Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Khusela Umntwana Wakho Kwiphonografi

Khusela Umntwana Wakho Kwiphonografi

 “Sasiyiqonda kona ukuba iphonografi iyingozi, kodwa zange siyicinge ukuba intombi yethu iza kuyibona lula ngolwa hlobo.”—UNicole.

Kweli nqaku

 Into omele uyazi

 Abantwana basenokubona iphonografi besebancinci kakhulu. Uphando lubonisa ukuba ngoku abantwana basenokubona iphonografi beseneminyaka eyi-11.

 Iphonografi banokuyibona bengayikhangelanga nokuyikhangela. Ngokomzekelo, banokuyibona bekhangela enye into kwi-intanethi okanye bekwiiwebhsayithi zokuncokola. Kusenokuthi gqi izinto ezibonisa iphonografi besazidlalela imidlalo yeevidiyo kwi-intanethi. Iphonografi ivela ngeendlela ezingafaniyo, ixhaphake kakhulu kwiifoto neevidiyo. Kulula nokufumana amabali ephonografi kwi-intanethi ibe umntu angazifundela okanye azimamelele kuba arekhodiwe.

 Enye into ekumele singayilibali kukuba abantu banokuthumelela abantwana iphonografi kwii-App zokuncokola. Uphando lubonisa ukuba kulutsha olungaphezu kwe-900, phantse i-90 pesenti yamantombi ne-50 pesenti yabafana bathi bathunyelelwa iifoto neevidiyo ezinabantu abanganxibanga ngabantwana abafunda nabo qho.

 Iphonografi eyaziwa kakhulu idla ngokuba nobundlobongela. Ezona zinto zephonografi zidumileyo nezifikelelekayo ziye zibonise nokuphathwa kakubi kwabantu abangamabhinqa.

 Iphonografi iyingozi ebantwaneni. Uphando lubonisa ukuba xa abantwana bebukela iphonografi, kunokwenzeka ezi zinto kubo:

  •   banokuqhuba kakubi esikolweni

  •   banokuba nexhala kakhulu (ianxiety), babenedepression, baze bacinge ukuba akukho nto ibalulekileyo ngabo

  •   basenokucinga ukuba akukho nto irongo ngokunyanzela abanye ukuba babelane ngesondo nabo

 Eyona nto ibalulekileyo: Ukuba abantwana babona iphonografi, banokuba sengxakini. Abona bantu banokubakhusela ngabazali.

 Umgaqo weBhayibhile: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho, uze uwabethelele ebantwaneni bakho yaye uthethe ngawo xa uhleli endlini yakho, xa uhamba endleleni, xa ulala naxa uvuka.”—Duteronomi 6:6, 7.

 Indlela onokumkhusela ngayo umntwana wakho kwiphonografi

 Funda nezinye izinto. Zama ukwazi ukuba umntwana wakho usenokuyibona nini ibe phi iphonografi. Ngokomzekelo, ngaba uyakwazi ukungena kwi-intanethi engabonwa ngumntu xa kulikhefu esikolweni?

Umntwana wakho usenokubona iphonografi kwiindawo ezininzi ezingafaniyo

 Khawuzame ukujonga ukuba ifowuni yakhe iyakwazi na ukuvalela ezinye izinto ukuba zingaveli. Zazi ii-app azisebenzisayo nemidlalo ayidlalayo. a Ngokomzekelo, ezinye iiwebhsayithi zokuncokola zinendawo apho unokukwazi ukwenza imiyalezo, ifoto okanye ividiyo yephonografi ingaveli emva kwexesha elincinci. Ibe iya iba mininzi imidlalo yeevidiyo ekwi-intanethi apho abantu abayidlalayo bekwazi ukubukela iphonografi, bade benze ngathi babelana ngesondo kulo midlalo.

 “Le nto ndiyazi apha kum: Ukuba umntwana wakho unefowuni, wena njengomzali umele ukwazi ukuyisebenzisa. Uyazi ukuba kwenziwa njani ukuze umntwana wakho angangeni kwiiwebhsayithi ezithile. Ibe ukwazi nokujonga izinto azenzayo kuyo.”—UDavid.

