke neendaba ezimnandi. Nangona esenokubonakala ngathi uyadelela, kusenokwenzeka ukuba akakwenzi ngabom oku.

ISIZATHU SOKUBA OKU KUSENZEKA

Imithetho engacacanga. Abanye abantwana bophula imithetho kuba befun’ ukubona ukuba baza kwenziwa ntoni. Ngokomzekelo, umntwana usenokophula umthetho othile emva kokuba umzali ethe uza kohlwaywa xa ewophula, kuba efuna ukubona ukuba uza kohlwaywa nyhani na. Ngaba abantwana abanjalo ziinjubaqa? Hayi. Inyaniso kukuba abantwana basenokuyophula nangakumbi imithetho xa abazali bengabohlwayi okanye xa imida ingacacanga.

Ukuba ngqwabalala ngokugqithiseleyo. Abanye abazali baye bazame ukulawula yonke into eyenziwa ngumntwana ngokumbekela uthotho lwemithetho. Xa umntwana engathobeli, umzali uba nomsindo aze ongeze eminye imithetho. Noko ke, loo nto idla ngokufana nokugalela iparafini emlilweni. Incwadi ethi Parent/Teen Breakthrough, ithi: “Okukhona uzama ukumlawula kuba kokukhona exhathisa.”

Ukumqeqesha kakuhle umntwana kuluncedo. “Ukuqeqesha” kuthetha ukufundisa yaye akufani “nokohlwaya,” kuba ukohlwaya kuthetha ukuvisa umntu othile ubuhlungu. Unokumfundisa njani ukuthobela umntwana wakho?

 OKO UNOKUKWENZA

Umntwana makayazi kakuhle imithetho. Abantwana kufuneka bacacelwe yinto abamele bayenze, nesohlwayo abaza kusifumana xa bengayenzanga.—Umgaqo weBhayibhile: Galati 6:7.

Icebiso: Bhala phantsi imithetho oyimiselayo ekhayeni. Emva koko, zibuze, ‘Ngaba ndibeke inqwaba yemithetho? Ngaba imbalwa kakhulu? Ngaba eminye yayo ayiseyomfuneko? Ngaba kuza kufuneka eminye yale mithetho ndiyitshintshe xa umntwana wam ebonisa ukuba ubhadlile?’

Ligcine ilizwi lakho. Abantwana baya kubhideka ukuba namhlanje uyabohlwaya ngenxa yesono esithile uze ungabohlwayi ngomso xa benze kwainto efanayo.—Umgaqo weBhayibhile: Mateyu 5:37.

Icebiso: Isohlwayo masifanele isono asenzileyo umntwana. Ngokomzekelo, ukuba umntwana ubuye emva kwexesha obulibekile, unokumohlwaya ngokuthi umbekele ixesha elincinane kunelo lokuqala.

Musa ukuba ngqongqo ngokugqithiseleyo. Mnike inkululeko emfaneleyo umntwana wakho.—Umgaqo weBhayibhile: Filipi 4:5.

Icebiso: Mchazele ngokucacileyo umntwana wakho imithetho nemiphumo yokungayithobeli. Unokude umcele acebise ngezinto ofanele uzenze xa esophula imithetho. Abantwana badla ngokuyithobela imithetho abaye bafak’ isandla ekuyimiseleni.

Makhe. Injongo yakho ayifanele ibe kukufundisa umntwana ukuthobela imithetho nje kuphela, kodwa ifanele ibe kukumnceda abe nesazela esisebenza kakuhle nesiya kumenza ayiqonde kakuhle into elungileyo nengalunganga. (Funda ibhokisi ethi, “Mfundise Ukuba Nesimilo”)—Umgaqo weBhayibhile: 1 Petros 3:16.

Icebiso: Fumana amacebiso kwiBhayibhile. Yeyona nto iluncedo ‘kwingqeqesho enika ingqiqo’ yaye ubulumko bayo ‘bunokunika abangenamava ubuqili, nomfana [okanye intombi] ukwazi namandla okucinga.’—IMizekeliso 1:1-4.