Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Indlela Yokuzinqanda Ungathethi Amazwi Ahlabayo

Indlela Yokuzinqanda Ungathethi Amazwi Ahlabayo

INGXAKI

Sihlandlo ngasinye nixabana, wena nomfazi okanye umyeni wakho nixelelana izigaqa. Sele niqhelile ukuthetha nakanjani na.

Ukuba le nto iyenzeka emtshatweni wenu, ninokukwazi ukuyiyeka. Noko ke, kufuneka niqale niqonde oyena nobangela, nesizathu sokuba kubalulekile ukuba nitshintshe.

ISIZATHU SOKUBA KUSENZEKA

Indlela okhuliswe ngayo. Uninzi lwabayeni okanye amakhosikazi lukhulele kumakhaya apho kwakuthethwa krwada. Ngoko ke kusenokwenzeka ukuba omnye okanye bobabini bathetha ngendlela ababethetha ngayo abazali babo.

Amajelo okuzonwabisa. Iimuvi nezinye iinkqubo zikamabonwakude ezihlekisayo zikwenza kubonakale ngathi yinto nje engenamsebenzi nehlekisayo ukuthetha krwada.

Indawo okhulele kuyo. Kwezinye iindawo amadoda afundiswa ukuba indoda yokwenene ithetha kuvakale kwaye ingqwabalala baze bona abafazi bafundiswe ukuba bafanele bakwazi ukuzilwela ukuze abantu bangakhweli bezehlela kubo. Xa kukho ukungevani, abantu abakhule ngolu hlobo basenokujongana njengeentshaba kunokuba bajongane njengabantu abathandanayo, baze basebenzise amazwi ahlabayo kunokuba bathethe kakuhle.

Enoba yintoni unobangela, ukuthetha krwada kunokukhokelela kuqhawulo-mtshato kunye neengxaki zempilo eziliqela. Abanye bade bathi amazwi arhabaxa abuhlungu nangaphezu kwamanqindi. Ngokomzekelo, enye inkosikazi eyayithukwa yaye ibethwa ngumyeni wayo ithi: “Amazwi akhe ayebuhlungu ngaphezu kwamanqindi akhe. Ngekwaba bhetele gqitha ukuba wayesuke wandibetha kunokuba athethe ezi zinto wazithethayo.”

Yintoni onokuyenza ukuba wena neqabane lakho ninomkhwa wokuthetha nantoni na efike kuqala?

 OKO NINOKUKWENZA

Yibani novelwano. Zibeke kwindawo yeqabane lakho uze uzame ukuqonda indlela amkhathaza ngayo amazwi akho. Ukuba unokukwazi ukuyikhumbula, cinga ngento owayithethayo eyakhathaza iqabane lakho. Musa ukuzithethelela usithi alizange likuve kakuhle; eyona nto ibalulekileyo kukuba amazwi akho angena njani kulo. Cinga ngendlela ebhetele ongewawuthethe ngayo. IBhayibhile ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1.

Bukela amadoda nabafazi bawo abahlonelanayo. Ukuba indlela othetha ngayo ityhefwe ngabantu abathetha rhabaxa, funda kubantu abayimizekelo emihle. Phulaphula abantu abatshatileyo abathetha ngembeko namaqabane abo.—Umgaqo weBhayibhile: Filipi 3:17.

Zikhumbuzeni ngendlela enanithandana ngayo ekuqaleni. Ukuthetha krwada kudla ngokubangelwa koko kusentliziyweni. Ngoko zama ukucinga izinto ezintle uze ulithande iqabane lakho. Khumbulani izinto ezimnandi enakha nazenza kunye. Bukani iifoto zenu zakudala. Yintoni eyayinenza nihleke? Ziziphi iimpawu ezanenza nathandana?—Umgaqo weBhayibhile: Luka 6:45.

Chaza indlela ovakalelwa ngayo. Kunokuba uhlasele iqabane lakho ngamazwi, chaza indlela ovakalelwa ngayo. Ngokomzekelo, iqabane lakho liya kukuva bhetele xa usithi, “Xa uceba izinto ungakhange undixelele ndiye ndivakalelwe ngathi andibalulekanga,” kunokuba uthi, “Unjalo kaloku wena—uyiqhelile le nto yakho yokuceba izinto ungakhange udlule kum!”—Umgaqo weBhayibhile: Kolose 4:6.

Lazi ixesha lokuthula. Xa ninyukelwa ngumsindo nize niqalise ukuthetha amazwi ahlabayo, kubhetele nithi xha nize niphinde nithethe ngalo mba ngelinye ixesha. Kudla ngokungabikho nto imbi ngokuhamba xa ubona ukuba niza kude nithethe izinto eniza kuzisola ngazo, uze ubuye xa umsindo uthomalele.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 17:14.

Ukuthetha rhabaxa kubangelwa koko kusentliziyweni