Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUKHULISA ABANTWANA

Imisebenzi Yasekhaya Ibalulekile

Imisebenzi Yasekhaya Ibalulekile

INGXAKI

Kwezinye iintsapho, abantwana kulindeleke ukuba bancedise kwimisebenzi yasekhaya ibe bayayenza ngaphandle kokukhalaza. Ukanti kwezinye, abazali ababaniki abantwana imisebenzi, ngenxa yoko baphetha bengayenzi.

Abaphandi bafumanise ukuba le nto ixhaphakile kumazwe aseNtshona. Kuloo mazwe, abantwana benzelwa yonk’ into endaweni yokuba ibe ngabo abancedisayo. Umzali onguSteven uthi: “Namhlanje, abantwana bashiywa bedlala imidlalo yevidiyo, bekwi-intanethi okanye bebukele iTV. Abananto yokwenza.”

Ucinga ntoni? Ngaba imisebenzi yasekhaya inceda kuphela ekwenzeni ikhaya lihlale lilihle okanye inceda nomntwana akhule?

OKO UMELE UKWAZI

Abanye abazali bayonqena ukunika abantwana imisebenzi, ingakumbi xa umntwana enemfumba yomsebenzi wesikolo okanye imidlalo. Noko ke, nazi izinto ebanceda kuzo.

Imisebenzi yenza umntwana akhule. Abantwana abayenzayo imisebenzi bayaphumelela nasesikolweni ibe ke ayothusi loo nto. Ukuncedisa kwimisebenzi yasekhaya kwenza umntwana azithembe, ayazi into amakayenze ngexesha aze azimisele kwinto ayenzayo, zinto ezo zifunekayo ukuze afunde.

Imisebenzi ibenza bakwazi ukunceda abanye. Abanye abantu bathi abantwana abakhule besebenza baye bakwazi ukunceda abantu basekuhlaleni xa bebadala. Ayothusi ke loo nto kuba sebeqhelile ukunceda abantu. Kwelinye icala, uSteven, ekukhe kwathethwa ngaye ngaphambili uthi: “Xa bengenanto yakwenza, abantwana baye bafune ukwenzelwa yonk’ into, ibe bakhula bengayazi eyona nto kufuneka bayenze.”

Imisebenzi yenza intsapho imanyane. Xa besebenza, abantwana batsho baqonde ukuba baxabisekile ibe nabo banento ekufuneka beyenzile, ukuncedisa ekhaya. Bona abantwana abanabazali ababeka kuqala imidlalo yesikolo kunemisebenzi yasekhaya, abanakuyiqonda le nto. Zibuze, ‘Inokumnceda ngantoni umntwana wam into yokuhoya kakhulu abantu adlala nabo ibhola kodwa abe engayihoyanga intsapho yakhe?’

OKO UNOKUKWENZA

Mfundise esemncinci. Abanye bathi abazali bafanele bafundise abantwana imisebenzi xa beneminyaka emithathu. Bona abanye bacebisa ukuba bayifundiswe xa beneminyaka emibini nangaphantsi. Nantsi eyona nto ibalulekileyo, abantwana abancinci bayathanda ukusebenza nabazali babo, babalinganise.Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 22:6.

Fundisa umntwana wakho imisebenzi emlingeneyo. Ngokomzekelo, oneminyaka emithathu unokuchola izinto ebedlala ngazo, achole izinto eziwileyo okanye asonge iimpahla. Bona abadala banokutshayela, bahlambe imoto, benze into yokutya. Mfundise izinto anokukwazi ukuzenza. Unokothuka xa ubona umdla anawo xa esebenza.

Imisebenzi yasekhaya mayibe yeyona ibalulekileyo. Kunokuba nzima ukwenza loo nto xa umntwana wakho enemfumba yomsebenzi wasikolo. Incwadi ethi, The Price of Privilege ithi ukungamsebenzisi umntwana kuba sifuna apase kakhulu “kubonisa ukuba asizazi ezona zinto zibalulekileyo.” Njengokuba sele kutshiwo, umntwana owenza imisebenzi yasekhaya, utsho akhathale nasesikolweni. Izinto abazifundayo ziza kubanceda naxa sele beneyabo imizi.Umgaqo weBhayibhile: Filipi 1:10.

Sukujonga indlela ayenza ngayo kodwa vuyela ukuba eyenza. Umntwana usenokungayenzi ngokukhawuleza njengawe loo nto umthuma ukuba ayenze. Usenokuqaphela nokuba wena ubunokuyenza ngcono loo nto ayenzayo. Kodwa, sukufuna ukuyenza ngokwakho. Injongo yokumfundisa asikokuba enze izinto ngokungathi zenziwa ngumntu omdala, kodwa uzama ukumnceda afunde ukuzenzela aze abone indlela ekumnandi ngayo ukusebenza.Umgaqo weBhayibhile: INtshumayeli 3:22.

Xa umfundisa, makalindeli ukuba uza kumbhatala. Abanye bathi ukubhatala umntwana kumfundisa ukuba akhathale. Bona abanye bathi ukumbhatala kumenza asebenzele nje ukuzuza kunokuba efuna ukufak’ isandla naye kwimisebenzi yasekhaya. Bade bathi unokungavumi ukwenza imisebenzi yasekhaya xa enemali, nto leyo ebonisa ukuba akaboni nto kunokumnceda ngayo ukuyenza. Sifunda ntoni? Umntwana masingambhatali ngenxa yomsebenzi wasekhaya awenzileyo, masimphe imali kuba sifuna.