 Umgaqo weBhayibhile: “Intliziyo yabantu abaqondayo ifumana ulwazi.”—IMizekeliso 18:15.

 Yenza konke okusemandleni akho ukuze umkhusele kwiphonografi. Yiba nezinto ozenzayo ukuze angangeni kule ngozi. Ngokomzekelo, yenza ifowuni yomntwana wakho nazo zonke izixhobo eninazo endlini zingayivezi iphonografi. Mayihlale ivuliwe indawo apho abazali banokukwazi ukungavumeli ezinye izinto ukuba zivele kwezi zixhobo. Zazi zonke iiPIN ezisetyenziswa ngabantwana bakho.

 “Kwandinceda ukungazivumeli ezinye izinto ukuba zivele kwizixhobo zethu nezinto unyana wam anokuzibukela kwi-TV yethu. Nokwazi iPIN yefowuni yakhe kundincedile.”—UMaurizio.

 “Oonyana bam andibavumeli bazibukele bevale umnyango iividiyo endlini yabo. Xa kulixesha lokulala, andibavumeli bayolala neefowuni zabo.”—UGianluca.

 Umgaqo weBhayibhile: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe.”—IMizekeliso 22:3.

 Nceda umntwana wakho akwazi ukuzikhusela kwiphonografi. UFlavia uthi, “Abanye abazali bayakuphepha ukuthetha nabantwana babo ngephonografi, becinga ukuba abanokudibana nale ngxaki.” Abanye banexhala besithi, ‘Ukuba ndithetha ngayo, umntwana wam uza kuvele afune ukuyibona.’ Le ndlela yokucinga ayichananga. Abazali abalumkileyo baza kufundisa umntwana wabo ngendlela eyingozi ngayo iphonografi ngaphambi kokuba ayibone. Ungayenza njani loo nto?

 Fundisa abantwana abancinci into abamele bayenze xa bebona izinto ezingafanelekanga. Ngokomzekelo bangacimela, okanye bavale kwaeso sixhobo sibonisa loo nto. Bacebise ukuba bathethe nawe ngento abayibonileyo okanye abayivileyo. b

 “Saqalisa ukuthetha nonyana wam ngendlela eyingozi ngayo iphonografi esemncinci kakhulu. Xa wayena-11, kwaqalisa ukuvela izinto zephonografi kumdlalo awayewufake efowunini yakhe. Kwezo foto, kwakusithiwa naye makathumele ezakhe. Kuba sasikhe sathetha ngezinto amele azenze, weza kum ngokukhawuleza waza wandixelela into eyenzekileyo.”—UMaurizio.

 Umgaqo weBhayibhile: “Mqeqeshe umntwana ngendlela amele ahambe ngayo; naxa sele emdala soze asuke kuyo.”—IMizekeliso 22:6, umbhalo osemazantsi.

 Nceda abantwana abasele bebadala bakwazi ukulwa ukufuna ukubukela, ukumamela okanye ukufunda iphonografi. Ngokomzekelo, unganceda umntana wakho abhale phantsi isivumelwano sezinto aza kuzenza xa ebona iphonografi, nokuba kutheni efuna ukwenza ezo zinto. Kweso sivumelwano, mncede abhale nemiphumo enokubangelwa kukubukela iphonografi enjengokuyeka ukuzihlonipha, ukungathenjwa ngabazali, nokumosha ubuhlobo bakhe noThixo. c

 “Njengokuba abantwana bekhula, bancede bakwazi ukulwa nomnqweno wokubukela iphonografi ngokuthi bacinge ngengozi abaza kungena kuyo.”—ULauretta.

 “Ukuba abantwana bethu abaqondi nje kuphela ubungozi bephonografi kodwa bayayazi nendlela uYehova aziva ngayo, kuza kuba lula ukuba balwe nomnqweno wayo.”—UDavid.

 Umgaqo weBhayibhile: “Ubulumko buyakhusela.”—INtshumayeli 7:12.

