Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUKHULISA ABANTWANA

Xa Umntwana Wakho Ebuza Ngokufa

Xa Umntwana Wakho Ebuza Ngokufa

INGXAKI

Umntwana wakho oneminyaka emithandathu uyakubuza, “Uza kufa ngeny’ imini?” Wothukile, uyazibuza: ‘Akamncincanga kakhulu na lo mntwana ukuba angayiva impendulo yalo mbuzo? Ndingamcacisela njani ngokufa?’

OKO UMELE UKWAZI

Abantwana bakhe bacinge ngokufa. Abanye bade badlale imidlalo apho omnye ezenza ngathi ufile. Ngoko, ukufa akumele kube yinto ekungathethwayo ngayo yaye ufanele uyiphendule nayiphi na imibuzo ebuzwa ngumntwana wakho ngokufa. Ngokumane uthetha nomntwana wakho ngako, uya kumnceda anyamezele intlungu yokufelwa ngumntu amthandayo.

Ukuthetha ngokufa akuzi kumenza abe neengcinga ezoyikekayo umntwana wakho. Kunoko, kuya kumnceda ayeke ukoyika. Ewe kona, kusenokufuneka uyilungise indlela azibona ngayo ezinye izinto. Ngokomzekelo ezinye iingcali zithi abantwana abaninzi abangaphantsi kweminyaka emithandathu bacinga ukuba umntu akafi ngokupheleleyo. Xa bedlala, umntwana “uyafa” aze aphinde “avuke” kwangoko.

Noko ke, xa abantwana bekhula, baye bakuqonde ukuba kuthetha ukuthini ukufa—nto leyo eyenza babe nemibuzo, baxhalabe okanye bade boyike ingakumbi xa kufe umntu abamthandayo. Ngoko kubalulekile ukuba uthethe nabo ngale nto. Ugqirha wengqondo uMarion Haza uthi: “Ukuba umntwana uzibona engavumelekanga ukuba athethe ngokufa ekhaya uye akoyike nangakumbi.”

Ungade uzixhalabise kakhulu ngento omele uyithethe. Olunye uphando lubonisa ukuba abantwana bafuna nje “ukuxelelwa inyani ngamazwi obubele.” Yazi ukuba umntwana akafane ayibuze into xa angekakulungeli ukuva impendulo yayo.

OKO UNOKUKWENZA

Wasebenzise amathuba avelayo okuthetha ngokufa. Ukuba umntwana wakho ubona intaka efileyo okanye inja yakhe iyafa, sebenzisa nje imibuzo elula yokumenza athethe. Ngokomzekelo unokumbuza: “Ucinga ukuba isilwanyana esifileyo siyaziva iintlungu? Ucinga ukuba siyalamba okanye sigodole? Ubona njani xa isilwanyana okanye umntu eswelekile?”—Umgaqo weBhayibhile: INtshumayeli 3:1, 7.

Musa ukuyifihla inyani. Xa kusweleka umhlobo okanye isalamane, kuphephe ukuthetha ngendlela engacacanga njengokuthi “Usishiyile.” Umntwana wakho usenokucinga ukuba lo mntu useza kuphinda abuye. Kunoko sebenzisa amazwi alula nangqalileyo. Ngokomzekelo usenokuthi: “Ngoku uMakhulu ebesweleka umzimba wakhe uye wayeka ukusebenza. Asinakukwazi ukuthetha naye, kodwa siya kuhlala simkhumbula.”—Umgaqo weBhayibhile: Efese 4:25.

Umntwana usenokucinga ukuba ukufa kuyosulela, ngoko mqinisekise ukuba akukho nto iza kwenzeka kuye.

Mqinisekise umntwana wakho. Umntwana usenokucinga ukuba nguye obulele lo mntu, ngezenzo okanye ngeengcinga zakhe. Endaweni yokumxelela nje ukuba akukho nto ayenzileyo, usenokumbuza, “Yintoni ekwenza ucinge ukuba lo mntu ufe ngenxa yakho?” Mmamele kakuhle, ungayijongeli phantsi indlela avakalelwa ngayo. Umntwana usenokucinga ukuba ukufa kuyosulela, ngoko mqinisekise ukuba akukho nto iza kwenzeka kuye.

Menze akhululeke. Mbalisele nje ngokukhululekileyo ngabantu obathandayo abaswelekayo, mbalisele nangezalamane angazaziyo. Usenokumncokolela ngamabali ahlekisayo owakhumbulayo kamalume, umakazi, okanye umakhulu notamkhulu. Xa ubalisa ngokukhululeke ngolo hlobo, nomntwana wakho uya kutsho abone ukuba akukho nto imbi ngokuthetha okanye ngokucinga ngabo bantu. Kodwa qiniseka ukuba awumnyanzeli umntwana wakho ukuba athethe. Usenokulinda kuvele elinye ithuba elifanelekileyo lokuphinda uthethe naye ngale nto.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 20:5.

Isahluko 34 no-35 sencwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu singamnceda umntwana wakho azi oko kufundiswa yiBhayibhile ngokufa. Khangela phantsi kwendawo ethi IIMPAPASHO > IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO ZOKUFUNDA IBHAYIBHILE