Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | ULUTSHA

Xa Kufuneka Ubuyele Ekhaya

Xa Kufuneka Ubuyele Ekhaya

INGXAKI

Olunye ulutsha luye lwashiya ikhaya lwaza lwazihlalela, kodwa lwathwaxwa zezoqoqosho lwaza lwabuyela ekhaya. Ngaba yakha yakwehlela le nto?

Nokuba uyamthanda umama notata wakho, ukubuyela ekhaya kusenokuba nzima. Ngokomzekelo, enye intombi enguSarah * ithi: “Ukuzihlalela kwakundenza ndizive ndingumntu ebantwini kuba ndandingaxhomekekanga mntwini. Ukubuyela ekhaya kwandenza ndaziva ndingumntwana kwakhona.” Wavakalelwa ngendlela efanayo nomfana ogama linguRichard. Uthi, “Ndandingafuni ukubuyela ekhaya, kodwa ndandingasakwazi ukuzinyamekela. Ndandiziva ndingento yanto.”

Ukuba nawe ukwimeko efanayo, eli nqaku liza kukunceda uthathe apho ubuyeke khona.

ISIZATHU SOKUBA OKU KUSENZEKA

Iingxaki zemali. ULutsha oluninzi luvuswa kabuhlungu emaqandeni xa lubona indlela ekubiza ngayo ukuzihlalela. URichard ebekuthethwe ngaye ngaphambili uthi, “Yaphela yonke imali endandizigcinele yona ndizama ukuzihlalela.” Kwaba njalo nakuShaina owashiya ikhaya eneminyaka eyi-24 waza wabuyela ekhaya emva konyaka onesiqingatha. Uthi, “Kwakumele ukuba ndiyiphathe kakuhle imali. Ndahamba ekhaya ndingenamali, ndabuya ndintyumpantyumpeka ematyaleni.” *

Ukuphelelwa ngumsebenzi. UShaina wafumanisa ukuba ukuphelelwa ngumsebenzi kungaphazamisa nelona cebo lokuzihlalela elicingisiswe kakuhle. Uthi: “Ndathweswa isidanga kwizifundo zobugqirha, ndaza ndafunyanelwa umsebenzi yinkampani efunela abantu umsebenzi. Xa waphelayo loo msebenzi landitshonel’ emini. Kuba ndandihlala ezilalini, landiphelela nethemba lokuphinda ndifumane umsebenzi endiwufundeleyo!”

Ulindelo olungekho ngqiqweni. Ulutsha oluninzi lungena emsebenzini lungakulungelanga ukusebenza nzima. Ikakhulu lufika umsebenzi unzima kunokuba belulindele. Luye lufumanise ukuba oko kuzimela kudala lukulangazelela akusemnandanga. Khange lucinge ukuba ukuzimela kunokuba nzima kangaka.

OKO UNOKUKWENZA

Thetha nabazali bakho ngokubuyela kwakho ekhaya. Thethani ngezinto ezifana nokuba: Uza kuhlala ixesha elingakanani ekhaya? Uza kuncedisa njani kwiindleko zasekhaya? Yeyiphi imisebenzi yasekhaya onokuyenza? Uza kwenza njani ukuze uphinde uzimele? Nokuba ungakanani na, khumbula ukuba kowenu umele uthobele umthetho wabazali.—Umgaqo weBhayibhile: Eksodus 20:12.

Funda indlela yokusebenzisa imali. Incwadi ethi The Complete Guide to Personal Finance: For Teenagers and College Students ithi: “Indlela oyisebenzisa ngayo imali idiza indlela oza kuyiphatha ngayo. . . . Eyona nto ibalulekileyo kukufunda ukungathengi izinto ongazidingiyo.”—Umgaqo weBhayibhile: Luka 14:28.

Cela iingcebiso kubantu abanolwazi. Abazali okanye abantu abadala bangakunceda ngendlela yokugcina imali, ukuceba kwangaphambili indlela oza kuyisebenzisa ngayo, neyokubhatala amatyala. Enye intombi enguMarie ithi, “kwafuneka ndibuyele ekufundeni izinto ezincinci. Umhlobo wam wandincedisa ekubhaleni uludwe lwezinto ezibalulekileyo nezingabalulekanga. Ndothuka kukubona ukuba bendiyidyakraza imali! Ndafunda neyona nto ibalulekileyo ukuze umntu akwazi ukuzihlalela, ukuzeyisa.”—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 13:10.

Khumbula ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuwenza kakuhle umsebenzi wakho enoba wenza msebenzi mni

Khangela umsebenzi. Khangela umsebenzi ngeli xesha ubuza kube uphangele ngalo. Uze ulumke ke: Abanye abantu baza kukuxelela ukuba “funa umsebenzi wamaphupha akho.” Kodwa ukukhangela ‘umsebenzi wamaphupha’ kusenokunciphisa amathuba okufumana umsebenzi! Endaweni yokukhangela umsebenzi othile, thatha lowo uvelayo. Khumbula ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuwenza kakuhle umsebenzi wakho enoba wenza msebenzi mni. Kuye kwafunyaniswa ukuba ngokuya umntu ewazi kakuhle umsebenzi wakhe, uya ewunandipha. Awunyanzelekanga ukuba wenze umsebenzi owuthandayo ukuze uwuthande umsebenzi owenzayo!

^ isiqe. 5 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 8 Abafundi basekholeji eUnited States badla ngokuba nengxaki efanayo. Ingxelo ekwi The Wall Street Journal, ithi umfundi ofunda ngemali mboleko uthi egqiba ukufunda abe enetyala elimalunga needola eziyi-33 000.