 Hlalani nithetha. Kusenokuba nzima ukuyikholelwa le nto, kodwa abantwana bayafuna ukuthetha nabazali babo ngezinto ezinokwenza nesondo kunye nephonografi. UDame Rachel de Souza omela amalungelo abantwana eNgilani uthi, “Sifunde ukuba abantwana bayafuna ukuthetha nabazali babo ngesondo besebancinci kakhulu ibe bathanda ukuba zingapheli ezo ncoko. Abantwana bafuna kuthethwe nabo ngezi zinto ngendlela elungele iminyaka yabo, ibe njengoko beqhubeka bekhula, kudingeka ukuba kuthethwe nabo nangezinye izinto.”

 “Xa ndandikhula, zikhona izinto abazali bam abangazange bathethe ngazo nam. Ndandibawela ukuba sithethe sikhululekile. Njengokuba ngoku ndingumama, ndiyaqiniseka ukuba ndisoloko ndincokola nabantwana bam ngesondo ibe loo nto siyenza sikhululekile.”—UFlavia.

 Ukuba umntwana wakho ukhe wanengxaki yokubona iphonografi

 Hlala uzolile. Ukuba ufumanise ukuba umntwana wakho ukhe wabukela, wamamela, okanye wafunda iphonografi zama ukuzibamba ungacaphuki. Usenokuba uyazisola, wothukile okanye utyiwa sisazela ngalento ayenzileyo. Ukucaphuka kungamenza azisole kakhulu aze oyike ukuthetha nawe nakwixesha elizayo.

 Umgaqo weBhayibhile: “Umntu onolwazi uyawabamba amazwi akhe, nomntu oqondayo uhlala ezolile.”—IMizekeliso 17:27.

 Zama ukufumana inyani. Endaweni yokugqiba ngento eyenzekileyo, zama ukumbuza imibuzo ukuze uqonde ukuba kwenzeke njani ukuze ayibukele okanye ayimamele. Ngokomzekelo, ngaba uyithunyelelwe ngumntu loo foto okanye uzikhangelele ngokwakhe? Ngaba le nto yenzeke kanye okanye wakha wayibukela iphonografi ngaphambili? Ngaba iindawo ezivalela izinto ezingafanelekanga ukuba zivele bezivuliwe kweso sixhobo ebesisebenzisa? Ukuba bezivuliwe, ngaba kukho into ayenzileyo ukuze akwazi ukufumana iphonografi? Khumbula, eyona nto uyifunayo kukunceda umntwana wakho athethe inyani ekhululekile, kungekhona ukumenza azive engxoliswa.

 Umgaqo weBhayibhile: “Iingcinga zentliziyo yomntu zinjengamanzi anzulu, kodwa umntu osisilumko uzitsala zinyuke.”—IMizekeliso 20:5.

 Yiba nento oyenzayo. Ngokomzekelo, ukuba iphonografi ivele ngempazamo, kusenokufuneka uqiniseke ukuba iindawo ezivalela izinto ezingafanelekanga ukuba zivele zisebenza kakuhle kwisixhobo sakhe.

 Xa ufumanisa ukuba uzikhangelele ngokwakhe iphonografi, mlungise ngothando kodwa ungqale. Mncede umntwana wakho akufune ngamandla ukulwa nomnqweno wephonografi, ngokuthetha naye ngezi zibhalo, uYobhi 31:1, iNdumiso 97:10, neNdumiso 101:3. d Mxelele nokuba uza kuthetha naye qho ngeveki ukuze ubone ukuba uqhuba njani nokuze ujonge ukuba zikhona na ezinye izinto adinga uncedo kuzo.

 Umgaqo weBhayibhile: “Sanukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisa ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela kaYehova.”—Efese 6:4.

a La macebiso akweli nqaku asebenza kubafana nakumantombi.

b Ukuze ubone ukuba yeyiphi indlela onokuncokola ngayo nomntwana wakho ngesondo ngokuhambisana neminyaka yakhe, funda inqaku elithi “Abazali Bangabafundisa Njani Abantwana Babo Ngesini?

c Ukuze ubone nezinye izinto onokuzifaka kwisivumelwano, jonga iphepha elithi, “Kutheni Ndifanele Ndingayibukeli Iphonografi.

d Ungafunda naye inqaku elithi, “Kutheni Ndifanele Ndingayibukeli Iphonografi?